DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Julayi 2022)

2022 Julayi 31, Cawe

Baninzi phofu abaya kuthi bengabokuqala babe ngabokugqibela, nabokugqibela abaya kuba ngabokuqala.

2022 Julayi 30, Mgqibelo

Ubutyebi obufunyenwe ngobuqhophololo abuphumelelisi,
kodwa ke kona ukuziphatha kakuhle kuhlangula ekufeni.

2022 Julayi 29, Lwesihlanu

Nina nilukhanyiso lwehlabathi. Umzi omi phezu kwentaba awunakufihlakala.

2022 Julayi 28, Lwesine

Nina, mawethu, nibizelwe enkululekweni. Kodwa ke inkululeko yenu mayingabi lokroba lokuba nilawulwe sisimo esidala. Ndaweni yaloo nto khonzanani niqhutywa luthando.

2022 Julayi 27, Lwesithathu

Khumbula, Ndikhoyo, inceba yakho,
nothando lwakho obukade unalo kwakudala.
Ungazikhumbuli izono zobutsha bam,
nokungathobeli kwam umthetho wakho;
kanye ndazelelele ngothando olungagungqiyo,
ngenxa yobubele bakho, Ndikhoyo.

2022 Julayi 26, Lwesibini

Uze uyithande ke iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela, nangamandla akho ephela.

2022 Julayi 25, Mvulo

Ke kaloku thina sonke, sinobuso obutyhiliweyo, ubuqaqawuli beNkosi sibubona ngokungathi kusesibukweni. Ngoko ke siyaguqulwa sifane nayo ncam, sinesidima esiya sikhula. Yonke ke le nto ivela eNkosini ekwanguMoya.

2022 Julayi 24, Cawe

Umntu uyalucwangcwisa uhambo lwakhe,
kodwa nguNdikhoyo olawula ukunyathela kwakhe.

2022 Julayi 23, Mgqibelo

Ngoko ke yithobeleni imiyalelo kaNdikhoyo uThixo wenu, nihambe ngeendlela zakhe, nimhlonele.

2022 Julayi 22, Lwesihlanu

Ukuba uwenu uthe wona, yiya uthethe naye ninodwa. Ukuba úthe wakuva, woba umzuzile uwenu.

2022 Julayi 21, Lwesine

Ngubani yena umntu, le nto umkhumbulelayo,
engubani yena unyana womntu, le nto umkhathalelayo?

2022 Julayi 20, Lwesithathu

Aa, Mhlekazi Ndikhoyo, wena wasolula isandla sakho, wawenza umhlaba nesibhakabhaka ngamandla akho amakhulu! Akukho nanye into ekunqabelayo wena!

2022 Julayi 19, Lwesibini

Kaloku uThixo ihlabathi ulithande kangangokuba ude wancama uNyana okuphela kwakhe, ukuze wonke umntu ozinikele kuye ngokupheleleyo angatshabalali, koko abe nobona bomi bungenasiphelo.

2022 Julayi 18, Mvulo

UNdikhoyo ngumqolomba:
bazimela kuye abalungisayo, basinde.

2022 Julayi 17, Cawe

Kuzo zonke izinto isiphelo sisemnyango. Ngoko ke hlalani nisezingqondweni, nikuqulele ukuthandaza.

2022 Julayi 16, Mgqibelo

Hlalani ngoxolo nabo bonke abantu. Yibani nyulu, kuba ngaphandle kobunyulu akukho mntu uya kuyibona iNkosi.

2022 Julayi 15, Lwesihlanu

Kaloku ilizwi likaNdikhoyo linyanisekile,
nemisebenzi yakhe yonke inyanisekile.

2022 Julayi 14, Lwesine

Uthembekile uThixo, yena wanibizayo ukuba nibe nobudlelane noNyana wakhe uYesu Krestu iNkosi yethu.

2022 Julayi 13, Lwesithathu

Qinani nikhaliphe, ningaxhali, ningabi nayo nedyudyu. Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu ungakuni; soze arhoxe okanye anilahle.

2022 Julayi 12, Lwesibini

Akunani kwaintwana engephi oyizuze ngendlela elungileyo
kunentabalala yengeniso oyifumene ngondlela-mnyama.

2022 Julayi 11, Mvulo

Inene, lingaphela izulu nehlabathi, kodwa akuyi kupheliswa nalinye iganyana nokuba lisuntswana emthethweni, kungathanga kwenzeka konke.

2022 Julayi 10, Cawe

Lunje ke olu thando: Ayisithi esamthandayo uThixo, koko nguye owasithandayo, wasinika uNyana wakhe, ukuze acamagushele izono zethu.

2022 Julayi 9, Mgqibelo

Akwambathise ngamaphiko akhe, akufihle ekhusini lakhe,
kube likhaka nekhuselo lakho ukuthembeka kwakhe.

2022 Julayi 8, Lwesihlanu

Khangela, mna ndinguNdikhoyo, uThixo woluntu luphela. Akukho nanye into enokundinqabela.

2022 Julayi 7, Lwesine

Ewe, umthàmbo owenzelwa ukolula amalungu omzimba unendawo yawo. Kodwa ke uphelele apho. Kanti kona ukukhonza uThixo kunenzuzo egqithileyo, kuba akuthembisi bomi balapha kuphela, kuthembisa nobelizayo.

2022 Julayi 6, Lwesithathu

Masintyiloze sidumise uNdikhoyo,
kuba wenze imisebenzi emikhulukazi;
olu daba malufikelele ehlabathini jikelele.

2022 Julayi 5, Lwesibini

Kaloku omphikayo uNyana uyamphika kwanoYise; ukanti ke omamkelayo uNyana umamkele noYise.

2022 Julayi 4, Mvulo

Abe njengaye uNyana woLuntu, yena ongezanga kukhonzwa, koko oweza kukhonza nokuncama ubomi bakhe bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.

2022 Julayi 3, Cawe

InguNdikhoyo nje ondikhanyiselayo,
inguye nje ondisindisayo, ndingoyika ntoni?
InguNdikhoyo nje inqaba yam, ndingoyika bani?

2022 Julayi 2, Mgqibelo

Ndibhala nje ndifuna niqonde, nina nikholwayo kwigama loNyana kaThixo, ukuba ninobomi obungenasiphelo.

2022 Julayi 1, Lwesihlanu

YiNgxondorha emsebenz' ufezekileyo;
iindlela zakhe bubulungisa bodwa;
uThixo othembekileyo enyanisekile,
yena lilungisa elingenakumbi.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Lungekho ke ukholo akukho ukumkholisa uThixo. Kaloku wonke ubani ozayo kuye kufuneka akholwe ukuba ukho uThixo, yaye uyabavuza abo bamlangazelelayo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Wathi kuye uYesu: “Oo, uthi: ‘Ukuba ndinako;’ – zonke izinto zinokwenzeka kokholwayo.”Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela