DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Okthoba 2022)

2022 Okthoba 31, Mvulo

Makadunyiswe uThixo kweliphezulu,
kube luxolo emhlabeni kubantu abamkholisayo.

2022 Okthoba 30, Cawe

Nawuphi na umntu ovumayo ukuba uYesu nguNyana kaThixo, uhlala emanyene noThixo, noThixo uhlala emanyene naye.

2022 Okthoba 29, Mgqibelo

Umntu ongazikhathaleleyo izizalwane zakhe, ingakumbi ezihlala naye, selelulahlile ukholo, ungcole ngaphezu kwabangakholwayo.

2022 Okthoba 28, Lwesihlanu

Nkosi, Thixo, sithamsanqelise!
Siphumelelise kuyo yonke imizamo yethu;
ewe, yiphumelelise yonke imizamo yethu.

2022 Okthoba 27, Lwesine

Ngoko ke bonke banikeni okubafaneleyo – irhafu kofanelwe yirhafu, umrhumo kofanelwe ngumrhumo, ukuhlonitshwa kofanelwe kukuhlonitshwa, imbeko kofanelwe yimbeko.

2022 Okthoba 26, Lwesithathu

Abo baxhinele ubutyebi beyela kwizilingo nemigibe, bathi bexinwe yiminqweno yobudenge eyingozi, batshone ebundlavinini nasekutshabalaleni.

2022 Okthoba 25, Lwesibini

Amandla am nguMhlekazi uNdikhoyo;
uzenza iinyawo zam zibe njengezenxala;
ngaye ndihamba kweziphezulu iindawo.

2022 Okthoba 24, Mvulo

Kaloku akukho nanye into enokumnqabela uThixo.

2022 Okthoba 23, Cawe

Ke wena, xa uthandazayo, ngena egumbini lakho, uluvale ucango, uthandaze kuYihlo ongabonwayo. Ke uYihlo, yena obona okwenzeka emfihlekweni, wokuvuza.

2022 Okthoba 22, Mgqibelo

Ndiyakuthanda, Ndikhoyo, mandla am.
NguNdikhoyo iliwa lam; nguye inqaba yam; nguye umkhuseli wam.
Xa ndizimele ngoThixo wam ndihlala ndikhuselekile.
Nguye ikhaka lam, nguye ondigcina ndifihlakele.

2022 Okthoba 21, Lwesihlanu

Masithi nca kwisivumo seli themba sinalo; kaloku unyanisekile lowo usithembisileyo.

2022 Okthoba 20, Lwesine

Musani ukukhathazeka; kholosani ngoThixo, nikholose nangam.

2022 Okthoba 19, Lwesithathu

Kaloku iNkosi iyawajonga amalungisa,
iyiphulaphule imithandazo yawo.
Kodwa iyabafulathela abenzi bobubi.

2022 Okthoba 18, Lwesibini

Iziyalo nezicwangciso ngokunjalo nemimiselo eniyinikwe nguNdikhoyo uThixo wenu ze niyithobele ngenyameko.

2022 Okthoba 17, Mvulo

Kuba othe wathanda ukusindisa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, nangenxa yeendaba ezimnandi ezi, wobusindisa.

2022 Okthoba 16, Cawe

UNdikhoyo uyabanakekela abo bamhlonelayo
nabo bathembe izibele zenceba yakhe.

2022 Okthoba 15, Mgqibelo

Kambe ke, ukudla ubomi, kum kukuthobela uKrestu. Ukufa ke kona kuzisa lukhulu.

2022 Okthoba 14, Lwesihlanu

Ndiyamcela ukuba anikhanyisele nibe nokuqonda, khon' ukuze nilazi ithemba anibizele kulo, niziqonde iintsikelelo ezingaka ezililifa lemilowo yakhe.

2022 Okthoba 13, Lwesine

Kufana nomgibe emntwini xa enikezele ngento kuNdikhoyo buphuthu-phuthu,
aze kamva acinge ngenye indlela ngezibhambathiso zakhe.

2022 Okthoba 12, Lwesithathu

Kuba iziBhalo zithi:
“Ndingophilayo nje, itsho iNkosi, aya kugoba kum onke amadolo,
zimdumise uThixo zonke iilwimi.”

2022 Okthoba 11, Lwesibini

Kungenxa yale nto ke singethi mandla nje. Kaloku imo yethu entsha isuka ihlaziyeke ngokuhlaziyeka, nokuba imo yethu endala yona iya isonakala ngokonakala.

2022 Okthoba 10, Mvulo

Ngamana angamkeleka kuwe, Ndikhoyo,
amazwi am neengcamango zentliziyo yam,
wena mkhuseli wam nomkhululi wam.

2022 Okthoba 9, Cawe

INkosi le ke nguMoya. Apho ke ukhona uMoya weNkosi kubakho inkululeko.

2022 Okthoba 8, Mgqibelo

Kodwa uNdikhoyo nize nimthobele nimkhonze ninyanisekile ngomxhelo uphela. Kaloku nizibonile ukuba zinkulu kwazo izinto anenzele zona.

2022 Okthoba 7, Lwesihlanu

Ubulungisa buyasiphakamisa isizwe;
ke sona isono lihlazo nakwesiphi na isizwe.

2022 Okthoba 6, Lwesine

Njengoko sikholwa, sígwetyelwe nguThixo, sinoxolo naye ngenxa yeNkosi yethu uYesu Krestu.

2022 Okthoba 5, Lwesithathu

Wawaphendula uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, bonke abenza isono bangamakhoboka esono.”

2022 Okthoba 4, Lwesibini

NguNdikhoyo okhokelela umntu kwindlela amakahambe ngayo;
nguye omenza akholeke kuye.

2022 Okthoba 3, Mvulo

Njengokuba ke isono salawula ngokufa, ngokunjalo nobabalo lulawula ngokwenziwa kwethu amalungisa nguThixo. Lonu lusikhokelela ebomini obungonaphakade ngenxa kaYesu Krestu iNkosi yethu.

2022 Okthoba 2, Cawe

Ngamandla akhe uThixo usenzele zonke izinto eziyimfuneko ebomini, ukuze siziphathe ngokwentando yakhe; nokuze sazane nalowo usibizileyo, khon' ukuze sibuxhamle ubuqaqawuli nesidima sakhe.

2022 Okthoba 1, Mgqibelo

Usixolele amatyala ethu,
njengokuba nathi sibaxolela abasonayo.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Bufana nomzali kubantwana
ububele bukaNdikhoyo kwabamnik' imbeko.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Umntu uyalucwangcwisa uhambo lwakhe,
kodwa nguNdikhoyo olawula ukunyathela kwakhe.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela