DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Matshi 2019)

2019 Matshi 31, Cawe

Vuyani, ninethemba nje, ninyamezele ezimbandezelweni zenu, nithandaze ningayeki.

2019 Matshi 30, Mgqibelo

Ukuba uNdikhoyo akayakhi indlu,
bafumana bebulaleka abayakhayo.
Ukuba asaluswa nguNdikhoyo isixeko,
ancam' ubuthongo ngelize amajoni alindayo.

2019 Matshi 29, Lwesihlanu

Kaloku apho bukhoyo ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu.

2019 Matshi 28, Lwesine

Umntu olungileyo uvelisa ukulunga okuphuma entliziyweni yakhe. Ke okhohlakeleyo uvelisa inkohlakalo ephuma entliziyweni yakhe. Kaloku loo nto intliziyo iphuphuma yiyo iphuma ngomlomo.

2019 Matshi 27, Lwesithathu

Bamele ubabonelele ngokwasemthethweni;
ncedisana nabo abahlelelekileyo nabasweleyo.

2019 Matshi 26, Lwesibini

Maluhlale ngokupheleleyo ezintliziyweni zenu udaba lukaKrestu. Fundisanani, niyalane ngobulali. Culani iindumiso, nihlabele amaculo, nivuma iingoma zoMoya, nibulela uThixo ngentliziyo.

2019 Matshi 25, Mvulo

Ke wena, xa sukuba usipha ihlwempu, masingakwazi isandla sakho sasekhohlo okwenziwa sisandla sakho sasekunene, ukuze ke izinwe zakho zingabonwa ngabantu, ze ke uYihlo obona okwenzeka emfihlekweni akuvuze yena ekuhleni.

2019 Matshi 24, Cawe

Makahlukane nobubi, enze okulungileyo;
makaphuthume uxolo, ahlale kulo.

2019 Matshi 23, Mgqibelo

Intlungu yomntu imelwe kukukhathalelwa zizihlobo zakhe,
nditsho nokuba yena selekutyeshele ukumhlonela uSomandla.

2019 Matshi 21, Lwesine

Ngenene uNdikhoyo yingangalala, ufanele ukudunyiswa;
obakhe ubukhulu abuphengululeki.

2019 Matshi 20, Lwesithathu

Elokuphetha ndithi njengokuba nimanywe neNkosi nje, yomelelani nincedwa ngamandla ayo.

2019 Matshi 19, Lwesibini

Kungenxa yezibele zikaNdikhoyo singatshabalalanga nje,
kuba inceba yakhe ayinasiphelo.
Zihlala zintsha imihla ngemihla;
kukhulu ukuthembeka kwakhe.

2019 Matshi 18, Mvulo

Ukuba umntwana umqeqeshile ngendlela yokuziphatha,
soze ahlukane nayo naxa selekhulile.

2019 Matshi 17, Cawe

Ngubani ke onokusahlukanisa nothando lukaKrestu? Yimbandezelo na? Yinkxwaleko na? Yintshushiso na? Yindlala na? Bubuzé na? Yingozi na? Likrele na?

2019 Matshi 16, Mgqibelo

Anazi na ukuba abakhohlakeleyo abayi kubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo? Musani ukulahlekiswa: abarheletyi, nabakhonza izithixo, nabakrexezayo, nabafebayo, nabangamadoda alalanayo, nabangamasela, nababawayo, nabangamanxila, nabathukayo, nabazizikrelemnqa, abanakubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo.

2019 Matshi 15, Lwesihlanu

Uncedo lwethu luvela kuNdikhoyo
ongumdali wamazulu nehlabathi.

2019 Matshi 14, Lwesine

Ukuba uthe wavuma ngomlomo ukuba uYesu yiNkosi, wakholwa nangentliziyo ukuba uThixo wamvusa kwabafileyo, wosindiswa.

2019 Matshi 13, Lwesithathu

Egameni leNkosi yethu uYesu Krestu ndiyanibongoza, mawethu, ukuba nivane, nithethe nto-nye, kungabikho zimbambano phakathi kwenu. Manyanani nibe luqilima, nimxhelo mnye, ninazimvo zinye.

2019 Matshi 12, Lwesibini

Amaxhala ayamtyhafisa umntu;
ke wona amazwi enkuthazo ayahlaziya.

2019 Matshi 11, Mvulo

UKrestu wasikhulula ukuze sibe ngabantu abakhululekileyo mpela! Ngoko ke yimani ngxishi ningahexi, ningavumi ukuphindela kwidyokhwe yobukhoboka.

2019 Matshi 10, Cawe

Kambe ke bona abakholosa ngoNdikhoyo
bosuka bahlaziyeke bomelele.
Bosuka bantinge baxel' ukhozi;
noba sebebaleka, soze badinwe;
ewe, baya kuhamba bangaze batyhafe.

2019 Matshi 9, Mgqibelo

Ndikholosa ngawe usemazulwini;
ungowam nje ke, andilinanze nganto ihlabathi.

2019 Matshi 8, Lwesihlanu

Ke mna ndithi kuni, nina nindivayo: Zithandeni iintshaba zenu, nibenzele okulungileyo abo banithiyileyo. Basikeleleni abo baniqalekisayo, nibathandazele abo banigxekayo.

2019 Matshi 7, Lwesine

Umntu owenza isono waphula umthetho kaThixo. Isono kaloku kukwaphula umthetho.

2019 Matshi 6, Lwesithathu

Umntu owoyiswayo kukuzilawula usesichengeni
oku kwesixeko esindonga ziwileyo.

2019 Matshi 5, Lwesibini

Iingqondo zenu zimiliseleni kwizinto zaphezulu, kungabi kwizinto zalo mhlaba.

2019 Matshi 4, Mvulo

Niyabona, uNdikhoyo uba nani xa nani ningakuye. Xa nizondelela ukumfuna nomfumana; kodwa ke xa nithe namshiya, naye wonishiya.

2019 Matshi 3, Cawe

Ngenene uThixo uyasithamsanqela;
ngamana lamthobela ihlabathi jikelele.

2019 Matshi 2, Mgqibelo

Ewe kaloku, utsho uNdikhoyo,
yena uthi: “Qalisani kwangoku.
Buyelani kum ngamxhelo mnye
ngokuzila, ngeenyembezi, nangesingqala.”

2019 Matshi 1, Lwesihlanu

Yizani kum, nina nonke nisindwayo, nibulalekayo; ndoniphumza.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Balumkeleni abashumayeli abaxokayo, abo beza kuni bezifanisa neegusha, kanti ngaphakathi baziingcuka eziqwengayo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela