DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Epreli 2022)

2022 Epreli 30, Mgqibelo

Lowo woyisileyo wovatha ezimhlophe. Andisoze ndilicime igama lakhe kuludwe lwamagama abo baphilayo. Kaloku ndiya kumvuma ukuba ungowam phambi kukaBawo nezithunywa zakhe.

2022 Epreli 29, Lwesihlanu

Ukuba ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi yena uYihlo osezulwini ukugqithisela ukubapha uMoya oyiNgcwele abo bamcelayo?

2022 Epreli 28, Lwesine

Thandazani ke ngoko nina nithi:
“ ‘Bawo wethu osezulwini:
Malaziwe lihlonelwe igama lakho,
malongame ulawulo lwakho,
makwenziwe ukuthanda kwakho, emhlabeni njengasezulwini.”’

2022 Epreli 27, Lwesithathu

Musa ukuvuma ukudelwa ngabantu ngenxa yokuba usemncinci. Yiba ngumzekelo kuwo onke amakholwa, ngentetho yakho, ngokuziphatha, ngothando, ngentembeko, nangobunyulu.

2022 Epreli 26, Lwesibini

IziBhalo zithi kuya kugqabhuka imisinga yamanzi aphilisayo embilinini walowo ukholwayo kum.

2022 Epreli 25, Mvulo

Bathembele ngawe, Ndikhoyo, bonke abakwaziyo;
kaloku akuzange ubafulathele abo bakufunayo.

2022 Epreli 24, Cawe

Sondelani kuThixo naye azokusondela kuni. Hlambani izandla zenu, nina bonindini! Nizenze nyulu iintliziyo zenu, nina bahanahanisi!

2022 Epreli 23, Mgqibelo

Kaloku yena uNyana woLuntu wezela ukufuna kwanokusindisa abantu abalahlekileyo.

2022 Epreli 22, Lwesihlanu

Kungenxa yezibele zikaNdikhoyo singatshabalalanga nje,
kuba inceba yakhe ayinasiphelo.
Zihlala zintsha imihla ngemihla;
kukhulu ukuthembeka kwakhe.

2022 Epreli 21, Lwesine

Basikeleleni abanitshutshisayo; sikelelani, ningaqalekisi.

2022 Epreli 20, Lwesithathu

Ke ngoko kuqala zondelelani ukulawulwa nguThixo, nenze ubulungisa obufunwa nguye, waye ke yena eya kunongezelela zonke ezi zinto.

2022 Epreli 19, Lwesibini

Ndisindiswa nguThixo, uliwonga lam.
UThixo yinqaba yam, ndizimela ngaye.

2022 Epreli 18, Mvulo

Hlalani nithandana kanye ngale ndlela wanithanda ngayo uKrestu. Yena wazincama ngenxa yenu, wazenza umnikelo nedini elivumba limnandi kuThixo.

2022 Epreli 17, Cawe

Akakho apha, uvukile. Khumbulani awakuthetha kuni esekwelaseGalili, esithi: ‘UNyana woLuntu umelwe kukunikelwa ezandleni zaboni, abethelelwe emnqamlezweni, athi ngomhla wesithathu abuye avuke.’

2022 Epreli 16, Mgqibelo

Ingca iyatshaza, yona ke intyatyambo ibune,
ke lona ilizwi loThixo wethu lohlala lihleli.

2022 Epreli 15, Lwesihlanu

Wadanduluka ke uYesu ngezwi elikhulu, wathi: “Bawo, ndiyawunikela ezandleni zakho umoya wam!” Akuba etshilo, waphuma umphefumlo.

2022 Epreli 14, Lwesine

Ngaphezu koko, siqhayisa nangeembandezelo ezi, sisazi nje ukuba iimbandezelo zisiqhelisa ukunyamezela. Ke ukunyamezela kubonisa ukuba sicikidekile. Ukucikideka ke kudala ithemba.

2022 Epreli 13, Lwesithathu

Ukuba ke uNyana uthe wanenza nakhululeka, noba ngabakhululekileyo mpela.

2022 Epreli 12, Lwesibini

Zonwabise ngokululamela uNdikhoyo;
wokunika umnqweno wentliziyo yakho.

2022 Epreli 11, Mvulo

Niya kuthi ke nakumfuna uNdikhoyo uThixo wenu nikuloo meko nimfumane; ewe, ukuba nimfuna nimlangazelela ngomxhelo wenu wonke niya kumfumana.

2022 Epreli 10, Cawe

Izihlwele ezazihamba phambi koYesu nezazimlandela zazidanduluka zisithi: “Camagu! Nyana kaDavide! Makabongwe lo uzayo egameni leNkosi! Sithi: ‘Bayethe!’ kuPhezukonke!”

2022 Epreli 9, Mgqibelo

Umntu uyaceba acwangcise entliziyweni yakhe,
kodwa ke licebo likaNdikhoyo eliphumelelayo.

2022 Epreli 8, Lwesihlanu

Musani ke ukuthatha isimilo sabantu beli phakade, kodwa iingqondo zenu maziguquke zihlaziyeke, nize niyivume intando kaThixo, yona ilungileyo, ikholekileyo, igqibeleleyo.

2022 Epreli 7, Lwesine

Hayi ke, yitya isonka sakho wonwabile, usele iwayini yakho uchwayitile entliziyweni, kuba ngoku lithuba elikholekileyo kuThixo lokuba wenze oko.

2022 Epreli 6, Lwesithathu

Andinadyudyu, kuba uNdikhoyo ungakum;
okokwakhe yena umntu akanakundenza nto konke.

2022 Epreli 5, Lwesibini

Wathi kuyo uYesu: “Hamba uhambe; ukholo lwakho lukuphilisile.”
Yabona ke kwangoko, yamlandela uYesu endleleni apho.

2022 Epreli 4, Mvulo

Wathi kuye uYesu: “Oo, uthi: ‘Ukuba ndinako;’ – zonke izinto zinokwenzeka kokholwayo.”

2022 Epreli 3, Cawe

Kulungile ukuzuza ubulumko kunokufumana igolide;
kungcono ukukhetha ulwazi kunokwamkela isiliva.

2022 Epreli 2, Mgqibelo

Akukho mntu unokukhonza iinkosi ezimbini, kuba uya kuyithiya le, ayithande leya, okanye abambelele kule, ayidele leya. Aninako ukukhonza uThixo kwanobutyebi.

2022 Epreli 1, Lwesihlanu

Nohlala nanele ukuze nikwazi ukusoloko ninezinwe, khon' ukuze uThixo abulelwe ngabantu abaninzi ngenxa yezipho zenu abazifumana kuthi.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Umntu onyanisekileyo uhamba engaxhalele nto;
ke yena onamaqhinga uya kubhaqwa.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Lowo uhleli ekhuselwe nguPhezukonke,
uhlala esemthunzini kaSomandla.
Yena uya kuthi: “Ndikhoyo, ungumkhuseli wam;
uyinqaba yam, wena Thixo, ndiya kuthembela kuwe.”
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela