DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Juni 2019)

2019 Juni 30, Cawe

Masisondele ke ngoko singenadyudyu apho ahleli khona esihlalweni sokulawula uThixo wethu onenceba; apho sakwenzelwa khona ububele nesisa, sincedakale ngoku kuselithuba.

2019 Juni 29, Mgqibelo

Ngaphezu kwazo zonke ezi zinto yongezani uthando, lona lubopha izinto zonke zibe yimbumba egqibeleleyo.

2019 Juni 28, Lwesihlanu

Kaloku izibele zothando lwakho ziyabugqwesa nobomi,
ngoko ndiya kuhlala ndikudumisa.
Ndiya kukubonga lo gama ndisaphilayo;
ndiya kunyukela kuwe ngomthandazo.

2019 Juni 27, Lwesine

Lowo woyisileyo wovatha ezimhlophe. Andisoze ndilicime igama lakhe kuludwe lwamagama abo baphilayo. Kaloku ndiya kumvuma ukuba ungowam phambi kukaBawo nezithunywa zakhe.

2019 Juni 26, Lwesithathu

Njengamakholwa aseziintsana langazelelani ubisi olungangxengwanga: ndixela ilizwi likaThixo eliya kunikhulisa nide nisindiswe.

2019 Juni 25, Lwesibini

Kulungile ukuzuza ubulumko kunokufumana igolide;
kungcono ukukhetha ulwazi kunokwamkela isiliva.

2019 Juni 24, Mvulo

Abo ndibathandayo ndiyabakhalimela ndibohlwaye. Ngoko ke zimisele, uguquke.

2019 Juni 23, Cawe

Musani ukugweba, ze nani ningagwetywa nguThixo.

2019 Juni 22, Mgqibelo

Xa ndandinxubile, ndixhalabile,
wandithuthuzela, wandonwabisa wena.

2019 Juni 21, Lwesihlanu

Kufuneka incwadi yomthetho ikukhokele kuyo yonke into oyithethayo. Uze uyifunde uyigocagoce ubusuku nemini, uzazi uzithobele izinto ezibhaliweyo kuyo. Xa wenjenjalo woba nenkqubela nempumelelo.

2019 Juni 20, Lwesine

Thandanani ngokwabazalanayo. Shiyiselanani ngokwenzelana imbeko.

2019 Juni 19, Lwesithathu

Ukunyaniseka kuyamalusa umntu othe ngqo,
kodwa ke bona ubuqhokolo buyawabhangisa amaqhophololo.

2019 Juni 18, Lwesibini

Kaloku isiqhamo sokumelana nezilingo ngokholo lunyamezelo.

2019 Juni 17, Mvulo

Izinto zonke zadalwa ngaye; ngaphandle kwakhe akubangakho nto idaliweyo.

2019 Juni 16, Cawe

Bufana nomzali kubantwana
ububele bukaNdikhoyo kwabamnik' imbeko.

2019 Juni 15, Mgqibelo

Qondani kaloku nizikise ukuba uNdikhoyo uThixo wenu uyaniqeqesha njengomzali eqeqesha abantwana bakhe.

2019 Juni 14, Lwesihlanu

Bazeleleleni bonke abantu. INkosi isemnyango.

2019 Juni 13, Lwesine

Umntu ovana nezilumko naye uba sisilumko;
ke yena otshomana nezityhakala uyenzakala.

2019 Juni 12, Lwesithathu

Kaloku umntu ukholwa ngentliziyo, aze abe lilungisa phambi koThixo; uvuma ngomlomo, aze asindiswe.

2019 Juni 11, Lwesibini

Usindiso lufumaneka ngaye kuphela, kuba akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo.

2019 Juni 10, Mvulo

Ukuba uyazithoba, umhlonela uNdikhoyo,
uya kuxhamla ubutyebi, isidima, nobomi.

2019 Juni 9, Cawe

Ekufikeni komhla wePentekoste babehlangene ndawonye bonke. Ngesaquphe beva isandi esingathi kukuza komoya omkhulu, uvuthuza esibhakabhakeni. Sayizalisa indlu ababehleli kuyo isandi eso.

2019 Juni 8, Mgqibelo

Waza uYesu wathi: “Bayekeni abantwana beze kum, ningabanqandi, kuba ábalawulwa nguThixo ngabanjengabo.”

2019 Juni 7, Lwesihlanu

Xa ndandisendisithi ndiyoyisakala,
wandixhasa ngezibele zakho wena, Ndikhoyo.

2019 Juni 6, Lwesine

Nangona uThixo engazanga wabonwa mntu nje, uhlala emanyene nathi ukuba siyathandana, luthi nothando lwakhe luyondelelane kuthi.

2019 Juni 5, Lwesithathu

Wasisindisa. Kwakungengakuba senze misebenzi mihle, kodwa kwakungenxa yenceba yakhe. Wasihlamba ngoMoya oyiNgcwele, wasizala ngokutsha, saza safumana ubomi obutsha.

2019 Juni 4, Lwesibini

Ukwenza ubulungisa nokuthe ngqo
kwamkelekile kuNdikhoyo kunamadini.

2019 Juni 3, Mvulo

Musani ukuba natyala lanto mntwini, lingelilo elokuthandana. Kaloku omthandayo omnye uwuthobele ngokupheleleyo umthetho.

2019 Juni 2, Cawe

Ewe, Ndikhoyo, bobakho bonke ubukhulu ndawonye namandla;
naso isidima sikwasesakho, ubungangamsha nobunewu-newu.
Kaloku zezakho zonke ezisezulwini,
kanti nezisemhlabeni ikwazezakho.
Ewe, Ndikhoyo, lolwakho ulawulo;
uyingqanga-ngqanga evelele konke jikelele.

2019 Juni 1, Mgqibelo

UThixo ulihlathi nenqaba yethu;
ngexesha leenkathazo uluncedo oluhlala lulungile.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Nguye owasisindisayo wasibiza ukuba sibe ngabanyuliweyo, kungengamisebenzi yethu, kodwa ngenxa yenjongo nobubele bakhe. Wasenzela obu bubele ngoKrestu Yesu kwantlandlolo.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela