DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Okthoba 2015)

2015 Okthoba 31, Mgqibelo

Musa ukuthi: “Bekungani ukuba imihla yamandulo ibe ngcono kunale yangoku?”
Kaloku ayibubo ubulumko ukubuza umbuzo onjalo.

2015 Okthoba 30, Lwesihlanu

Noba ungade ungadubuli umkhiwane,
umdiliya ungabi nazo neziqhamo,
nokuba awungevelisi nto umnquma,
namasimi ngokwawo angabi nasivuno,
zingade zingabikho iigusha esibayeni,
nobuhlanti bungabi nazo nazinkomo,
ewe, khona kungade kube njalo,
kodwa mna ndochwayita kuNdikhoyo,
ndibe nemihlali kuThixo ondisindisayo.

2015 Okthoba 29, Lwesine

Ke nina, zihlobo zam, ningabantwana bakaThixo. Ninamandla kunabashumayeli abaxokayo. Kaloku lowo ninefuthe lakhe mkhulu kunalowo linefuthe lakhe ihlabathi.

2015 Okthoba 28, Lwesithathu

Umnqweno ongafezekiyo uyamngcungcuthekisa umntu;
kanti ke wakufezeka umnqweno ufana nomthi onika ubomi.

2015 Okthoba 27, Lwesibini

Khawuvuke! Vuka, Jerusalem!
Khanya! Ukhanyiso lwakho luthwasile;
isihomo sikaNdikhoyo sikujikelezile.

2015 Okthoba 26, Mvulo

Wonke ke umntu owevayo la mazwi am, aze awenze, unokufanekiswa nendoda eyingqondi, ethe yayakhela phezu kwesiseko samatye indlu yayo.

2015 Okthoba 25, Cawe

Umntu uyalucwangcwisa uhambo lwakhe,
kodwa nguNdikhoyo olawula ukunyathela kwakhe.

2015 Okthoba 24, Mgqibelo

Nihlale nithobekile ngawo onke amaxesha, ninobulali nomonde, ninyamezelana ngothando.

2015 Okthoba 23, Lwesihlanu

Mawoo kulowo uphikisana noMenzi wakhe!
Imbiza nje yomdongwe ingathini ukusuka iphikisane nombumbi wayo?
Ungathini umdongwe ukuthi kumbumbi: “Wenza ntoni kodwa?”
Ingakhalaza na imbiza ithi: “Uliqhithala, mbumbindini”?

2015 Okthoba 22, Lwesine

Kaloku nguNdikhoyo onika ubulumko;
luphuma emlonyeni wakhe ulwazi nokuqonda.

2015 Okthoba 21, Lwesithathu

Makungabikho bani ubuyekeza ububi ngobubi, kodwa maxa onke zamani kangangoko ninako ukulungiselelana, nibanceda bonke abantu.

2015 Okthoba 20, Lwesibini

Ke ngoko hambani niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptize egameni loYise, neloNyana, neloMoya oyiNgcwele; nibafundisa ukuba bazenze zonke izinto endiniyalele ngazo. Niyabona, mna ndinani yonke imihla, kude kube sekuphelisweni kwephakade eli.

2015 Okthoba 19, Mvulo

Ndizimisele ukukulandela ngokupheleleyo;
ndincede ndingaze ndizidele iziyalo zakho.

2015 Okthoba 18, Cawe

Ke kaloku thina sonke, sinobuso obutyhiliweyo, ubuqaqawuli beNkosi sibubona ngokungathi kusesibukweni. Ngoko ke siyaguqulwa sifane nayo ncam, sinesidima esiya sikhula. Yonke ke le nto ivela eNkosini ekwanguMoya.

2015 Okthoba 17, Mgqibelo

UYesu waphinda wabhekisa ebantwini wathi: “Ndim ukhanyiso lwehlabathi. Lowo undilandelayo soze ahambe ebumnyameni; woba nokhanyiselo olunika ubomi.”

2015 Okthoba 16, Lwesihlanu

Ndizolulela kuwe izandla zam;
ndikunxanele njengomhlaba owomileyo.

2015 Okthoba 15, Lwesine

Ndizinika ubomi obungenasiphelo. Azisoze zitshabalale, kwaye akukho bani unokuzihlutha kum. Kaloku uBawo ondinike zona unamandla; noko ke akukho bani unokuhlutha nto kuye. Ke mna noBawo sibanye.

2015 Okthoba 14, Lwesithathu

Noda niguge nibe ziingwevu
mna ndisengulowo unixhasayo.
Nenziwa ndim, ngoko ke ndonisingatha;
ewe, ndonigcina ndinihlangule.

2015 Okthoba 13, Lwesibini

Ndikhoyo, senzele ububele nenceba,
njengoko kaloku sithembele kuwe.

2015 Okthoba 11, Cawe

Ngezi ndaba zimnandi kaloku kutyhilwa indlela uThixo asenza amalungisa ngayo: kungokholo qha, njengoko zitshoyo neziBhalo ukuthi: “Ngokholo lwakhe olilungisa uya kudla ubomi.”

2015 Okthoba 10, Mgqibelo

Ubutyebi obufumaneka bumini buphuncuka lula;
obufumaneka ngendlela ecothayo buya busanda ngokwanda.

2015 Okthoba 9, Lwesihlanu

Kaloku akukho nanye into enokumnqabela uThixo.

2015 Okthoba 8, Lwesine

Ngaphezu koko ke hlalani nithandana, kuba kaloku uthando luyazingcwaba izono.

2015 Okthoba 7, Lwesithathu

Yintsikelelo kaNdikhoyo enika umntu ubutyebi;
kambe ke yona ayihambi nazintsizi.

2015 Okthoba 6, Lwesibini

Yiyo ke loo nto ndithi umkhulu, wena Ndikhoyo Nkosi yam. Akukho onjengawe, kungekho naThixo ngaphandle kwakho, njengoko sazivelayo ngezi zethu iindlebe.

2015 Okthoba 5, Mvulo

Nina ke, bazali, abantwana musani ukubaphatha gadalala, bade babe nenzondo, koko banikeni ingqeqesho nemiyalo yobuKrestu.

2015 Okthoba 4, Cawe

UNdikhoyo ukufuphi kwabo babhenela kuye,
kwabo bamfuna benyanisekile.

2015 Okthoba 3, Mgqibelo

Kuba kaloku ilungelo lenu njengabamanywe noKrestu alipheleli ekukholweni kuye kuphela, koko lifikelela nasekubeni nive ubunzima ngenxa yakhe.

2015 Okthoba 2, Lwesihlanu

Konke enikucelayo ngomthandazo nikholwa, nokwamkela.

2015 Okthoba 1, Lwesine

Ngubani loo Ngangalala yoKumkani?
NguNdikhoyo onamandla onke;
nguye uKumkani, nguye iNgangalala.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Usindiso lufumaneka ngaye kuphela, kuba akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Egameni leNkosi yethu uYesu Krestu ndiyanibongoza, mawethu, ukuba nivane, nithethe nto-nye, kungabikho zimbambano phakathi kwenu. Manyanani nibe luqilima, nimxhelo mnye, ninazimvo zinye.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela