DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Agasti 2019)

2019 Agasti 31, Mgqibelo

Ngoko ke olo daba naluvayo kwasekuqaleni lugcineni ezintliziyweni zenu. Ukuba ke olo daba naluvayo kwasekuqaleni luhleli kuni, nani niya kusoloko nimanyene noNyana ngokunjalo noYise.

2019 Agasti 30, Lwesihlanu

Namhla kunamhla, yimini kaNdikhoyo;
masizonwabise sibe nemihlali ngayo.

2019 Agasti 29, Lwesine

Khumbulani kaloku ukuba uNdikhoyo uThixo wenu lo nguThixo ekukuphela kwakhe, kungekho wumbi ngaphaya; futhi ke uthembekile. Uyawugcina umnqophiso wakhe, futhi izibele zakhe ziphuphumela kwâbo bamthandayo beyigcina imiyalelo yakhe kuse kumawaka ezizukulwana.

2019 Agasti 28, Lwesithathu

Ngalinye ke, zintathu izinto eziya kuhlala zihleli: lukholo, nethemba, nothando. Engaphezu kwazo zonke ke luthando.

2019 Agasti 27, Lwesibini

Ngubani yena umntu, le nto umkhumbulelayo,
engubani yena unyana womntu, le nto umkhathalelayo?

2019 Agasti 26, Mvulo

Kodwa ke bona ubulumko obuvela phezulu bumsulwa; bunolungelelwano, nobubele, buyazelelela. Bona bunovelwano, yaye buvelisa imisebenzi emihle; abunamkhethe naluhanahaniso.

2019 Agasti 25, Cawe

Kuba siphila ngokukholwa, kungekuko ngezinto esizibonayo.

2019 Agasti 24, Mgqibelo

Wuphulaphule umthandazo wam, Ndikhoyo;
sive isikhungo sam.
Wena uthembekile, ulilungisa; nceda undiphendule.

2019 Agasti 23, Lwesihlanu

UMoya enimamkeleyo akanenzi amakhoboka, wona aphakuzelayo. Kaloku namkele uMoya onenza oonyana abathi: “Tata!” kuThixo.

2019 Agasti 22, Lwesine

Ke iNkosi ayikubambezeli ukuzalisekiswa kwesithembiso esenzileyo, njengoko abanye baba kunjalo. Nto nje ininyamezele kuba ingafuni kutshabalale mntu. Koko ifuna wonke ubani afumane ithuba lokuguquka.

2019 Agasti 21, Lwesithathu

Eyona nto emawuyilondoloze ngaphezu kwazo zonke ezinye yintliziyo yakho,
kuba yona ingumthombo wobomi.

2019 Agasti 20, Lwesibini

NguThixo kuphela umniki-mthetho nomgwebi. Nguye kuphela onelungelo lokusindisa okanye atshabalalise. Kuxa ungubani ke wena ude ugwebe ummelwana wakho nje?

2019 Agasti 19, Mvulo

Ngoko ke asilangazeleli zinto zibonwayo, silangazelela ezingabonwayo. Kaloku ezibonwayo izinto zezexeshana nje, kanti ezingabonakaliyo ziya kuhlala zihleli.

2019 Agasti 18, Cawe

Ndihlala ndimbeke phambi kwam uNdikhoyo;
ungasekunene kwam, ngoko ke andiyi kushukunyiswa nto.

2019 Agasti 17, Mgqibelo

Khaniqwalasele iintaka. Azihlwayeli, azivuni, azigcini siseleni, kanti uYihlo osezulwini uyazondla. Ke, kungakanani na ukuxabiseka kwenu kunazo!

2019 Agasti 16, Lwesihlanu

Wathi ke kubo: “Hambani niye kulo lonke ihlabathi, nizivakalise iindaba ezimnandi kulo lonke elimiweyo.”

2019 Agasti 15, Lwesine

Ke zon' izibele zikaNdikhoyo zivelela abamhloneleyo;
uhlala enobubele kwizizukulwana ngezizukulwana,
kwabanyanisekileyo kumnqophiso wakhe
nabathobela imithetho yakhe.

2019 Agasti 14, Lwesithathu

Uxolo eniluphiwa nguKrestu malube lulo olugweba iintliziyo zenu, kuba uThixo wanibizela kolu xolo ukuze nibe ngamalungu omzimba omnye. Phuphumani ke ngumbulelo.

2019 Agasti 13, Lwesibini

Lowo ukholwayo abhaptizwe wosindiswa; ke yena ongakholwayo wogwetywa.

2019 Agasti 12, Mvulo

UNdikhoyo ngumqolomba:
bazimela kuye abalungisayo, basinde.

2019 Agasti 11, Cawe

Kaloku nokuba sidla ubomi, siphilela iNkosi, nokuba siyafa, sifela iNkosi. Ngoko ke nokuba sidla ubomi, nokuba siyafa, singabeNkosi.

2019 Agasti 10, Mgqibelo

Ekuqaleni uThixo wadala izulu nomhlaba. Kwakuselubala nje emhlabeni, kungekho nto ikhoyo. Inzonzobila yamanzi eyayigubungele konke yayithiwe gqume sisithokothoko sobumnyama. UMoya kaThixo wafukama phezu kwaloo manzi.

2019 Agasti 9, Lwesihlanu

Ilizwi lakho sisibane sendlela yam;
liyandikhanyisela eluhambeni.

2019 Agasti 8, Lwesine

Lowo ke uswele amandla elukholweni, mamkeleni, kodwa kungabi nganjongo yakuphikisana nezimvo zakhe.

2019 Agasti 7, Lwesithathu

Wathi kuyo uYesu: “Hamba uhambe; ukholo lwakho lukuphilisile.”
Yabona ke kwangoko, yamlandela uYesu endleleni apho.

2019 Agasti 6, Lwesibini

UNdikhoyo ngumkhuseli wabahambi nabangeneleli,
umxhasi wabahlolokazi neenkedama.
Ke bona abakhohlakeleyo uyabatshabalalisa.

2019 Agasti 5, Mvulo

Wathi kubo uYesu: “Ndim isonka sobomi. Ozayo kum akasoze alambe, nokholwayo kum akasoze anxanwe.”

2019 Agasti 4, Cawe

Ithembekile yona kambe iNkosi. Yonikhusela inigcine kuhlaselo lwendoda enobuqhokolo.

2019 Agasti 3, Mgqibelo

Isiseko sobulumko kukuthobela uNdikhoyo;
umntu omaziyo oyiNgcwele kanye uzuza ingqiqo.

2019 Agasti 2, Lwesihlanu

Kakade nabizelwa loo nto; kaloku uKrestu waphatheka kabuhlungu ngenxa yenu, waza ngaloo ndlela wanishiya nomzekelo, ukuze nina nihambe ekhondweni lakhe.

2019 Agasti 1, Lwesine

Nazi ke zona iziqhamo zoMoya: luthando, novuyo, noxolo; umonde, ububele, ukulunga, nentembeko; ubulali, nokuzeyisa. Awukho ke umthetho ochasa izinto ezinjengezi.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ke ukuba ulithobele ilizwi likaNdikhoyo uThixo wakho, wayenza ngononophelo imiyalelo endikunika yona namhlanje, uNdikhoyo uya kukuphakamisa kunazo zonke izizwe zehlabathi.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela