DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Meyi 2017)

2017 Meyi 31, Lwesithathu

Ngaphezu kwazo zonke ezi zinto yongezani uthando, lona lubopha izinto zonke zibe yimbumba egqibeleleyo.

2017 Meyi 30, Lwesibini

Ukanti ke ndinguNdikhoyo uThixo wakho.
Mna ndakukhuphulula eJiputa.
AwunaThixo ngaphandle kwam,
kungekho namsindisi ingendim.

2017 Meyi 29, Mvulo

Ke zon' izibele zikaNdikhoyo zivelela abamhloneleyo;
uhlala enobubele kwizizukulwana ngezizukulwana,
kwabanyanisekileyo kumnqophiso wakhe
nabathobela imithetho yakhe.

2017 Meyi 28, Cawe

Masisondele ke ngoko singenadyudyu apho ahleli khona esihlalweni sokulawula uThixo wethu onenceba; apho sakwenzelwa khona ububele nesisa, sincedakale ngoku kuselithuba.

2017 Meyi 27, Mgqibelo

Ewe, ndiyeza kamsinya! Ulowo nalowo ndiya kumphathela ibhaso ngokwemisebenzi yakhe!

2017 Meyi 26, Lwesihlanu

Lithi lakuchazwa ilizwi lakho kutsho kuthi qwenge;
abangazi nto libanika ukuqonda.

2017 Meyi 25, Lwesine

Besakhangele ukumka kwakhe, bondele esibhakabhakeni apho, nango amadoda amabini, ambethe ezimhlophe, emi ngakubo, abuza athi: “Madoda, maGalili, nimele ntoni apha nikhangele phezulu nje? UYesu lo nimbone enyuselwa ezulwini, uya kubuya kwangolu hlobo nimbone esimka ngalo.”

2017 Meyi 24, Lwesithathu

UNdikhoyo uThixo wakho unawe;
uligorha elisindisayo.
Yena unemihlali ngawe, enovuyo;
uya kukuthulisa ngothando lwakhe;
ugcoba ngawe eyiyizela.

2017 Meyi 23, Lwesibini

Umntu othi uyamthanda uThixo kodwa abe emthiyile uwabo, ulixoki. Kaloku ukuba akamthandi uwabo lo ambonayo, akanako ukumthanda uThixo angamboniyo.

2017 Meyi 22, Mvulo

Xa ndandinxubile, ndixhalabile,
wandithuthuzela, wandonwabisa wena.

2017 Meyi 21, Cawe

Kaloku isiqhamo sokumelana nezilingo ngokholo lunyamezelo.

2017 Meyi 20, Mgqibelo

Eyivile ke le nto uYesu, uphendule wathi: “Sukoyika; kholwa nje wena. Yophiliswa.”

2017 Meyi 19, Lwesihlanu

Zonke iindlela zomntu zibonakala zilungile kwawakhe amehlo,
kanti ke nguNdikhoyo oyibeka esikalini intliziyo yomntu.

2017 Meyi 18, Lwesine

Thandanani ngokwabazalanayo. Shiyiselanani ngokwenzelana imbeko.

2017 Meyi 17, Lwesithathu

Andizanga kubiza malungisa, ndize kubiza aboni, ukuba baguquke.

2017 Meyi 16, Lwesibini

Zola phambi koNdikhoyo, ulindele kuye,
ungazidubi ngabantu abaphumelela ngamaqhinga.

2017 Meyi 15, Mvulo

Ngoko ke zithobeni phantsi kwesandla sikaThixo esinamandla; yena ke uya kuniphakamisa ngexesha elifanelekileyo.

2017 Meyi 14, Cawe

Niyiphilise imilwelwe elapho, nithi kubo: ‘Luthwasile ulawulo lukaThixo!’

2017 Meyi 13, Mgqibelo

Hay' inyhweba yabantu abamsulwa;
nditsho abo baziphatha ngokwemiyalelo kaNdikhoyo.

2017 Meyi 12, Lwesihlanu

Banoyolo abo bangabaxolisi, kuba uThixo uya kuthi bangabantwana bakhe!

2017 Meyi 11, Lwesine

Kaloku iNkosi iyawajonga amalungisa,
iyiphulaphule imithandazo yawo.
Kodwa iyabafulathela abenzi bobubi.

2017 Meyi 10, Lwesithathu

Yizani siqubude simnqule,
siguqe phambi koNdikhoyo umdali wethu.

2017 Meyi 9, Lwesibini

Waza uYesu wathi: “Bayekeni abantwana beze kum, ningabanqandi, kuba ábalawulwa nguThixo ngabanjengabo.”

2017 Meyi 8, Mvulo

Guqukani! Rhoxani kuzo zonke izikreqo enizenzayo, ukuze ningatshabalali ngenxa yenkohlakalo yenu.

2017 Meyi 7, Cawe

Lwazibika udwayi, waluva uNdikhoyo,
walukhupha kuzo zonke iinkxwaleko zalo.

2017 Meyi 6, Mgqibelo

Kaloku umntu ukholwa ngentliziyo, aze abe lilungisa phambi koThixo; uvuma ngomlomo, aze asindiswe.

2017 Meyi 5, Lwesihlanu

Usindiso lufumaneka ngaye kuphela, kuba akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo.

2017 Meyi 4, Lwesine

UThixo ulihlathi nenqaba yethu;
ngexesha leenkathazo uluncedo oluhlala lulungile.

2017 Meyi 3, Lwesithathu

Nokhalela kum, nize kundithandaza, ndize mna ndiniphulaphule.

2017 Meyi 2, Lwesibini

Ekugqibeleni ke, mawethu, ndithi salani kakuhle. Zamelani ukuba ningabi nampazamo; zigqaleni iziyalo; visisanani, nihlale ngoxolo. Ngoko ke uThixo wothando noxolo uya kuba nani.

2017 Meyi 1, Mvulo

Xa ndandisendisithi ndiyoyisakala,
wandixhasa ngezibele zakho wena, Ndikhoyo.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ngoko ke nathi ngokwethu siyalwazi, saye sikholosa ngalo uthando aluthululele kuthi uThixo.
UThixo uluthando, yaye nabani na ohlala eluthandweni uhlala emanyene noThixo, noThixo uhlala emanyene naye.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela