DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Julayi 2017)

2017 Julayi 31, Mvulo

Naxa nithandazayo, ukuba ninendawo ngakubani, mxoleleni, ukuze noYihlo osezulwini anixolele iziphoso zenu.

2017 Julayi 30, Cawe

NguNdikhoyo okhokelela umntu kwindlela amakahambe ngayo;
nguye omenza akholeke kuye.

2017 Julayi 29, Mgqibelo

Kodwa kodwa kuxa ndingubani mna, beyintoni bona aba bantu bam, ukuba singade sibe nako ukukwenzela izinwe ngolu hlobo? Kaloku yonke into iphuma kuwe, ngoko ke nangoku sikunika kwaoko kuphuma esandleni sakho.

2017 Julayi 28, Lwesihlanu

Ngalinye ke, zintathu izinto eziya kuhlala zihleli: lukholo, nethemba, nothando. Engaphezu kwazo zonke ke luthando.

2017 Julayi 27, Lwesine

Imini enye echithelwe kwakho, Thixo,
ingaphezulu kwewaka lemihla echithwe ndaweni yimbi.
Kubhetele ndibe ngumgcini-mnyango kwaThixo
ndaweni yokungqendeva phakathi kwezaphula-mthetho.

2017 Julayi 26, Lwesithathu

Kodwa ke bona ubulumko obuvela phezulu bumsulwa; bunolungelelwano, nobubele, buyazelelela. Bona bunovelwano, yaye buvelisa imisebenzi emihle; abunamkhethe naluhanahaniso.

2017 Julayi 25, Lwesibini

Wabathamsanqelisa uThixo wathi: “Yandani, inzala yenu ilizalise ilizwe, nilongamele. Ndininika igunya phezu kweentlanzi, iintaka, nazo zonke izilo elizweni.”

2017 Julayi 24, Mvulo

Ndakusazi isigwebo sakho esingenagobe,
ndiya kukuncoma ngenene nangenyaniso.

2017 Julayi 23, Cawe

Kuba siphila ngokukholwa, kungekuko ngezinto esizibonayo.

2017 Julayi 22, Mgqibelo

‘Buyelani kum,’ nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo onamadla onke, ‘nam ke ndobuyela kuni,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.

2017 Julayi 21, Lwesihlanu

Namhla kunamhla, yimini kaNdikhoyo;
masizonwabise sibe nemihlali ngayo.

2017 Julayi 20, Lwesine

Lukholo ke olunenze nangoonyana bakaThixo ngokumanywa noYesu Krestu. Nonke nina babhaptiziweyo nimanywe noKrestu; ngoko ke nambethe uKrestu.

2017 Julayi 19, Lwesithathu

Wathi ke kubo: “Hambani niye kulo lonke ihlabathi, nizivakalise iindaba ezimnandi kulo lonke elimiweyo.”

2017 Julayi 18, Lwesibini

Eyona nto emawuyilondoloze ngaphezu kwazo zonke ezinye yintliziyo yakho,
kuba yona ingumthombo wobomi.

2017 Julayi 17, Mvulo

Ngoko ke asilangazeleli zinto zibonwayo, silangazelela ezingabonwayo. Kaloku ezibonwayo izinto zezexeshana nje, kanti ezingabonakaliyo ziya kuhlala zihleli.

2017 Julayi 16, Cawe

Khaniqwalasele iintaka. Azihlwayeli, azivuni, azigcini siseleni, kanti uYihlo osezulwini uyazondla. Ke, kungakanani na ukuxabiseka kwenu kunazo!

2017 Julayi 15, Mgqibelo

Sendingxamile, andisayi kulibazisa;
ndozithobela iziyalo zakho.

2017 Julayi 14, Lwesihlanu

Kaloku imo engabonwayo kaThixo – ndithetha amandla akhe angapheliyo kwanobuThixo bakhe – ibonakala kakuhle kwasekudalweni kwehlabathi. Kaloku iqondakala ngezinto azenzileyo uThixo. Ngenxa yoko abantu abanasiphephelo mpela.

2017 Julayi 13, Lwesine

Ngubani onganenzakalisayo xa nisenza okulungileyo?

2017 Julayi 12, Lwesithathu

UNdikhoyo ndiyamthanda, kuba uyandiva;
uyasabela ndakuzibika kuye.
Njengoko endiphulaphula nje,
ndobhenela kuye xa ndisadl' ubomi.

2017 Julayi 11, Lwesibini

Uxolo eniluphiwa nguKrestu malube lulo olugweba iintliziyo zenu, kuba uThixo wanibizela kolu xolo ukuze nibe ngamalungu omzimba omnye. Phuphumani ke ngumbulelo.

2017 Julayi 10, Mvulo

Hayi uyolo lwenu xa abantu bathe banithiya ngenxa yakhe uNyana woLuntu, benigxotha, beningcikiva, benihlamba okwabancanyiweyo.

2017 Julayi 9, Cawe

Andithi na kaloku ndadalwa nguwe;
nditsho mna kanye lo!
Ewe, wandixonxa wandilunga-lungisa kwandisekumama.
Ndikubonga ndikubulela ngenxa yomntu endinguye,
ngenxa yokumangalisa nokukhwankqisa kwento endiyiyo.
Ewe, iyakhamnqisa kambe imisebenzi yakho.
Leyo ke into ndiyiqonde pheleleyo.

2017 Julayi 8, Mgqibelo

Lowo woyisileyo uya kuba nenxaxheba ebhotwe. Kaloku nam ndoyisa ndaza ndafumana inxaxheba yokungqendeva noBawo ebhotwe.

2017 Julayi 7, Lwesihlanu

Ubabalo lweNkosi uYesu Krestu maluhlale nani nonke.

2017 Julayi 6, Lwesine

Akunani kwaintwana engephi oyizuze ngendlela elungileyo
kunentabalala yengeniso oyifumene ngondlela-mnyama.

2017 Julayi 5, Lwesithathu

Lowo ukholwayo abhaptizwe wosindiswa; ke yena ongakholwayo wogwetywa.

2017 Julayi 4, Lwesibini

Ndiyazana nokuswela, kanti ke futhi ndikuqhelile ukuba nento yonke. Ndiwaqhelile amahlandinyuka obomi: intlutha nendlala, ubutyebi nokuswela.

2017 Julayi 3, Mvulo

Isiseko sobulumko kukuthobela uNdikhoyo.
Abayenzayo ke le nto baba nengqiqo eyiyo.
Ewe, makadunyiswe nanini-nanini!

2017 Julayi 2, Cawe

Lowo ke uswele amandla elukholweni, mamkeleni, kodwa kungabi nganjongo yakuphikisana nezimvo zakhe.

2017 Julayi 1, Mgqibelo

Ithembekile yona kambe iNkosi. Yonikhusela inigcine kuhlaselo lwendoda enobuqhokolo.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Bufana nomzali kubantwana
ububele bukaNdikhoyo kwabamnik' imbeko.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ngoko ke, mawethu athandekayo, yomelelani ningathandabuzi. Yisebenzeleni ngenkuthalo iNkosi ngalo lonke ixesha, kuba kakade ukubulaleka kwenu ngenxa yeNkosi akunakulambatha.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela