DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Meyi 2019)

2019 Meyi 31, Lwesihlanu

Banoyolo abo bangabaxolisi, kuba uThixo uya kuthi bangabantwana bakhe!

2019 Meyi 30, Lwesine

Akuba etshilo uYesu, wanyuselwa ezulwini, bejongile abafundi bakhe. Lamsitha ilifu, ababa sambona.

2019 Meyi 29, Lwesithathu

Musa ukuzibona usisilumko wena ngokwakho;
ndaweni yaloo nto hlala umhlonela uNdikhoyo, ubucezele ububi.
Loo nto iya kuwunika impilo umzimba wakho,
atsho omelezeke amathambo akho.

2019 Meyi 28, Lwesibini

“Ndim isiqalo nesiphelo,” itsho iNkosi uThixo, uSomandla, uNdikhoyo, owayekho, lowo uya kusoloko ekho.

2019 Meyi 27, Mvulo

Nokhalela kum, nize kundithandaza, ndize mna ndiniphulaphule.

2019 Meyi 26, Cawe

Ngoko ke, nokuba ndihamba kwiingxondorha ezimnyama,
andinadyudyu.
Kaloku ungakum, wena Ndikhoyo;
isagweba sakho nebhunguza lakho lixhadi lam.

2019 Meyi 25, Mgqibelo

Ewe, hambani ngokwemimiselo yonke kaNdikhoyo uThixo wenu, khon' ukuze nizinze kwelo lizwe ningena kulo, nixhamle intlala-kahle nide nikhokhobe.

2019 Meyi 24, Lwesihlanu

Nyamezelanani, nixolelane. Ukuba omnye ukhalazela omnye xolelanani kwanjengokuba nayo iNkosi yanixolelayo.

2019 Meyi 23, Lwesine

Ndiswel' imilomo yokukubonga,
ndikudumise maxa onke.

2019 Meyi 22, Lwesithathu

Xa ke kanti, mawethu, izithembiso ezinje zenzelwa thina, masizenze sibe nyulu emzimbeni nasemphefumlweni, sibe ngcwele ngokuhlala simoyika uThixo.

2019 Meyi 21, Lwesibini

Ngoko ke ndinawe, sukoyika;
ndinguThixo wakho, sukuphakuzela.
Ndiza kukomeleza ndikusize,
amandla am asindisayo akuxhase akukhusele.

2019 Meyi 20, Mvulo

Hay' inyhweba yomntu omthobelayo uNdikhoyo,
ohamba ngokwemimiselo yakhe.

2019 Meyi 19, Cawe

Kufanelekile ukuba simbulele uThixo ngawo onke amaxesha ngenxa yenu, mawethu. Ewe, kulunge kanye ukuba simbulele ngenxa yokuba ukholo lwenu luya lusanda ngokwanda. Yaye nokuthandana kwenu kuya kukhula ngakumbi nangakumbi.

2019 Meyi 18, Mgqibelo

Noba sewucand' emanzini,
mna ndiya kuba nawe;
noba sowuwela imilambo,
ayisoze ibe nako ukukukhukulisa;
nditsho sowucand' emlilweni, soze urhawuke;
amadangatye akanakukutshisa wena.

2019 Meyi 17, Lwesihlanu

Khawukhangele ukubukeka nomkhitha
wokuhlala kwezalamane ngemvano!

2019 Meyi 16, Lwesine

“Sivumelekile ukwenza nayiphi na into,” kukho abatshoyo. Ewe kunjalo kambe, kodwa azilunganga zonke izinto. Ewe: “Sivumelekile ukwenza nayiphi na into,” kodwa izinto azakhi zonke.

2019 Meyi 15, Lwesithathu

Olona thando lukhulu umntu anokuzithanda ngalo izihlobo zakhe kukuba ubomi bakhe abuncamele zona.

2019 Meyi 14, Lwesibini

Mfo wam, musa ukuyidela ingqeqesho kaNdikhoyo,
ungasicekisi isiluleko sakhe.
Kaloku uNdikhoyo uyamluleka umntu amthandayo,
kwanjengokuba uyise emohlwaya unyana anebhongo ngaye.

2019 Meyi 13, Mvulo

Nokuba ke nenza ntoni na, nokuba niyatya, nokuba niyasela, yenzelani udumo lukaThixo.

2019 Meyi 12, Cawe

Waphendula ke esithi:
“Ngaba umfazi angalulibala na usana lwakhe,
ade angavakalelwa ngowakhe umntwana?
Noba ke yena angade amlibale,
okokwam ke mna soze ndikufulathele,
kuba igama lakho ndilivambile,
ndilithe tyaba esandleni sam;
iindonga zakho zihlala zisemehlweni am.”

2019 Meyi 11, Mgqibelo

Uyaweva amalungisa akuzibika kuye,
awakhulule kuzo zonke iinzima zawo.
UNdikhoyo ukufuphi nâbo badakumbileyo,
ebaphakamisa abo baphelelwe lithemba.

2019 Meyi 10, Lwesihlanu

Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kuze adlule.

2019 Meyi 9, Lwesine

Makabongwe uThixo, uyise weNkosi yethu uYesu Krestu, uBawo uSozinceba, uThixo umthombo wentuthuzelo. Yena uyasithuthuzela ezimbandezelweni zethu zonke, ukuze nathi sikwazi ukubathuthuzela abanye kwangaloo ntuthuzelo ivela kuye.

2019 Meyi 8, Lwesithathu

Izikrelemnqa ziboleka zingabuyisi,
ke lona ilungisa lipha ngesisa.

2019 Meyi 7, Lwesibini

Kaloku unako uThixo ukunipha nangaphezu kweemfuneko zenu, ukuze nisoloko nanele kwiimeko zonke, nibe nako ukuhlangabezana nayo yonke imisebenzi emihle.

2019 Meyi 6, Mvulo

Ngaloo mini uThixo uya kuvuza elowo nalowo ngokwemisebenzi yakhe.

2019 Meyi 5, Cawe

NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek' umoya;
ewe, uya kukwalusa ungachukunyiswa nto.
Ngenene, uNdikhoyo uya kukwalusa,
xa uhambayo naxa ubuyayo,
kuqalela ngoku kude kube nini-nini.

2019 Meyi 4, Mgqibelo

Kuba kaloku uNdikhoyo uThixo wenu unesisa novelwano. Akasayi kunifulathela ukuba nibuyela kuye.

2019 Meyi 3, Lwesihlanu

UThixo unguMoya; abo ke bamnqulayo kufuneka bamnqule ngoMoya benyanisekile.

2019 Meyi 2, Lwesine

Ndithe ke ndakusivuma kuwe isono sam,
ndabuxela ubugwenxa bam, ndisithi:
“Ndisixela kuwe, Ndikhoyo, isono sam;”
wandixolela wena ityala lam.

2019 Meyi 1, Lwesithathu

Ngoko ke ayisendim ophilayo, nguKrestu ophilayo kum. Ubomi ke endibudlayo ngoku ndimanywe noNyana kaThixo, ndibudla ngokholo kulowo wandithandayo, wabuncama obakhe ubomi ngenxa yam.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Usindiso lufumaneka ngaye kuphela, kuba akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Alukho uloyiko apho kukho uthando, kuba uthando oluyondeleleneyo luyakugxotha ukoyika. Kaloku emntwini owoyikayo uthando alukayondelelani, kuba ukoyika kuhambisana nesohlwayo.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela