DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Julayi 2019)

2019 Julayi 31, Lwesithathu

Ndiyakuthanda, Ndikhoyo, mandla am.
NguNdikhoyo iliwa lam; nguye inqaba yam; nguye umkhuseli wam.
Xa ndizimele ngoThixo wam ndihlala ndikhuselekile.
Nguye ikhaka lam, nguye ondigcina ndifihlakele.

2019 Julayi 30, Lwesibini

Andifekethi ngesisa sikaThixo; kuba, ukuba umntu ebenokuba lilungisa phambi koThixo ngenxa yokugcina umthetho, loo nto ibiya kuthetha ukuba wafumana wafa uKrestu.

2019 Julayi 29, Mvulo

UNdikhoyo uThixo wakho unawe;
uligorha elisindisayo.
Yena unemihlali ngawe, enovuyo;
uya kukuthulisa ngothando lwakhe;
ugcoba ngawe eyiyizela.

2019 Julayi 28, Cawe

UNdikhoyo ngumvuli wamehlo eemfama,
umphakamisi wâbo bawileyo.
UNdikhoyo ngumathand' amalungisa.

2019 Julayi 27, Mgqibelo

Kuba kaloku uMoya esimnikwe nguThixo asingowobuphakuphaku, koko uvuselela isibindi, uthando, nokuzeyisa.

2019 Julayi 26, Lwesihlanu

Umyalelo endiniyala ngawo ngowokuba nithandane njengoko mna ndanithandayo.

2019 Julayi 25, Lwesine

Yizani siqubude simnqule,
siguqe phambi koNdikhoyo umdali wethu.

2019 Julayi 24, Lwesithathu

Ngoko ke zithobeni phantsi kwesandla sikaThixo esinamandla; yena ke uya kuniphakamisa ngexesha elifanelekileyo.

2019 Julayi 23, Lwesibini

Inene, okholwayo kum uya kuzenza izinto endizenzayo, ade enze nezinkulu kunezi, kuba ndiya kuBawo.

2019 Julayi 22, Mvulo

Khanilungiselele abaxakekileyo neenkedama,
nibonelele iintsizana namahlwempu.

2019 Julayi 21, Cawe

Kodwa ke, ukuba siyazivuma izono zethu, uThixo uthembekile, ulilungisa; wosixolela izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi.

2019 Julayi 20, Mgqibelo

Ngoko ke, njengoko senenjenjalo kakade, khuthazanani, nakhane omnye nomnye.

2019 Julayi 19, Lwesihlanu

Kuba wena, Nkosi, ulungile, uyaxolela;
uphuphuma luthando kwabo bakholosa ngawe.

2019 Julayi 18, Lwesine

Musani ukuba ngamathandamali. Yanelani yinto eninayo. Kaloku uThixo uthi: “Andiyi kukuyekela; ndingayi kukufulathela.”

2019 Julayi 17, Lwesithathu

Ndizabalazile elugqatsweni olukhulu; ngoku ndifikile entanjeni; ke lona ukholo ndilugcinile. Ngoku ke sendilindelwe yimbasa, isithsaba esibonakalisa ubulungisa, eya kundithwesa sona ngaloo Mini inkulu iNkosi, uMgwebi ogweba engenaxanasi. Phofu ke asindim ndedwa olindelwe seso sithsaba, koko ngabo bonke abayithandayo iNkosi eza kufika.

2019 Julayi 16, Lwesibini

Ubutyebi obufunyenwe ngobuqhophololo abuphumelelisi,
kodwa ke kona ukuziphatha kakuhle kuhlangula ekufeni.

2019 Julayi 15, Mvulo

Ke yena wathi: “Yithi kanye: unoyolo lowo ulivayo ilizwi likaThixo alenze.”

2019 Julayi 14, Cawe

Ngoko ke, mawethu athandekayo, yomelelani ningathandabuzi. Yisebenzeleni ngenkuthalo iNkosi ngalo lonke ixesha, kuba kakade ukubulaleka kwenu ngenxa yeNkosi akunakulambatha.

2019 Julayi 13, Mgqibelo

Ndinqwenela into enye kuphela kuNdikhoyo,
ndaye ndifuna yona kanye:
le yokuba ze ndihlale kwaNdikhoyo yonke imihla yobomi bam,
ndiqwalasele ubuhle bakhe, ndimfune endlwini yakhe.

2019 Julayi 12, Lwesihlanu

Phaphani ngoko, kuba ningàwazi umhla wokufika kweNkosi yenu.

2019 Julayi 11, Lwesine

Lungekho ke ukholo akukho ukumkholisa uThixo. Kaloku wonke ubani ozayo kuye kufuneka akholwe ukuba ukho uThixo, yaye uyabavuza abo bamlangazelelayo.

2019 Julayi 10, Lwesithathu

Umntu ongaqiqiyo akayikhathalele imfundiso kayise;
kambe ke yena ozamkelayo iziluleko unengqondo.

2019 Julayi 9, Lwesibini

Ze ningaziqwebeli ubutyebi emhlabeni, apho konakalisa inundu nomhlwa, nalapho amasela aqhekezayo ebe. Koko ziqwebeleni ubutyebi ezulwini, apho kungonakalisi nundu namhlwa, nalapho amasela angaqhekeziyo ebe.

2019 Julayi 8, Mvulo

Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.

2019 Julayi 7, Cawe

Wena ulikhaka nekhusi lam;
ndiqamele ngelizwi lakho.

2019 Julayi 6, Mgqibelo

Akukho nto indonwabisa njengokuva ukuba abantwana bam bahlala bethe ngcembe enyanisweni.

2019 Julayi 5, Lwesihlanu

Inkulu ngokungenambaliso imfihlelo yonqulo lwethu. Kaloku uKrestu Yesu:
Wavela ngesimo sobuntu
waza wangqinelwa nguMoya,
wabonwa zizithunywa zezulu.
Washunyayelwa ezizweni,
wamkelwa lihlabathi,
waza wawongwa ezulwini.

2019 Julayi 4, Lwesine

Zonke iindlela zomntu zibonakala zilungile kwawakhe amehlo,
kanti ke nguNdikhoyo oyibeka esikalini intliziyo yomntu.

2019 Julayi 3, Lwesithathu

Eyivile ke le nto uYesu, uphendule wathi: “Sukoyika; kholwa nje wena. Yophiliswa.”

2019 Julayi 2, Lwesibini

Umntu othi uyamthanda uThixo kodwa abe emthiyile uwabo, ulixoki. Kaloku ukuba akamthandi uwabo lo ambonayo, akanako ukumthanda uThixo angamboniyo.

2019 Julayi 1, Mvulo

Zola phambi koNdikhoyo, ulindele kuye,
ungazidubi ngabantu abaphumelela ngamaqhinga.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Sanukusebenzela ukutya okuphelayo; sebenzelani ukutya okungapheliyo, okusisondlo sobona bomi bungenasiphelo. Oko kutya niya kukunikwa nguye uNyana woLuntu, kuba uYise, uThixo, wamgunyazisela oko.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Vuyani maxa onke, nithandaze njalo-njalo. Nakuyiphi na imeko bulelani. UThixo uthanda ukuba nenjenjalo njengokuba nimanywe noKrestu Yesu nje.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela