DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Epreli 2019)

2019 Epreli 30, Lwesibini

Ndingade ndibe naso nesiphiwo sokushumayela ngefuthe, ndinalo lonke ulwazi, ndizazi nezinto ezingàziwa mntu, ndinalo nokholo olugungqisa iintaba, kodwa ndingenalo uthando, andinto konke!

2019 Epreli 29, Mvulo

Ndibhenela kuwe, Thixo wam:
khawundigoca-goce, undiphicothe, undiqondisise;
ndivavanye uziqonde iingcamango zam!
Ndiqwalasele, hleze ndithi kanti ndiphambukile;
undikhokelele kwindlela eyeyona-yona.

2019 Epreli 28, Cawe

Ukususela ngoko uYesu washumayela esithi: “Guqukani, kuba ulawulo lukaThixo lusemnyango.”

2019 Epreli 27, Mgqibelo

Ngoko ke sisondela singenaxhala kuThixo, sisazi ukuba uyasiphulaphula xa sicela silungele ukwenza loo nto athanda ukuba siyenze.

2019 Epreli 26, Lwesihlanu

Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa,
kodwa lowo umana ewunokoza umcimbi uchitha ubuhlobo.

2019 Epreli 25, Lwesine

Amadoda ngokunjalo makahlalisane kakuhle namakhosikazi awo. Naxa ingabantu ababuthathaka amakhosikazi la, makahlonitshwe; aziindlamafa zesisa sikaThixo ngokulinganayo namadoda. Xa nenjenjalo ke akukho nto iya kuwuphazamisa umthandazo wenu.

2019 Epreli 24, Lwesithathu

Zihlobo zam ezithandekayo, xa ke uThixo asithande ngolu hlobo nathi simelwe kukuthandana.

2019 Epreli 23, Lwesibini

Ndiya kumemelela ndinemincili,
ndicule ngokuzimisela okukhulu
ngenxa yokuba undihlangule.

2019 Epreli 22, Mvulo

Ndawo yokuqala ndazigqithisela kuni ezona ndawo ndazamkelayo, ezi zokuba uKrestu wafela izono zethu, ngokutsho kweziBhalo, nokuba wangcwatywa, nokuba wavuka ekufeni ngomhla wesithathu, ngokweziBhalo.

2019 Epreli 21, Cawe

Akakho apha, uvukile. Khumbulani awakuthetha kuni esekwelaseGalili, esithi: ‘UNyana woLuntu umelwe kukunikelwa ezandleni zaboni, abethelelwe emnqamlezweni, athi ngomhla wesithathu abuye avuke.’

2019 Epreli 20, Mgqibelo

UNdikhoyo uyalifezekisa icebo lakhe ngam.
Kambe ke, Ndikhoyo, izibele zakho zisisimakade;
ungabi sawushiya umsebenzi wezandla zakho.

2019 Epreli 19, Lwesihlanu

Phofu ke ungxwelerhwe ngenxa yokukreqa kwethu;
ewe, ubulewe ngenxa yobugwenxa bethu.
Ukohlwaywa kwakhe kusiphathele uxolo;
thina sinyangwe ngamanxeba akhe.

2019 Epreli 18, Lwesine

Ngoko ke zivumeni izono omnye komnye, nithandazelane, khon' ukuze ninyangeke. Kaloku umthandazo womntu olungileyo unamandla angummangaliso.

2019 Epreli 17, Lwesithathu

Umntu onobugwenxa udala ingxabano;
umntu ohlebayo wahlukanisa izihlobo.

2019 Epreli 15, Mvulo

Ke wena ubathi jize ngenzolo
abo banjongo zingajika-jikiyo,
kuba behlala bekholose ngawe.

2019 Epreli 14, Cawe

Sisindise, siyakubongoza, Ndikhoyo!
Awu, siyatarhuzisa, Ndikhoyo; masiphumelele ngawe!
Banoyolo abangena ngegama likaNdikhoyo;
siyanithamsanqela thina sisendlwini kaNdikhoyo.

2019 Epreli 13, Mgqibelo

Musani ukuboyika abo banibulala ngokwasenyameni, kodwa bengenako ukubulala umphefumlo. Yoyikani uThixo, yena onako ukutshabalalisa umphefumlo kwanomzimba esihogweni.

2019 Epreli 12, Lwesihlanu

Ndiyambongoza ukuba ngobubele bakhe uSosidima anomeleze imo yenu entsha ngoMoya wakhe, khon' ukuze ngokholo uKrestu ahlale ngaphakathi kuni. Nanga ningasekelwa eluthandweni nendele.

2019 Epreli 11, Lwesine

Umntu onyanisekileyo uhamba engaxhalele nto;
ke yena onamaqhinga uya kubhaqwa.

2019 Epreli 10, Lwesithathu

Andikholiswa kukufa kwakhe nabani na, itsho iNkosi uNdikhoyo. Guqukani, nidle ubomi!

2019 Epreli 9, Lwesibini

“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso zam ngani zokuba ndininike intlala-kahle ingabi bububi, ndinidalele ikamva nethemba.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

2019 Epreli 8, Mvulo

Wanga angakunika umnqweno wentliziyo yakho,
aziphumelelise zonk' iinquleqhu zakho.

2019 Epreli 7, Cawe

Xa nicaphukile, umsindo mawunganiqweqwediseli esonweni; futhi malingade litshone ilanga ninomsindo. Umtyholi musani ukumvulela indawo ebomini benu.

2019 Epreli 6, Mgqibelo

Ningabantu bakaThixo abanyuliweyo abathandiweyo nina, abakhe ngenkqu. Ngoko ke nxibani ezifanele abakhe: inceba, ububele, ukuthobeka, ubulali, nomonde.

2019 Epreli 5, Lwesihlanu

Kaloku uNdikhoyo uwalusile amalungisa,
uyayiva imithandazo yawo.

2019 Epreli 4, Lwesine

Njengoko abantu bâthi ngokumanywa kwabo noAdam bafa bonke, ngokunjalo nangokumanywa kwabo noKrestu baya kuvuka bonke.

2019 Epreli 3, Lwesithathu

Ndaweni yaloo nto yenzelanani ububele ninobulali, nixolelane, kwanjengokuba naye uThixo wanixolelayo ngoKrestu.

2019 Epreli 2, Lwesibini

Kodwa ke mna ndiya kucula ndibonga amandla akho;
ndiya kumemelela kwasekuseni,
kuba uthando lwakho luyamangalisa.
Kaloku wena uyinqaba yam,
ungumqolomba ngomhla wembandezelo.

2019 Epreli 1, Mvulo

UYesu wathi kuye: “Ukuba ufuna ukufeza konke ngokupheleleyo, hamba uye kuzithengisa zonke izinto onazo, wabele amahlwempu imali leyo; woba nobutyebi ezulwini; uze kum ke, undilandele.”

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Umntu onyanisekileyo uhamba engaxhalele nto;
ke yena onamaqhinga uya kubhaqwa.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ukuba ninolangazelelo, uThixo uyawamkela umnikelo wenu. Kaloku uThixo ufuna umntu aphe ngokobungakanani bezinto anazo, ingebubo obezinto angenazo.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela