DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Septemba 2022)

2022 Septemba 30, Lwesihlanu

Isela lizele kuphela ukuba libe, lixhele, litshabalalise. Mna ndizele ukuba abantu babe nobomi, obona bupheleleyo.

2022 Septemba 29, Lwesine

Into yonke uyimisele ixesha layo. Umntu yena umnike ulangazelelo lokuqonda nangamaxesha angamiselwanga. Kodwa ke umntu akafikeleli ekuyazini into eyenziwa nguThixo ukususela ekuqaleni kuye esiphelweni.

2022 Septemba 28, Lwesithathu

Hayi inyhweba yomntu ongahambiyo ngecebo labantw' abagwenxa,
ongahambiyo ekhondweni lamatshijolo,
umnt' ongadlelaniyo nabaphoxisayo.

2022 Septemba 27, Lwesibini

Bahlonele abahlolokazi; ndithetha abahlolokazi ngenene.

2022 Septemba 26, Mvulo

Lushumayele udaba, zingisa ukuluvakalisa ngamathuba alungileyo naxakileyo. Baqononondise abantu, ukhalime, ubakhuthaze, ufundisa ngomonde.

2022 Septemba 25, Cawe

Umntu oyithandayo ingqeqesho uthanda ulwazi;
kodwa ke yena ongafuni kululekwa usisityhakala.

2022 Septemba 24, Mgqibelo

Guqukani! Rhoxani kuzo zonke izikreqo enizenzayo, ukuze ningatshabalali ngenxa yenkohlakalo yenu.

2022 Septemba 23, Lwesihlanu

Ngokunjalo ndithi kuni kuya kubakho uvuyo kwizithunywa zikaThixo ngomoni omnye oguqukayo.

2022 Septemba 22, Lwesine

Mna ndiya kuxhamla inkululeko,
kuba ndihamba ngemimiselo yakho.

2022 Septemba 21, Lwesithathu

Utsho ke uNdikhoyo kwindlu kaSirayeli ukuthi:
“Quqelani kum, niphile.”

2022 Septemba 20, Lwesibini

Sikhululwe sazixolelwa izono zethu ngegazi likaKrestu. Siyaphuphuma kuthi isisa.

2022 Septemba 19, Mvulo

Umntu oyifihlayo intiyo lixoki;
ke yena osasaza iindaba zolwimi sisiyatha.

2022 Septemba 18, Cawe

Masithini na ke ngezi zinto? Ukuba uThixo ungakuthi ngubani onokusichasa?

2022 Septemba 17, Mgqibelo

Ngoko ke nathi ngokwethu siyalwazi, saye sikholosa ngalo uthando aluthululele kuthi uThixo.
UThixo uluthando, yaye nabani na ohlala eluthandweni uhlala emanyene noThixo, noThixo uhlala emanyene naye.

2022 Septemba 16, Lwesihlanu

Ewe, Thixo, intliziyo yam yidale ngokutsha, ibe nyulu;
wuhlaziye umoya wam, ndikhaliphe.

2022 Septemba 15, Lwesine

Uyabona, ndimi emnyango ndinkqonkqoza. Ukuba umntu uyeva aze avule, ndiya kungena ndihlale naye, sitye kunye.

2022 Septemba 14, Lwesithathu

Kaloku zonke izinto ziphuma kuyo iNkosi, zikho ngayo, zikholo yona. Mayidunyiswe ke iNkosi kude kube ngunaphakade! Amen.

2022 Septemba 13, Lwesibini

Banoyolo abo batshutshiswayo ngokuba besenza ubulungisa, kuba balawulwa nguThixo bona!

2022 Septemba 12, Mvulo

Xa nditshoyo ke andikhalazeli kuswela. Kaloku mna ndafunda ukwanela nakuyiphi na imeko endikuyo.

2022 Septemba 11, Cawe

Mandiphethe ngelithi, mawethu, hlalani nicinga ngezinto eziyinyaniso nezindilekileyo nazo zonke izinto ezilungileyo nezinyulu, zonke ezithandekayo nezinesidima, nangezinto ezintle ngokupheleleyo kwanezincomekayo.

2022 Septemba 10, Mgqibelo

Kaloku, wena Thixo, usivavanyile;
usicikide njengesiliva.

2022 Septemba 9, Lwesihlanu

IziBhalo kaloku zithi: “Lowo ukholwayo kuye akayi kudaniswa.”

2022 Septemba 8, Lwesine

Mhla wavela umntu uzalwa ngunina ezé;
mhla andulukayo uhamba kwangolo hlobo eze ngalo.
Kuko konke ukubulaleka kwakhe umntu apha emhlabeni
umka engaphathanga nto ngesandla sakhe.

2022 Septemba 7, Lwesithathu

Ndithembele ngokupheleleyo kuNdikhoyo;
ewe, ndikholosa ngelizwi lakhe.

2022 Septemba 6, Lwesibini

Bonke abacela kuwe, baphe. Kothatha izinto zakho uzungabuye uzibize.

2022 Septemba 5, Mvulo

Ithemba ke lona alidanisi, kuba uthando lukaThixo luthululelwe ezintliziyweni zethu ngoMoya oyiNgcwele esamnikwayo.

2022 Septemba 4, Cawe

Unyana osisilumko ulibhongo likayise,
ke yena osisityhakala ungumva-ndedwa kanina.

2022 Septemba 3, Mgqibelo

Xa sithe sayithobela yonke imiyalelo, siya kumkholisa uNdikhoyo uThixo wethu.

2022 Septemba 2, Lwesihlanu

Xa ningabaxoleli abantu izigqitho zabo, noYihlo akayi kunixolela iziphoso zenu.

2022 Septemba 1, Lwesine

Ndibonise indlela yakho, Ndikhoyo;
ndifundise iindlela zakho.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Umntu onyanisekileyo uhamba engaxhalele nto;
ke yena onamaqhinga uya kubhaqwa.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ngoko ke, njengoko senenjenjalo kakade, khuthazanani, nakhane omnye nomnye.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela