DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Juni 2017)

2017 Juni 30, Lwesihlanu

Wanga angabaph' amandl' abantu bakhe;
wanga angabathamsanqela abaph' inzolo.

2017 Juni 29, Lwesine

Wathi kuyo uYesu: “Hamba uhambe; ukholo lwakho lukuphilisile.”
Yabona ke kwangoko, yamlandela uYesu endleleni apho.

2017 Juni 28, Lwesithathu

Kuba kaloku uMoya esimnikwe nguThixo asingowobuphakuphaku, koko uvuselela isibindi, uthando, nokuzeyisa.

2017 Juni 27, Lwesibini

Neengonyama ziyaswela zilambe,
kodwa abo bamfunayo uNdikhoyo akukho nto intle bayiswelayo.

2017 Juni 26, Mvulo

Ke iNkosi ayikubambezeli ukuzalisekiswa kwesithembiso esenzileyo, njengoko abanye baba kunjalo. Nto nje ininyamezele kuba ingafuni kutshabalale mntu. Koko ifuna wonke ubani afumane ithuba lokuguquka.

2017 Juni 25, Cawe

Ukuba nithe nandithobela ngokupheleleyo, nenza okuhle nokufanelekileyo ngokuhamba ngemimiselo yam, soze ndinohlwaye ngezibetho nezifo endaziwisela amaJiputa. Kaloku mna ndinguNdikhoyo, ugqirha wenu.

2017 Juni 24, Mgqibelo

Ilizwi lakho sisibane sendlela yam;
liyandikhanyisela eluhambeni.

2017 Juni 23, Lwesihlanu

Wathi kubo uYesu: “Ndim isonka sobomi. Ozayo kum akasoze alambe, nokholwayo kum akasoze anxanwe.”

2017 Juni 22, Lwesine

Funani uNdikhoyo esenokufumaneka;
bhenelani kuye ngoku asekufutshane.

2017 Juni 21, Lwesithathu

Mkhumbule uMdali wakho ngemihla yobutsha bakho,
ngoku ingekafiki imihla yeenkathazo,
ingekasondeli neminyaka apho uya kuthi: “Akukho nto imnandi ekudleni ubomi.”

2017 Juni 20, Lwesibini

Kodwa ke, ukuba siyazivuma izono zethu, uThixo uthembekile, ulilungisa; wosixolela izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi.

2017 Juni 19, Mvulo

Uthe ke akusulungeka wenziwa umthombo wosindiso olungapheliyo lwabo bamthobelayo.

2017 Juni 18, Cawe

Bufana nomzali kubantwana
ububele bukaNdikhoyo kwabamnik' imbeko.

2017 Juni 17, Mgqibelo

Musani ukuba ngamathandamali. Yanelani yinto eninayo. Kaloku uThixo uthi: “Andiyi kukuyekela; ndingayi kukufulathela.”

2017 Juni 16, Lwesihlanu

Ngoko ke, njengoko senenjenjalo kakade, khuthazanani, nakhane omnye nomnye.

2017 Juni 15, Lwesine

Ugqibelele won' umyalelo kaNdikhoyo:
uhlaziya amandla.
Uthembekile wona,
kub' unik' isiyatha
ubulumko.

2017 Juni 14, Lwesithathu

Ngoko ke, mawethu athandekayo, yomelelani ningathandabuzi. Yisebenzeleni ngenkuthalo iNkosi ngalo lonke ixesha, kuba kakade ukubulaleka kwenu ngenxa yeNkosi akunakulambatha.

2017 Juni 13, Lwesibini

Ke yena wathi: “Yithi kanye: unoyolo lowo ulivayo ilizwi likaThixo alenze.”

2017 Juni 12, Mvulo

Makazilumle ekuthetheni kakubi,
ayeke ukuthetha ubuxoki.

2017 Juni 11, Cawe

Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.

2017 Juni 10, Mgqibelo

Umyalelo endiniyala ngawo ngowokuba nithandane njengoko mna ndanithandayo.

2017 Juni 9, Lwesihlanu

Ndihlala ndimbeke phambi kwam uNdikhoyo;
ungasekunene kwam, ngoko ke andiyi kushukunyiswa nto.

2017 Juni 8, Lwesine

Waza ke uPetros wagcinwa entolongweni apho, kodwa amaKrestu wona azingisa ukumthandazela kuThixo, lo gama avalelweyo.

2017 Juni 7, Lwesithathu

Lungekho ke ukholo akukho ukumkholisa uThixo. Kaloku wonke ubani ozayo kuye kufuneka akholwe ukuba ukho uThixo, yaye uyabavuza abo bamlangazelelayo.

2017 Juni 6, Lwesibini

Wena ulikhaka nekhusi lam;
ndiqamele ngelizwi lakho.

2017 Juni 5, Mvulo

Nazi ke zona iziqhamo zoMoya: luthando, novuyo, noxolo; umonde, ububele, ukulunga, nentembeko; ubulali, nokuzeyisa. Awukho ke umthetho ochasa izinto ezinjengezi.

2017 Juni 4, Cawe

Nina niya kunikwa amandla, akufika kuni uMoya oyiNgcwele, nindingqinele ebantwini baseJerusalem, nabakulo lonke elakwaJuda, nabaseSamariya, kude kuse naseziphelweni zomhlaba.

2017 Juni 3, Mgqibelo

Kuba wena, Nkosi, ulungile, uyaxolela;
uphuphuma luthando kwabo bakholosa ngawe.

2017 Juni 2, Lwesihlanu

Kakade nabizelwa loo nto; kaloku uKrestu waphatheka kabuhlungu ngenxa yenu, waza ngaloo ndlela wanishiya nomzekelo, ukuze nina nihambe ekhondweni lakhe.

2017 Juni 1, Lwesine

Kum ziluyolo izithethe zakho;
zingaphezu kwabo bonke ubutyebi.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Nguye owasisindisayo wasibiza ukuba sibe ngabanyuliweyo, kungengamisebenzi yethu, kodwa ngenxa yenjongo nobubele bakhe. Wasenzela obu bubele ngoKrestu Yesu kwantlandlolo.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela