DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Matshi 2017)

2017 Matshi 31, Lwesihlanu

Ekuqaleni uThixo wadala izulu nomhlaba. Kwakuselubala nje emhlabeni, kungekho nto ikhoyo. Inzonzobila yamanzi eyayigubungele konke yayithiwe gqume sisithokothoko sobumnyama. UMoya kaThixo wafukama phezu kwaloo manzi.

2017 Matshi 30, Lwesine

Lifikile ngoku ixesha. Luthwasile ulawulo lukaThixo. Guqukani, nikholwe kuzo ezi ndaba zimnandi.

2017 Matshi 29, Lwesithathu

Umntu onengqondo uthetha amazwi afanelekileyo;
kambe ke sona isikhohlakali sithetha amazwi akrwempayo.

2017 Matshi 28, Lwesibini

Ndingade ndibe naso nesiphiwo sokushumayela ngefuthe, ndinalo lonke ulwazi, ndizazi nezinto ezingàziwa mntu, ndinalo nokholo olugungqisa iintaba, kodwa ndingenalo uthando, andinto konke!

2017 Matshi 27, Mvulo

Jika uxelele inkokheli yabantu bam uHezekiya, uthi: ‘Nali ilizwi elithethwa nguNdikhoyo uThixo kayihlo uDavide: Ndiwuvile umthandazo wakho, ndazibona neenyembezi zakho. Ndiza kukuphilisa. Ngosuku lwesithathu ukusuka ngoku uya kuya endlwini kaNdikhoyo.’

2017 Matshi 26, Cawe

NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek' umoya;
ewe, uya kukwalusa ungachukunyiswa nto.
Ngenene, uNdikhoyo uya kukwalusa,
xa uhambayo naxa ubuyayo,
kuqalela ngoku kude kube nini-nini.

2017 Matshi 25, Mgqibelo

UThixo unguMoya; abo ke bamnqulayo kufuneka bamnqule ngoMoya benyanisekile.

2017 Matshi 24, Lwesihlanu

Nabu ke obo bungqina: bukukuba uThixo usinike ubomi obungenasiphelo, bomi obo sibuzuza ngokumanywa noNyana.

2017 Matshi 23, Lwesine

Ukuba uyazithoba, umhlonela uNdikhoyo,
uya kuxhamla ubutyebi, isidima, nobomi.

2017 Matshi 22, Lwesithathu

Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kuze adlule.

2017 Matshi 21, Lwesibini

Kuba kaloku uNdikhoyo uThixo wenu unesisa novelwano. Akasayi kunifulathela ukuba nibuyela kuye.

2017 Matshi 20, Mvulo

Njengenxala elikhothekileyo kukunxanwa
nam ndikwanjalo ukukulangazelela wena, Thixo.

2017 Matshi 19, Cawe

Nguye umtyhili weentsonkotha ezifihlakeleyo;
nezisemnyameni izinto yena uyazazi.
Ngenene yena ulikhaya lokukhanya.

2017 Matshi 18, Mgqibelo

Ndiyambongoza ukuba ngobubele bakhe uSosidima anomeleze imo yenu entsha ngoMoya wakhe, khon' ukuze ngokholo uKrestu ahlale ngaphakathi kuni. Nanga ningasekelwa eluthandweni nendele.

2017 Matshi 17, Lwesihlanu

Linjengemini enye iwaka leminyaka kuwe,
lona liyafana nemini yezolo,
lifutshane okwexesha labalindi ebusuku.

2017 Matshi 16, Lwesine

Kufuneka incwadi yomthetho ikukhokele kuyo yonke into oyithethayo. Uze uyifunde uyigocagoce ubusuku nemini, uzazi uzithobele izinto ezibhaliweyo kuyo. Xa wenjenjalo woba nenkqubela nempumelelo.

2017 Matshi 15, Lwesithathu

Zihlobo zam ezithandekayo, xa ke uThixo asithande ngolu hlobo nathi simelwe kukuthandana.

2017 Matshi 14, Lwesibini

Ndikhoyo, ndizifihla kuwe, mandingadani konke!
Wena lungisa, uzundihlangule!

2017 Matshi 13, Mvulo

Nokuba ke nenza ntoni na, nokuba niyatya, nokuba niyasela, yenzelani udumo lukaThixo.

2017 Matshi 12, Cawe

Ngoko ke zivumeni izono omnye komnye, nithandazelane, khon' ukuze ninyangeke. Kaloku umthandazo womntu olungileyo unamandla angummangaliso.

2017 Matshi 11, Mgqibelo

Ndomemelela ngemincili,
ndikuvumel' ingoma, ndibonge wena, Phezukonke.

2017 Matshi 10, Lwesihlanu

Waphendula ke esithi:
“Ngaba umfazi angalulibala na usana lwakhe,
ade angavakalelwa ngowakhe umntwana?
Noba ke yena angade amlibale,
okokwam ke mna soze ndikufulathele,
kuba igama lakho ndilivambile,
ndilithe tyaba esandleni sam;
iindonga zakho zihlala zisemehlweni am.”

2017 Matshi 9, Lwesine

Kufanelekile ukuba simbulele uThixo ngawo onke amaxesha ngenxa yenu, mawethu. Ewe, kulunge kanye ukuba simbulele ngenxa yokuba ukholo lwenu luya lusanda ngokwanda. Yaye nokuthandana kwenu kuya kukhula ngakumbi nangakumbi.

2017 Matshi 8, Lwesithathu

Izikrelemnqa ziboleka zingabuyisi,
ke lona ilungisa lipha ngesisa.

2017 Matshi 7, Lwesibini

Ewe, Ndikhoyo, bobakho bonke ubukhulu ndawonye namandla;
naso isidima sikwasesakho, ubungangamsha nobunewu-newu.
Kaloku zezakho zonke ezisezulwini,
kanti nezisemhlabeni ikwazezakho.
Ewe, Ndikhoyo, lolwakho ulawulo;
uyingqanga-ngqanga evelele konke jikelele.

2017 Matshi 6, Mvulo

Kodwa ndinixelela inyaniso; kunilungele ukuba ndimke. Ukuba andithanga ndemka, akayi kuza kuni uMmeli; kodwa ukuba ndithe ndemka, ndiya kumthumela kuni.

2017 Matshi 5, Cawe

Zingekadalwa iintaba, ungekalenzi ilizwe nehlabathi,
ubusel' ukade unguThixo wena kwanini-nini.

2017 Matshi 4, Mgqibelo

Ndaweni yaloo nto yenzelanani ububele ninobulali, nixolelane, kwanjengokuba naye uThixo wanixolelayo ngoKrestu.

2017 Matshi 3, Lwesihlanu

Ukuthanda imali yingcambu yazo zonke iintlobo zobubi. Abanye bathe ngokusukelana nayo bahola elukholweni, baza bayingxwelerha imiphefumlo yabo ngeenzingo.

2017 Matshi 2, Lwesine

Mfo wam, sukuyilibala imfundiso yam,
koko mayihlale ihleli imiyalelo yam engqondweni yakho.
Kaloku imfundiso yam iya kukongezela imihla emininzi,
ikwandisele iminyaka noxolo.

2017 Matshi 1, Lwesithathu

“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso zam ngani zokuba ndininike intlala-kahle ingabi bububi, ndinidalele ikamva nethemba.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Qinani nikhaliphe, ningaxhali, ningabi nayo nedyudyu. Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu ungakuni; soze arhoxe okanye anilahle.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela