DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Epreli 2017)

2017 Epreli 30, Cawe

Waphendula uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, akukho namnye ushiye indlu, nokuba ngabantakwabo, nokuba ngoodade wabo, nokuba ngunina, nokuba nguyise, nokuba ngabantwana, nokuba ngamasimi, ngenxa yam nangenxa yeendaba ezimnandi, ongayi kuthi amkele kalikhulu: izindlu, nabantakwabo, noodade wabo, noonina, nabantwana, namasimi, zikunye neentshutshiso kweli phakade; aze ke athi kwelizayo iphakade amkele ubomi obungunaphakade.”

2017 Epreli 29, Mgqibelo

Ewe, hambani ngokwemimiselo yonke kaNdikhoyo uThixo wenu, khon' ukuze nizinze kwelo lizwe ningena kulo, nixhamle intlala-kahle nide nikhokhobe.

2017 Epreli 28, Lwesihlanu

Ngoko ke, nokuba ndihamba kwiingxondorha ezimnyama,
andinadyudyu.
Kaloku ungakum, wena Ndikhoyo;
isagweba sakho nebhunguza lakho lixhadi lam.

2017 Epreli 27, Lwesine

Nyamezelanani, nixolelane. Ukuba omnye ukhalazela omnye xolelanani kwanjengokuba nayo iNkosi yanixolelayo.

2017 Epreli 26, Lwesithathu

Kodwa ngoku, ngokumanywa noKrestu, nina kanye enanikade nikude lee, nisondeziwe ngokuphalala kwegazi likaKrestu.

2017 Epreli 25, Lwesibini

Ndiswel' imilomo yokukubonga,
ndikudumise maxa onke.

2017 Epreli 24, Mvulo

Ze ningaziqwebeli ubutyebi emhlabeni, apho konakalisa inundu nomhlwa, nalapho amasela aqhekezayo ebe. Koko ziqwebeleni ubutyebi ezulwini, apho kungonakalisi nundu namhlwa, nalapho amasela angaqhekeziyo ebe.

2017 Epreli 23, Cawe

Athembekile la mazwi athi:
“Ukuba sife simanyene naye, sodla ubomi kwakunye naye.”

2017 Epreli 22, Mgqibelo

Imihla yam isesandleni sakho;
ndihlangule ezintshabeni zam nakwabanditshutshisayo.

2017 Epreli 21, Lwesihlanu

Kaloku siyakholwa ukuba uYesu wafa, wabuya wavuka. Ngokukwanjalo ke nâbo bafe bemanywe noYesu uThixo uya kubabuyisa kunye noYesu.

2017 Epreli 20, Lwesine

Xa ke kanti, mawethu, izithembiso ezinje zenzelwa thina, masizenze sibe nyulu emzimbeni nasemphefumlweni, sibe ngcwele ngokuhlala simoyika uThixo.

2017 Epreli 19, Lwesithathu

Ukwenza ubulungisa nokuthe ngqo
kwamkelekile kuNdikhoyo kunamadini.

2017 Epreli 18, Lwesibini

Noba sewucand' emanzini,
mna ndiya kuba nawe;
noba sowuwela imilambo,
ayisoze ibe nako ukukukhukulisa;
nditsho sowucand' emlilweni, soze urhawuke;
amadangatye akanakukutshisa wena.

2017 Epreli 17, Mvulo

Siyazi ukuba uNyana kaThixo ufikile wasinika ukuqonda, ukuze simazi uThixo onguye ngenene. Thina simanywe nalowo unguThixo ngenene, kuba kaloku simanywe noNyana wakhe uYesu Krestu. Yena ke unguThixo ngenene; nguye obona bomi bungenasiphelo.

2017 Epreli 16, Cawe

Amazulu abalisa ngobungangamsha bukaThixo,
nesibhakabhaka sixela umsebenzi wezandla zakhe.
Imini ixelela imin' elandelayo,
nobusuku bubikela ubusuk' obulandelayo.

2017 Epreli 15, Mgqibelo

Ngoko ke ndinawe, sukoyika;
ndinguThixo wakho, sukuphakuzela.
Ndiza kukomeleza ndikusize,
amandla am asindisayo akuxhase akukhusele.

2017 Epreli 14, Lwesihlanu

Wadanduluka ke uYesu ngezwi elikhulu, wathi: “Bawo, ndiyawunikela ezandleni zakho umoya wam!” Akuba etshilo, waphuma umphefumlo.

2017 Epreli 13, Lwesine

Uyabona, lowo ukhukhumeleyo unentliziyo embi enxaxhileyo;
ke yena olilungisa wophila ngokuthembeka kwakhe.

2017 Epreli 12, Lwesithathu

Olona thando lukhulu umntu anokuzithanda ngalo izihlobo zakhe kukuba ubomi bakhe abuncamele zona.

2017 Epreli 11, Lwesibini

Makabongwe uThixo, uyise weNkosi yethu uYesu Krestu, uBawo uSozinceba, uThixo umthombo wentuthuzelo. Yena uyasithuthuzela ezimbandezelweni zethu zonke, ukuze nathi sikwazi ukubathuthuzela abanye kwangaloo ntuthuzelo ivela kuye.

2017 Epreli 10, Mvulo

Obo buncinanana linabo ilungisa,
bungcono kunentaphane ezinayo izikrelemnqa,
kuba uya kuzaphul' iimpondo uNdikhoyo izikrelemnqa,
awenzelelele wona amalungisa.

2017 Epreli 9, Cawe

Niyabona, siya eJerusalem, apho uNyana woLuntu aya kunikelwa khona kubabingeleli abaziintloko nakubachazi-mthetho. Baya kumgwebela ukufa, bamnikele ezandleni zeentlanga. Zona ke ziya kumenza intlekisa, zimkatse, zimbethelele emnqamlezweni; aze athi ngomhla wesithathu abuye avuke ekufeni.

2017 Epreli 8, Mgqibelo

Kaloku unako uThixo ukunipha nangaphezu kweemfuneko zenu, ukuze nisoloko nanele kwiimeko zonke, nibe nako ukuhlangabezana nayo yonke imisebenzi emihle.

2017 Epreli 7, Lwesihlanu

Ukuhlangulwa kuvela kuwe, Ndikhoyo;
khawubathamsanqele ke abantu bakho!

2017 Epreli 6, Lwesine

Ngaloo mini uThixo uya kuvuza elowo nalowo ngokwemisebenzi yakhe.

2017 Epreli 5, Lwesithathu

Kodwa loo mntu uthi awucoselele ukuwugcina umthetho osinika inkululeko, lowo uthe rhoqo ukuhamba ngawo engaphulaphuli nje aze alibale, lowo wosikelelwa nguThixo ngokwenjenjalo.

2017 Epreli 4, Lwesibini

UNdikhoyo wozihlangula izicaka zakhe;
bonke abakholose ngaye abayi kugwetywa.

2017 Epreli 3, Mvulo

Ngoko ke sisondela singenaxhala kuThixo, sisazi ukuba uyasiphulaphula xa sicela silungele ukwenza loo nto athanda ukuba siyenze.

2017 Epreli 2, Cawe

Njengoko uYihlo osezulwini anothando olugqibeleleyo, nani yibani ngabagqibeleleyo.

2017 Epreli 1, Mgqibelo

Khawukhangele ukubukeka nomkhitha
wokuhlala kwezalamane ngemvano!

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Balumkeleni abashumayeli abaxokayo, abo beza kuni bezifanisa neegusha, kanti ngaphakathi baziingcuka eziqwengayo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Kaloku wonke umntwana kaThixo uyaloyisa eli hlabathi. Ke kaloku ihlabathi siloyisa ngokukholosa ngoThixo.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela