DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Julayi 2016)

2016 Julayi 31, Cawe

Amazwi amyoli nqwa nobusi;
ayanandipheka emphefumlweni, ephilisa emathanjeni.

2016 Julayi 30, Mgqibelo

Makadunyiswe uThixo uBawo wethu ngonaphakade kanaphakade! Amen.

2016 Julayi 29, Lwesihlanu

Wathi uPetros kubo: “Guqukani ezonweni zenu nonke ngabanye, nibhaptizwe egameni likaYesu Krestu, ukuze nixolelwe izono zenu, nize namkele isipho soMoya oyiNgcwele.”

2016 Julayi 28, Lwesine

Yena wondibamba lungatyibiliki unyawo lwam;
kaloku akozeli, walusa mna.

2016 Julayi 27, Lwesithathu

Phakathi kobusuku uPawulos noSilas bathandaza bacula bedumisa uThixo, namanye amabanjwa ebeva.

2016 Julayi 26, Lwesibini

UYesu wathi kuye: “Ukuba ufuna ukufeza konke ngokupheleleyo, hamba uye kuzithengisa zonke izinto onazo, wabele amahlwempu imali leyo; woba nobutyebi ezulwini; uze kum ke, undilandele.”

2016 Julayi 25, Mvulo

Amehlo am ndiwajongis' enkalweni;
yaz'ba lovela ngaphi na uncedo lwam?
Umncedi wam nguNdikhoyo,
yena ungumenzi wamazulu nehlabathi.

2016 Julayi 24, Cawe

Kaloku apho bukhoyo ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu.

2016 Julayi 23, Mgqibelo

Yaye uThixo wam wonibonelela kuzo zonke iintswelo zenu ngendyikityha yendyebo yakhe ekuKrestu Yesu.

2016 Julayi 22, Lwesihlanu

Iitshomi ezininzi ziyamvuthulula umntu;
kanti ke sikho sona isihlobo esithembekayo kunomntakwenu.

2016 Julayi 21, Lwesine

Makubulelwe ke kuThixo osinika uloyiso ngayo iNkosi yethu uYesu Krestu!

2016 Julayi 20, Lwesithathu

Ubabalo lweNkosi uYesu Krestu malube nani nonke.

2016 Julayi 19, Lwesibini

Ububele bakho mandibuve kwakusasa;
kaloku mna ndikholosa ngawe.
Ndifundise indlela endifaneleyo;
kaloku mna ndizibika kuwe.

2016 Julayi 18, Mvulo

Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane uthando, ngokunjalo nokwenza imisebenzi emihle. Kananjalo masikuxabise ukudibana namanye amakholwa, siphefumlelane, singabi njengâbo bawutyeshelayo lo mkhwa. Ewe, masikhuthazane ngakumbi nangakumbi, kuba nani niyabona ukuba imini leyo iyasondela.

2016 Julayi 17, Cawe

Ngaphezu koko, siqhayisa nangeembandezelo ezi, sisazi nje ukuba iimbandezelo zisiqhelisa ukunyamezela. Ke ukunyamezela kubonisa ukuba sicikidekile. Ukucikideka ke kudala ithemba.

2016 Julayi 16, Mgqibelo

Thembela kuNdikhoyo wena, wenze okulungileyo;
uya kuba sisima-mhlaba, ube nekamva.

2016 Julayi 15, Lwesihlanu

Kaloku abo bakhokelwa nguMoya kaThixo, bangoonyana bakaThixo.

2016 Julayi 14, Lwesine

Ndive ilizwi elikhulu, livela ngasesihlalweni sokulawula, lisithi: “Uyasibona esi sixeko? Kulapho uThixo ahlala khona nabantu. Uya kuhlala phakathi kwabo, babe yimilowo yakhe, yena abe nguThixo wabo. UThixo ngenkqu uya kuhlala nabo. Uya kubosula zonke iinyembezi. Akusayi kubuye kubekho kufa, nalusizi, nasikhalo, nazintlungu. Kaloku lidlule ilizwe lokuqala.”

2016 Julayi 13, Lwesithathu

Kukho indlela ebonakala ngokungathi ilungile emntwini,
kodwa isiphelo sayo sisa ekufeni.

2016 Julayi 12, Lwesibini

Kambe ke uNdikhoyo usanilindele,
usazungula ukunibabala ngesisa.
Kaloku yena nguThixo ongajika-jikiyo;
hayi ithamsanqa labo bakholosa ngaye!

2016 Julayi 11, Mvulo

Waphendula uYesu wathi kuye: “Lowo undithandayo uyawagcina amazwi am. Wothi uBawo amthande, size siye kuye, sihlale kunye naye.”

2016 Julayi 10, Cawe

Kaloku izibele zothando lwakho ziyabugqwesa nobomi,
ngoko ndiya kuhlala ndikudumisa.
Ndiya kukubonga lo gama ndisaphilayo;
ndiya kunyukela kuwe ngomthandazo.

2016 Julayi 9, Mgqibelo

Ngoko ke mna Nebhukadenezare ndiyambonga ndimdumisa ndimzukisa uKumkani osezulwini. Kaloku konke akwenzayo kulungile, nezenzo zakhe zifanelekile. Ke bona abanekratshi yena uyabathoba.

2016 Julayi 8, Lwesihlanu

Ndigqiba kwelithi ezi ntlungu zangoku azinakufaniswa nobuncwane esiza kubuxhamla.

2016 Julayi 7, Lwesine

Lowo uwubopha ngomkhala umlomo wakhe ukhusela ubomi bakhe;
kanti ke yena othetha gqitha uyazenzakalisa.

2016 Julayi 6, Lwesithathu

Ngoko ke masisebenzele ukulungelwa komntu wonke, ngalo lonke ixesha esinethuba ngalo, ngokukodwa usapho lwamakholwa.

2016 Julayi 5, Lwesibini

Ukuba ke uNyana uthe wanenza nakhululeka, noba ngabakhululekileyo mpela.

2016 Julayi 4, Mvulo

Ndihamba ngokomlomo wakho,
khon' ukuze ndingoni.

2016 Julayi 3, Cawe

Celani nophiwa, funani nofumana, nkqonkqozani novulelwa.

2016 Julayi 2, Mgqibelo

Ngoko ke yitshitshiseni iphele kuni imikhwa yeli hlabathi: ukurheletya, ukungcola, ukutshiseka, iinkanuko, nokunyoluka okukwalunqulo-zithixo.

2016 Julayi 1, Lwesihlanu

Umntu ozithobelayo iziluleko uzuza ubomi;
ke yena ongayikhathaleliyo ihambo yakhe uyafa.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Umntu onyanisekileyo uhamba engaxhalele nto;
ke yena onamaqhinga uya kubhaqwa.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ngoko ke sisondela singenaxhala kuThixo, sisazi ukuba uyasiphulaphula xa sicela silungele ukwenza loo nto athanda ukuba siyenze.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela