2022 Juni 30, Lwesine
Ubulumko ngoyena ndoqo, bufunisise!Fumana ingqiqo, nokuba kudle konke onako.
2022 Juni 29, Lwesithathu
Ngaba ùba andinako ukumcela uBawo, aze kwangoku andikhuphele amawaka-waka ezithunywa zezulu eziyimikhosi engaphezu kweshumi elinambini?2022 Juni 28, Lwesibini
Ke ukunyamekela izinto zesimo esonakeleyo kusa ekufeni, kanti ke ukunyamekela ezoMoya kusa ebomini naseluxolweni.2022 Juni 27, Mvulo
Ndiya kuphumla ngenzolo, ndilale;nguwe kuphela kaloku, Ndikhoyo, ondinqabisayo.
2022 Juni 26, Cawe
Ziphoseni kuye zonke iingxaki zenu; kaloku nguye onalusayo.2022 Juni 24, Lwesihlanu
Umfanekiso womntu emanzini ubonakalisa inkangeleko yakhe;ngokunjalo nentliziyo yomntu ibonakalisa into ayiyo.
2022 Juni 23, Lwesine
Ngoku ke usalindele ntoni? Vuka, ubhaptizwe, zixolelwe izono zakho ngokubiza igama lakhe.2022 Juni 22, Lwesithathu
Kaloku mnye uThixo, ukwamnye nalowo ungumxolelanisi kaThixo nomntu. NguKrestu Yesu ongumntu ncakasana.2022 Juni 21, Lwesibini
Wena undazisa iindlela zobomi;kaloku ndizala yimincili xa ndiphambi kwakho.
Ngasekunene kwakho yimihlali yodwa kude kube ngunaphakade.
2022 Juni 20, Mvulo
Ndaweni yaloo nto inyaniso masiyithethe siqhutywa luthando, khon' ukuze siye simfuza uYesu ngokupheleleyo. Kaloku nguye intloko.2022 Juni 19, Cawe
Udumo lukaBawo luyatshatshela xa nivelisa iziqhamo ezininzi, nisenjenjalo kuba ningabafundi bam.2022 Juni 18, Mgqibelo
‘Guquka, mkreqikazindini Sirayeli!’Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
‘Andizi kuba sakukhangela ngobuso obusangeneyo,
kuba ndinenceba.’
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
Úthi: ‘Andiyi kuhlala ndiniqumbele.’
2022 Juni 17, Lwesihlanu
Ke ngoko nayiphi na into eniyicela kum ndiya kuyenza, ukuze uYise abonakalise amandla akhe ngoNyana.2022 Juni 16, Lwesine
Zamelani ukuhlala ngoxolo niyilaa mbumba yamanyama wanenza nayiyo uMoya oyiNgcwele.2022 Juni 15, Lwesithathu
Ndikhoyo, uyabathamsanqela abakuthobelayo,ubafukamele ngobubele ngathi bagqunywe ngekhaka.
2022 Juni 14, Lwesibini
Ngoku nisilahlileyo isimo esidala sanukuxokisana. Kaloku ngoku nambethe isimo esitsha, athe chu kuhle ukusihlaziya uThixo, ukuze sifuze yena mdali waso, nokuze nani nimazi ngokupheleleyo.2022 Juni 13, Mvulo
Kodwa ke kunjengoko zitshoyo iziBhalo ukuthi:“Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe,
nezingathanga qatha ntliziyweni yamntu,
zezi kanye uThixo wazilungiselela abo bamthandayo.”
2022 Juni 12, Cawe
Hayi, akakh' onjengawe;hayi bo, wahlukile wena, Ndikhoyo!
Akukh' ongxondorha injengoThixo wethu!
2022 Juni 11, Mgqibelo
Ewe, kaloku nguye idini elicamagushela izono zethu. Phofu akacamagusheli ezethu kuphela, koko ucamagushela ezehlabathi liphela.2022 Juni 10, Lwesihlanu
Wonke ke umntu owevayo la mazwi am, aze awenze, unokufanekiswa nendoda eyingqondi, ethe yayakhela phezu kwesiseko samatye indlu yayo.2022 Juni 9, Lwesine
Wena unguThixo wam,ngoko ke ndifundise ukuthanda kwakho.
UMoya wakho wobubele
makandikhokelele endleleni esisithabazi!
2022 Juni 8, Lwesithathu
Kaloku bonke bonile; bayalabalaba kubuqaqawuli ababulungiselelwe nguThixo. Kanti ke uThixo uyabababala abantu; ubenzela isisa: nangona bengafanelanga ubagwebela ngaye uYesu Krestu obakhululayo.2022 Juni 7, Lwesibini
Makungabikho bani ubuyekeza ububi ngobubi, kodwa maxa onke zamani kangangoko ninako ukulungiselelana, nibanceda bonke abantu.2022 Juni 6, Mvulo
Nguye umtyhili weentsonkotha ezifihlakeleyo;nezisemnyameni izinto yena uyazazi.
Ngenene yena ulikhaya lokukhanya.
2022 Juni 5, Cawe
Bakuba begqibile ukuthandaza, indawo ababehlangene kuyo yazanya-zanyiswa. Bonke bazaliswa nguMoya oyiNgcwele, baza baluthetha udaba lukaThixo benobuganga.2022 Juni 4, Mgqibelo
Ke uMmeli uMoya oyiNgcwele, lowo uBawo aya kumthuma egameni lam, uya kunifundisa zonke izinto, anikhumbuze ngako konke endithe ndanixelela kona.2022 Juni 3, Lwesihlanu
Ewe, nguwe inqaba yam nekhusi lam;ndikhokele, undithundeze, lidunyiswe igama lakho.
2022 Juni 2, Lwesine
Wawubhengeza kuni umnqophiso wakhe emaniwuthobele, nditsho imithetho elishumi ayibhale kumacwecwe amabini amatye.2022 Juni 1, Lwesithathu
Kodwa ke bona ubulumko obuvela phezulu bumsulwa; bunolungelelwano, nobubele, buyazelelela. Bona bunovelwano, yaye buvelisa imisebenzi emihle; abunamkhethe naluhanahaniso.Izihloko ezinxulumeneyo
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ithemba
“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Usapho
Le miyalelo ndikunika yona...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Makuqukuqele ukunyaniseka njengomlambo,nobulungisa njengomsinga ongatshiyo.
Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Umnyangi wabantliziyo zenzakeleyo,ewe, umbophi wamanxeba abo.Ivesi elandelayo!