2016 Juni 30, Lwesine
Síthini na ke ngoko? Sóne na, kuba singekho phantsi kwawo umthetho, siphantsi kobabalo? Nakanye!2016 Juni 29, Lwesithathu
Mna ndinguNdikhoyo, uThixo wakho;ndokugcina ndikomeleze,
ndithi kuwe: ‘Sukuphaphazela, ndiza kukunceda.’
2016 Juni 28, Lwesibini
Ndikhwebule kubuqhetseba nokuxoka;mandingade ndibe sisityebi okanye ndihlwempuzeke,
nto nje ndiqhekezele isonka sam semihla ngemihla.
2016 Juni 27, Mvulo
Kuba apho bathe bahlangana khona egameni lam ababini nokuba ngabathathu, nam ndikho phakathi kwabo.2016 Juni 26, Cawe
Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa uNdikhoyo,akulondoloze.
Wanga angayindlezane kuwe uNdikhoyo,
usixhamle isisa sakhe.
Wanga angakwazelelela uNdikhoyo,
akwambathise uxolo.
2016 Juni 25, Mgqibelo
Uzungandibandezeli inceba yakho, Ndikhoyo;ndilondoloze ngenceba nenyaniso.
2016 Juni 24, Lwesihlanu
Zenzeni zonke izinto enazivayo nezo nazibonela kum, amazwi kwanezenzo. Ke uThixo onika uxolo uya kuba nani.2016 Juni 23, Lwesine
Ke kaloku, mawethu, ndiyaniyala: balumkeleni abaxabanisayo nabakhubekisayo, besenza okuchaseneyo nemfundiso enayifundiswayo nina. Zikhwebuleni kubo.2016 Juni 22, Lwesithathu
Ikratshi lomntu lilandelwa yintshabalalo;ke lona udumo lukhokelwa yintobeko.
2016 Juni 21, Lwesibini
Singumsebenzi wezandla zikaThixo ke thina. Kaloku simanywe noYesu Krestu nje, uThixo wasidalela ukuba sizinikele ekwenzeni imisebenzi emihle awasimisela yona kwangaphambili.2016 Juni 20, Mvulo
Likwanjalo ke nelizwi endilithethayo:alibuyi lilambatha,
koko liyawufezekisa umnqweno wam,
liliqaqambise icebo lam.
2016 Juni 19, Cawe
Ukuthetha komntu kulawula ukuphila nokufa;ke othetha kakhulu uvuna iziqhamo zaloo nto.
2016 Juni 18, Mgqibelo
Nakuwe ke mntundini ugwebayo, nokuba ungubani, amatyholo aphelile. Ewe, ngokugweba omnye, uzigweba ngokwakho. Kaloku wena ugwebayo, wenza kwaezo zinto ugweba omnye ngazo.2016 Juni 17, Lwesihlanu
Phaphani, nime zinzi elukholweni! Khaliphani, nomelele!2016 Juni 16, Lwesine
Ubulumko ngoyena ndoqo, bufunisise!Fumana ingqiqo, nokuba kudle konke onako.
2016 Juni 15, Lwesithathu
Ke ngoko uYesu wathi kumaJuda abeke ithemba kuye: “Ukuba nithe nazingisa ukuhlala nisenza oko ndinifundisileyo, niya kuba ngabafundi bam benene. Niya kuyiqonda ke inyaniso; yaye inyaniso iya kunenza nikhululeke.”2016 Juni 14, Lwesibini
Kodwa nguwuphi uThixo onjengawe?Nguwuphi oxolela ubugwenxa,
angazihoyi iziphoso zamasalela elifa lakhe?
Wena akuhlali uqumbile ngonaphakade;
kaloku uyimvuze-mvuze bububele.
2016 Juni 13, Mvulo
Yibongeni iNkosi!Mihla le iyasazelelela, uThixo ngumsindisi wethu.
2016 Juni 12, Cawe
Zihlobo, musan' ukusuka nikhokelwe nje nanguwuphi na umoya. Wonke umoya wuvavanyeni, nikhangele ukuba ngaba uvela kuThixo na. Kaloku baninzi abashumayeli abanefuthe lobuxoki abajikeleza elizweni.2016 Juni 11, Mgqibelo
Waza uYesu wathi: “Oko aba umntu akunakwenzeka, kunokwenziwa nguThixo.”2016 Juni 10, Lwesihlanu
Lungaziphatha kanjani ulutsha ukuze ihambo yalo ibe nyulu?Ngokuthobela ilizwi lakho.
2016 Juni 9, Lwesine
Kodwa ke, wena mntu uzinikele ngokupheleleyo kuThixo, zicezele zonke ezi zinto. Phuthuma ukulungisa, unqulo, ukuthemba, uthando, ukunyamezela, nobulali.2016 Juni 8, Lwesithathu
Ngamandla akhe uThixo usenzele zonke izinto eziyimfuneko ebomini, ukuze siziphathe ngokwentando yakhe; nokuze sazane nalowo usibizileyo, khon' ukuze sibuxhamle ubuqaqawuli nesidima sakhe.2016 Juni 7, Lwesibini
Umntu uzilahlela kuloo nto ayinqwenelayo;phofu akunani kwaukuba lihlwempu kunokuba lixoki.
2016 Juni 6, Mvulo
Uyabona, ndimi emnyango ndinkqonkqoza. Ukuba umntu uyeva aze avule, ndiya kungena ndihlale naye, sitye kunye.2016 Juni 5, Cawe
Ewe, uThixo unyule izinto ezibonakala zidelekile ebantwini, ngathi azinto yanto, azikho nokubakho, ezinyulela ukuze aphuthise ngazo izinto ezibonakala ngathi zibalulekile ebantwini. Xa kunjalo ke akukho namnye unokuqhayisa.2016 Juni 4, Mgqibelo
Umntu onjalo ulibala imini yonke kukucinga ngezinto azifunayo;kanti ke yena umntu olungileyo unezinwe uyapha.
2016 Juni 3, Lwesihlanu
Banoyolo abo balambela banxanelwe ubulungisa, kuba baya kwaneliswa nguThixo bona!2016 Juni 2, Lwesine
Ngoko ke, xa nithandazayo, ze ningenzi milembelele ingento, njengabangakholwayo, bona baba boviwa ngenxa yamazwi abo amaninzi.2016 Juni 1, Lwesithathu
Intiyo iphembelela ingxabano;ke lona uthando luyazingcwaba zonke izono.
Izihloko ezinxulumeneyo
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ithemba
“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Usapho
Le miyalelo ndikunika yona...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Umntu ongaqiqiyo akayikhathalele imfundiso kayise;kambe ke yena ozamkelayo iziluleko unengqondo.