DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Novemba 2020)

2020 Novemba 30, Mvulo

Ningazibandakanyi nezinto zobumnyama eziphuthileyo ezenziwa ngabantu. Ndaweni yaloo nto zibhenceni ekukhanyeni ezo zinto, zibonakale icace into eziyiyo. Kungaziintloni nokuwathetha amanyundululu abawenza ngasese.

2020 Novemba 29, Cawe

Wawuthamsanqelisa umhla wesixhenxe, wawumisa wangumhla okhethekileyo, kuba ngaloo mhla wayeselegqibile ukudala.

2020 Novemba 28, Mgqibelo

InguNdikhoyo nje ondalusayo,
ndingaswela ntoni na?
Nguye ondikhaphelela kumadlelo aluhlaza,
andikhokelele kwimilambo empompozayo.

2020 Novemba 27, Lwesihlanu

Eyahlwayelwa endaweni enokhula izekelisa lowo uzivayo iindaba ezi, aze ke amaxhala eli phakade, nokulukuhla kobutyebi, kuziminxe iindaba, kungabikho siqhamo.

2020 Novemba 26, Lwesine

Ke mna ndonikela kuwe ngedini,
ndihlabele iculo lokukudumisa.
Ndosifezekisa isibhambathiso sam.
Usindiso lukuNdikhoyo.

2020 Novemba 25, Lwesithathu

Isiyatha asiwulawuli umsindo;
kambe ke sona isilumko siyaphola sizibambe.

2020 Novemba 24, Lwesibini

Celani nophiwa, funani nofumana, nkqonkqozani novulelwa.

2020 Novemba 23, Mvulo

Yaye uThixo wam wonibonelela kuzo zonke iintswelo zenu ngendyikityha yendyebo yakhe ekuKrestu Yesu.

2020 Novemba 22, Cawe

Kambe ke, ngeny' imini, Ndikhoyo,
luya kubalasela uthando lwakho.
Ndiya kuphikelela ndikudumise ebusuku,
ndithandaze kuThixo endixhomekeke kuye.

2020 Novemba 21, Mgqibelo

Makubulelwe ke kuThixo osinika uloyiso ngayo iNkosi yethu uYesu Krestu!

2020 Novemba 20, Lwesihlanu

Kuyinene kona ukuba sihleli apha ehlabathini; kodwa ke asilwi ngokwehlabathi.

2020 Novemba 19, Lwesine

Hay' uyolo lwabo baluxolelweyo ukreqo lwabo nguThixo,
abo bazono zabo zingcwatyiweyo.

2020 Novemba 18, Lwesithathu

Waphendula uYesu wathi kuye: “Lowo undithandayo uyawagcina amazwi am. Wothi uBawo amthande, size siye kuye, sihlale kunye naye.”

2020 Novemba 17, Lwesibini

Ewe, uNdikhoyo uthi:
“Yizani, khe sithetha-thethane.
Noba sewudyobheke wankone sisono,
mna ndokuhlambulula utsho ube msulwa;
kanti nokuba sewuyinyhuku-nyhuku,
mna ndiya kukwenza ube mhlophe qhwa.”

2020 Novemba 16, Mvulo

Aa! Bayethe, Mhlekazi!
Hayi uyolo lomntu omthobelayo uNdikhoyo,
oyilangazelelayo imiyalelo yakhe.

2020 Novemba 15, Cawe

Ke nina, zihlobo zam, ningabantwana bakaThixo. Ninamandla kunabashumayeli abaxokayo. Kaloku lowo ninefuthe lakhe mkhulu kunalowo linefuthe lakhe ihlabathi.

2020 Novemba 14, Mgqibelo

Síthini na ke ngoko? Sóne na, kuba singekho phantsi kwawo umthetho, siphantsi kobabalo? Nakanye!

2020 Novemba 13, Lwesihlanu

Umntu ozigwagwisayo uyakhawuleza ukuhlazeka;
kambe ke kona ukuzithoba kuhamba nobulumko.

2020 Novemba 12, Lwesine

Zihlobo, musan' ukusuka nikhokelwe nje nanguwuphi na umoya. Wonke umoya wuvavanyeni, nikhangele ukuba ngaba uvela kuThixo na. Kaloku baninzi abashumayeli abanefuthe lobuxoki abajikeleza elizweni.

2020 Novemba 11, Lwesithathu

Akukho nto ifihliweyo ingayi kudizwa, nanto igqunyiweyo ingayi kwaziwa.

2020 Novemba 10, Lwesibini

Bulelani uNdikhoyo, ninqule igama lakhe,
nizibalisel' iintlanga ngezintw' asenzele zona.

2020 Novemba 9, Mvulo

Ngoko ke àbagwetywa abo bamanywe noKrestu Yesu. Kaloku ngokumanywa kwam noKrestu Yesu, uMoya umniki-bomi undikhulule ekulawulweni sisono nakukufa.

2020 Novemba 8, Cawe

Ziphatheni njengabantu abakhululekileyo. Kambe ke inkululeko leyo mayingabi lokhusi lokungcola; koko ziphatheni njengezicaka zikaThixo.

2020 Novemba 7, Mgqibelo

Ugqibelele won' umyalelo kaNdikhoyo:
uhlaziya amandla.
Uthembekile wona,
kub' unik' isiyatha
ubulumko.

2020 Novemba 6, Lwesihlanu

Weza uPetros kuYesu, wabuza esithi: “Nkosi, koda kube kangaphi na uwethu endona ndimxolela? Ngaba koba kasixhenxe na?” UYesu wathi kuye: “Hayi, akuyi kuba kasixhenxe, kuya kuba ngamashumi asixhenxe aphindwe kasixhenxe.”

2020 Novemba 5, Lwesine

Qondani ngamahlungulu la. Wona akahlwayeli, engavuni nokuvuna; akanasisele, engenavimba; kanti noko uThixo uyawondla! Ke nina nibeke phi na ukuxabiseka kuneentaka!

2020 Novemba 4, Lwesithathu

Mna ngokwam ndikufundisile ubulumko,
ndakukhokelela endleleni ethe ngqo.

2020 Novemba 3, Lwesibini

Kuba apho bathe bahlangana khona egameni lam ababini nokuba ngabathathu, nam ndikho phakathi kwabo.

2020 Novemba 2, Mvulo

UThixo ke esimisele isiCaka sakhe wasithumela kuni kuqala, ukuze anenzele inceba niguquke kwinkohlakalo yenu.

2020 Novemba 1, Cawe

Ndizimisele ukukulandela ngokupheleleyo;
ndincede ndingaze ndizidele iziyalo zakho.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ngubani loo Ngangalala yoKumkani?
NguNdikhoyo onamandla onke;
nguye uKumkani, nguye iNgangalala.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Yibani moya mnye. Musani ukusukela amawonga; yaneliswani kukuzithoba. Musani ukuzicingela ukuba niziingqondi.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela