DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Agasti 2022)

2022 Agasti 31, Lwesithathu

Siyazi kaloku ukuba xa ithe yachithwa le ndlu yalapha emhlabeni, sinesakhiwo asilungiselele sona uThixo, esisezulwini, esiya kuhlala sihleli.

2022 Agasti 30, Lwesibini

Ke apho kukho umona nokuzigwagwisa kuba nguqulukubhode nazo zonke iintlobo zeentlondi.

2022 Agasti 29, Mvulo

Isiseko sobulumko kukuthobela uNdikhoyo;
umntu omaziyo oyiNgcwele kanye uzuza ingqiqo.

2022 Agasti 28, Cawe

Ubabalo lweNkosi uYesu maluhlale kuni nonke.

2022 Agasti 27, Mgqibelo

Uthe ke uNdikhoyo uThixo emva koko: “Akukuhle ukuba le ndoda ihlale ililolo. Kuhle ndiyenzele umlingane onokuncedisana nayo.”

2022 Agasti 26, Lwesihlanu

Ndikhoyo, undinike ikhaka lokuhlanganisa,
wandixhasa ngesandla sakho esinamandla;
undibonelele ndatsho ndazimaseka.
Undimise endaweni ephangaleleyo;
azinakutyibilika kuyo iinyawo zam.

2022 Agasti 25, Lwesine

Ewe, nokuba ndinganikisa ngempahla yam yonke, ndide nam ngokwam ndizinikele ukuba nditshiswe, kodwa ke ndingenalo uthando, akuncedi nto konke-konke.

2022 Agasti 24, Lwesithathu

Yibani moya mnye. Musani ukusukela amawonga; yaneliswani kukuzithoba. Musani ukuzicingela ukuba niziingqondi.

2022 Agasti 23, Lwesibini

Yintsikelelo kaNdikhoyo enika umntu ubutyebi;
kambe ke yona ayihambi nazintsizi.

2022 Agasti 22, Mvulo

NguThixo kuphela umniki-mthetho nomgwebi. Nguye kuphela onelungelo lokusindisa okanye atshabalalise. Kuxa ungubani ke wena ude ugwebe ummelwana wakho nje?

2022 Agasti 21, Cawe

Musani ukoyika, mhlambi omncinane, kuba kukholekile kuYihlo ukunamkelela kulawulo lwakhe olutsha.

2022 Agasti 19, Lwesihlanu

Wathi uThixo makubekho ukukhanya. Kwabakho ukukhanya.

2022 Agasti 18, Lwesine

Nina ke, bazali, abantwana musani ukubaphatha gadalala, bade babe nenzondo, koko banikeni ingqeqesho nemiyalo yobuKrestu.

2022 Agasti 17, Lwesithathu

Okuzuzwa ngumntu okhohlakeleyo ngenkohliso kuyaphela,
phofu ke ohlala esenza okulungileyo ufumana umvuzo oqinisekileyo.

2022 Agasti 16, Lwesibini

Ezi zinto ndizithethe kuni ukuze nibe novuyo enilunikwe ndim, luze uvuyo lwenu lugqibelele.

2022 Agasti 15, Mvulo

Ke uThixo obonelela umhlwayeli ngembewu nangesonka, uya kunibonelela nani ngembewu eniyisweleyo, ayikhulise inivelisele isivuno esihle ngokobubele benu.

2022 Agasti 14, Cawe

Zilahlele kuNdikhoyo, ukholose ngaye;
yena ke wokwenzelelela.
Wobutyhila bukhanye njengelanga ubulungisa bakho,
kucace mhlophe ukulunga kwakho.

2022 Agasti 13, Mgqibelo

Ewe, ndiyeza kamsinya! Ulowo nalowo ndiya kumphathela ibhaso ngokwemisebenzi yakhe!

2022 Agasti 12, Lwesihlanu

Nani benifudula nihleli ebumnyameni. Nithe ke nakuba ngamaKrestu, nasekukhanyeni. Ngoko ke ziphatheni ngokwabantu abaqheleneyo nokukhanya.

2022 Agasti 11, Lwesine

Qiqa phambi kokuba ubeke unyawo lwakho endleleni,
ukuze ihambo yakho iqiniseke.

2022 Agasti 10, Lwesithathu

Nguwo lo umyalelo esiwunikwe nguKrestu ngenkqu: Ukuba umntu uyamthanda uThixo, makamthande nowabo.

2022 Agasti 9, Lwesibini

Ke mna ndithi kuni, zithandeni iintshaba zenu, nibathandazele abo banitshutshisayo.

2022 Agasti 8, Mvulo

UThixo olizwi ndilidumisayo
ndikholosa ngaye ndingenadyudyu.
Soze andenze nto umntu.

2022 Agasti 7, Cawe

Ke bona abahlwayeli boxolo abaseluxolweni bavuna ubulungisa.

2022 Agasti 6, Mgqibelo

Ndithi: kuni makongame inceba, uxolo, nothando.

2022 Agasti 5, Lwesihlanu

Umntu osisiyatha uzibonakalisa kwangoko xa ecaphukile;
kanti ke yena umntu oqiqayo akazidubi ngezithuko.

2022 Agasti 4, Lwesine

Phofu ke, nokuba ningatshutshiswa ngenxa yokwenza okulungileyo, ikwalithamsanqa naloo nto. Ze ningoyiki nina, ningaxhali nokuxhala oku.

2022 Agasti 3, Lwesithathu

Ngenxa yoko musani ukulixhalela ingomso. Ingomso liya kuxhalela okwalo. Ziyanele imini nganye iingxaki zayo.

2022 Agasti 2, Lwesibini

Wuphulaphule umthandazo wam, Ndikhoyo;
sive isikhungo sam.
Wena uthembekile, ulilungisa; nceda undiphendule.

2022 Agasti 1, Mvulo

Kungoko ke athe uThixo wamphakamisa kakhulu,
wamthi jize ngelona gama lingaphezu kwawo onke amanye amagama,
ukuze bonke abaphilayo,
ezulwini, emhlabeni, naphantsi komhlaba,
bagobe amadolo benika imbeko kwigama likaYesu.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Balumkeleni abashumayeli abaxokayo, abo beza kuni bezifanisa neegusha, kanti ngaphakathi baziingcuka eziqwengayo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Makubulelwe ke kuThixo osinika uloyiso ngayo iNkosi yethu uYesu Krestu!Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela