DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Agasti 2016)

2016 Agasti 31, Lwesithathu

Yini na ukuba usibone isibi esiselisweni lowenu, kanti wona umqadi okwelakho iliso akuwuboni?

2016 Agasti 30, Lwesibini

Kunikele kuNdikhoyo konke okwenzayo,
yaye ke yena uya kuziphumelelisa izicwangciso zakho.

2016 Agasti 29, Mvulo

Ngoku ke, kulowo unako ukwenza ngaphezu kokuba sicela nokuba siqiqa, ngamandla akhe asebenza ngaphakathi kuthi: Makubekho udumo kuThixo ebandleni, nakuKrestu Yesu, kuse kuzo zonke izizukulwana ngonaphakade kanaphakade. Amen.

2016 Agasti 28, Cawe

Waphendula uYesu wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, ukuba niyakholwa, ningathandabuzi, niya kuba nako ukuyenza le nto ndiyenzé kulo mkhiwane, ngaphezu koko nibe nokuthi nakule ntaba: ‘Funquka, uphoseke elwandle,’ ize yenzeke loo nto.”

2016 Agasti 27, Mgqibelo

Kholosa ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho wonke,
ungaze ungqiyame ngezakho iimbono.
Mkhumbule uNdikhoyo kuyo yonke ihambo yakho,
waye ke yena eya kukukhokela kuzo zonke iindlela zakho.

2016 Agasti 26, Lwesihlanu

Ndiyamcela uThixo weNkosi yethu uYesu Krestu, uSosidima, ukuba aniphe uMoya wobulumko, anityhilele uThixo, ukuze nimazi.

2016 Agasti 25, Lwesine

Ithemba ke lona alidanisi, kuba uthando lukaThixo luthululelwe ezintliziyweni zethu ngoMoya oyiNgcwele esamnikwayo.

2016 Agasti 24, Lwesithathu

Khawuncede usisindise, Thixo wethu,
ngenxa yesidima segama lakho.
Sihlangule usixolele amatyala ethu ngenxa yegama lakho.

2016 Agasti 23, Lwesibini

Musani ukugweba, ze nani ningagwetywa nguThixo.

2016 Agasti 22, Mvulo

Waphendula uYesu, wathi kubo: “Umsebenzi uThixo afuna niwenze ngulo wokuba nizinikele nikholwe kulowo uThixo amthumileyo.”

2016 Agasti 21, Cawe

Igama elihle lilungile ngaphezu kwentabalala yobutyebi;
ukuba nesidima kungaphezu kwayo isiliva negolide.

2016 Agasti 20, Mgqibelo

Xa ke sithi sinobudlelane noThixo, kodwa sibe sihleli ebumnyameni, sithetha ubuxoki, nezenzo zethu azingqinelani nenyaniso.

2016 Agasti 19, Lwesihlanu

Nondifuna nindifumane, xa nindifuna ngomxhelo wonke.

2016 Agasti 18, Lwesine

Hayi ubuhle bezinto ozigcinele abo bakuhlonelayo, Ndikhoyo;
zintle kambe izinto ozenzela abo bakholose ngawe!

2016 Agasti 17, Lwesithathu

Yiphani; nani ke niya kuphiwa nguThixo. Ewe, nophiwa isabelo esihle, esipheleleyo, esigalelwa engubeni yenu. Indlela enabela abanye ngayo, nani niya kwabelwa kwangayo nguThixo.

2016 Agasti 16, Lwesibini

Ukususela ngoko uYesu washumayela esithi: “Guqukani, kuba ulawulo lukaThixo lusemnyango.”

2016 Agasti 15, Mvulo

Umzimba nentliziyo zingade ziphelelwe,
wona amandla am nguThixo, ulibango lam naphakade.

2016 Agasti 14, Cawe

Nalowo uthe akawuthwala umnqamlezo wakhe andilandele, akandifanelanga.

2016 Agasti 13, Mgqibelo

Kwesi sithuba ke uYobi waphakama, wakrazula umnweba wakhe, wayigugula intloko yakhe, waza ke wee guqaqa wanqula, wathi:
“Ndazalwa nguma ndizé, ndaye ke ndiya kunduluka ndikwazé.
NguNdikhoyo onikayo, ikwanguye nothathayo.
Malidunyiswe igama likaNdikhoyo!”

2016 Agasti 12, Lwesihlanu

Ndenze isigqibo sokuba ndinyaniseke;
ndizimisele ukusithobela isigwebo sakho.

2016 Agasti 11, Lwesine

Ukuba bakho abantu abalumkileyo nabaqondayo phakathi kwenu, loo nto mabayibonakalise ngobomi obumsulwa, nangezenzo zentobeko nobulumko.

2016 Agasti 10, Lwesithathu

Guqukani ke ngoko, nibuyele kuThixo, ukuze zicinywe izono zenu.

2016 Agasti 9, Lwesibini

Ukuxhalela abantu kusenokuba ngumgibe;
kambe ke othembela kuNdikhoyo ukhuselekile.

2016 Agasti 8, Mvulo

“Sivumelekile ukwenza nayiphi na into,” kukho abatshoyo. Ewe kunjalo kambe, kodwa azilunganga zonke izinto. Ewe: “Sivumelekile ukwenza nayiphi na into,” kodwa izinto azakhi zonke.

2016 Agasti 7, Cawe

Andikholiswa kukufa kwakhe nabani na, itsho iNkosi uNdikhoyo. Guqukani, nidle ubomi!

2016 Agasti 6, Mgqibelo

Umntu oyithobelayo ingqeqesho usekhondweni lobomi;
ke yena ongaphulaphuliyo ulahlekene nendlela.

2016 Agasti 5, Lwesihlanu

Ukuba ke sidla ubomi ngoMoya kaThixo, masilawulwe nguye ke.

2016 Agasti 4, Lwesine

Ukundivukela kwakho ndikuphuthisile;
isono sakho sithe shwaka okwenkungu.
Buyela kum; ndim umkhululi wakho.

2016 Agasti 3, Lwesithathu

Ndiya kukuncoma, Thixo ongukumkani wam;
igama lakho ndolibonga nanini nanini.

2016 Agasti 2, Lwesibini

Xa nicaphukile, umsindo mawunganiqweqwediseli esonweni; futhi malingade litshone ilanga ninomsindo. Umtyholi musani ukumvulela indawo ebomini benu.

2016 Agasti 1, Mvulo

Kodwa ke ukuba sihleli ekukhanyeni njengaye uThixo, siba nobudlelane. Ke lona igazi likaYesu uNyana wakhe lisihlambulula kuso sonke isono.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Balumkeleni abashumayeli abaxokayo, abo beza kuni bezifanisa neegusha, kanti ngaphakathi baziingcuka eziqwengayo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Kum uxabisekile ke kambe;
yeka elo wonga, andikuthandi ngako!
Ndincam' izizwe ngenxa yakho;
ndinikezel' iintlanga, ndizuze wena.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela