DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Meyi 2022)

2022 Meyi 31, Lwesibini

Kaloku nguNdikhoyo onika ubulumko;
luphuma emlonyeni wakhe ulwazi nokuqonda.

2022 Meyi 30, Mvulo

Thwalisanani ubunzima; xa nenjenjalo ke nithobela umyalelo kaKrestu.

2022 Meyi 29, Cawe

Xa nihleli nimanyene nam, nisoloko nisenza ngokwamazwi am, nocela nantoni na ke eniyifunayo, niyifumane.

2022 Meyi 28, Mgqibelo

Yizani siqubude simnqule,
siguqe phambi koNdikhoyo umdali wethu.

2022 Meyi 27, Lwesihlanu

Yiyo ke loo nto ndithi umkhulu, wena Ndikhoyo Nkosi yam. Akukho onjengawe, kungekho naThixo ngaphandle kwakho, njengoko sazivelayo ngezi zethu iindlebe.

2022 Meyi 26, Lwesine

Ndiyabuya; andiyi kunishiya niziinkedama.

2022 Meyi 25, Lwesithathu

Uhlala eyalusa indlela yamalungisa,
aze abakhusele kwihambo yabo âbo banyanisekileyo kuye.

2022 Meyi 24, Lwesibini

Kaloku siyakholwa ukuba uYesu wafa, wabuya wavuka. Ngokukwanjalo ke nâbo bafe bemanywe noYesu uThixo uya kubabuyisa kunye noYesu.

2022 Meyi 23, Mvulo

Ndiwuphatha gadalala umzimba wam, ndiwuqhelisa, ukuze uhlale ulawuleka; hleze ndithi ndakuba ndibashumayezile abanye, mna ngokwam ndingamkeleki.

2022 Meyi 22, Cawe

Khanibuxhamle ububele bukaNdikhoyo;
ngenene unoyolo umntu othembela ngoNdikhoyo!

2022 Meyi 21, Mgqibelo

Ngosuku lokugqibela, olo ke lulolona lubalulekileyo lwetheko, wema uYesu, wathetha ngelivakalayo esithi: “Onxaniweyo makeze kum asele.”

2022 Meyi 20, Lwesihlanu

Ngaphezu koko ke hlalani nithandana, kuba kaloku uthando luyazingcwaba izono.

2022 Meyi 19, Lwesine

Ndikhwebule kubuqhetseba nokuxoka;
mandingade ndibe sisityebi okanye ndihlwempuzeke,
nto nje ndiqhekezele isonka sam semihla ngemihla.

2022 Meyi 18, Lwesithathu

Nihlale nithobekile ngawo onke amaxesha, ninobulali nomonde, ninyamezelana ngothando.

2022 Meyi 17, Lwesibini

Koko masithi sonke ngabanye sikholise abamelwane bethu ezintweni ezilungileyo ezinokulukhulisa ukholo lwabo.

2022 Meyi 16, Mvulo

Xa ndandisendisithi ndiyoyisakala,
wandixhasa ngezibele zakho wena, Ndikhoyo.

2022 Meyi 15, Cawe

Hlonelani iNkosi uKrestu ehleli kuni ngaphakathi, nihlale nilungele ukuphendula nabani na onibuza ngethemba eniqamele ngalo.

2022 Meyi 14, Mgqibelo

Kaloku ithi intlungu yakusetyenziswa nguThixo, izise inguquko esa ekusindisweni; akukho kuzisola ke ngoko. Kodwa intlungu yasehlabathini yona ibanga ukufa.

2022 Meyi 13, Lwesihlanu

“Kaloku ingcinga zam azifani nezenu,
neendlela zenu azifani nezam,”
utsho yena uNdikhoyo!

2022 Meyi 12, Lwesine

Musa ukunqwenela umzi womnye umntu, nokuba ngumfazi wakhe, nokuba sisicaka sakhe okanye isicakakazi sakhe, nokuba yinkomo yakhe, nokuba yidonki yakhe, okanye nantoni na eyeyomnye umntu.

2022 Meyi 11, Lwesithathu

Thina kaloku sanikwa lo myalelo yiNkosi:
“ ‘Ndikumisele ukuba ube sisibane sokukhanyisela iintlanga,
ube yindlela yokusindiswa kwalo lonke elimiweyo.’”

2022 Meyi 10, Lwesibini

UNdikhoyo ukufuphi kwabo babhenela kuye,
kwabo bamfuna benyanisekile.

2022 Meyi 9, Mvulo

Hayi ubukhulu bothando lukaThixo uYise kuthi! Uthando lwakhe lukhulu kangangokuba ude athi uThixo singabantwana bakhe. Kambe ke singabo ngenene. Yiyo loo nto lingasiqondi nje ihlabathi; noThixo kaloku alimazi.

2022 Meyi 8, Cawe

Mhlonele uyihlo ndawonye nonyoko, khon' ukuze ube nokuzinza kwelo lizwe ndikunika lona mna Ndikhoyo Thixo wakho.

2022 Meyi 7, Mgqibelo

Ukuba uyazithoba, umhlonela uNdikhoyo,
uya kuxhamla ubutyebi, isidima, nobomi.

2022 Meyi 6, Lwesihlanu

Yanga ingalukhulisa iNkosi uthando eninalo luphuphume, nithandane, nithande naye wonke ubani, kanye ngale ndlela ndinithanda ngayo mna.

2022 Meyi 5, Lwesine

Waphendula yena wathi: “IziBhalo zithi: ‘Umntu akaphili ngasonka sodwa; uphila ngamazwi onke athethwa nguThixo.’”

2022 Meyi 4, Lwesithathu

UNdikhoyo ngumvuli wamehlo eemfama,
umphakamisi wâbo bawileyo.
UNdikhoyo ngumathand' amalungisa.

2022 Meyi 3, Lwesibini

Wasisindisa. Kwakungengakuba senze misebenzi mihle, kodwa kwakungenxa yenceba yakhe. Wasihlamba ngoMoya oyiNgcwele, wasizala ngokutsha, saza safumana ubomi obutsha.

2022 Meyi 2, Mvulo

Yondikhusela iNkosi kulo naliphi na ilinge lokundenzakalisa. Yondikhusela ndide ndifike kulawulo lwayo ezulwini. Huntshu-u-u! Mayibongwe iNkosi ngonaphakade! Amen.

2022 Meyi 1, Cawe

Abakhutheleyo ngabo abaya kulawula;
ke wona amavila aphelela kumsebenzi wobukhoboka.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Umntu onyanisekileyo uhamba engaxhalele nto;
ke yena onamaqhinga uya kubhaqwa.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela