DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Septemba 2018)

2018 Septemba 30, Cawe

Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane uthando, ngokunjalo nokwenza imisebenzi emihle. Kananjalo masikuxabise ukudibana namanye amakholwa, siphefumlelane, singabi njengâbo bawutyeshelayo lo mkhwa. Ewe, masikhuthazane ngakumbi nangakumbi, kuba nani niyabona ukuba imini leyo iyasondela.

2018 Septemba 29, Mgqibelo

Ezi zinto ndizithethe kuni ukuze nibe novuyo enilunikwe ndim, luze uvuyo lwenu lugqibelele.

2018 Septemba 28, Lwesihlanu

Hayi ubuhle bezinto ozigcinele abo bakuhlonelayo, Ndikhoyo;
zintle kambe izinto ozenzela abo bakholose ngawe!

2018 Septemba 27, Lwesine

Konke enikucelayo ngomthandazo nikholwa, nokwamkela.

2018 Septemba 26, Lwesithathu

Wathi uPetros kubo: “Guqukani ezonweni zenu nonke ngabanye, nibhaptizwe egameni likaYesu Krestu, ukuze nixolelwe izono zenu, nize namkele isipho soMoya oyiNgcwele.”

2018 Septemba 25, Lwesibini

Kunikele kuNdikhoyo konke okwenzayo,
yaye ke yena uya kuziphumelelisa izicwangciso zakho.

2018 Septemba 24, Mvulo

Ngaphezu koko, siqhayisa nangeembandezelo ezi, sisazi nje ukuba iimbandezelo zisiqhelisa ukunyamezela. Ke ukunyamezela kubonisa ukuba sicikidekile. Ukucikideka ke kudala ithemba.

2018 Septemba 23, Cawe

Ubabalo lweNkosi uYesu Krestu, nothando lukaThixo, nobudlelane boMoya oyiNgcwele, maluhlale nani nonke.

2018 Septemba 22, Mgqibelo

Amazwi amyoli nqwa nobusi;
ayanandipheka emphefumlweni, ephilisa emathanjeni.

2018 Septemba 21, Lwesihlanu

Ewe, unenyhweba umntu olulekwa nguThixo;
ngoko ke sukuyidela ingqeqesho kaSomandla!

2018 Septemba 20, Lwesine

Waza uYesu wabakhangela wathi: “Abantu bona abanako ukuyenza le nto, kodwa yena uThixo unako ukuzenza zonke izinto.”

2018 Septemba 19, Lwesithathu

Ungaze wahlukane nezihlobo zakho, ungazilibali nezakowenu.
Xa usengxakini sukubalekela kumntakwenu –
isenokuba ngummelwane osondeleyo onokukunceda ngaphezulu komntakwenu okude.

2018 Septemba 18, Lwesibini

Guqukani ke ngoko, nibuyele kuThixo, ukuze zicinywe izono zenu.

2018 Septemba 17, Mvulo

Yiphani; nani ke niya kuphiwa nguThixo. Ewe, nophiwa isabelo esihle, esipheleleyo, esigalelwa engubeni yenu. Indlela enabela abanye ngayo, nani niya kwabelwa kwangayo nguThixo.

2018 Septemba 16, Cawe

Hayi ukuvuya komntu oyaziyo impendulo echanekileyo!
Ewe, ilizwi elithethwe ngexesha elililo lihle kunene.

2018 Septemba 15, Mgqibelo

Xa ke sithi sinobudlelane noThixo, kodwa sibe sihleli ebumnyameni, sithetha ubuxoki, nezenzo zethu azingqinelani nenyaniso.

2018 Septemba 14, Lwesihlanu

Nondifuna nindifumane, xa nindifuna ngomxhelo wonke.

2018 Septemba 13, Lwesine

Umzimba nentliziyo zingade ziphelelwe,
wona amandla am nguThixo, ulibango lam naphakade.

2018 Septemba 12, Lwesithathu

Phakathi kobusuku uPawulos noSilas bathandaza bacula bedumisa uThixo, namanye amabanjwa ebeva.

2018 Septemba 11, Lwesibini

Kaloku ndilangazelela ukunibona, ukuze ndinabele siphiwo sithile kwezoMoya, ukuze nomelezeke. Ndithetha ukuthi nina kunye nam sivuseleleke: nina ngokholo lwam, nam ke ngokholo lwenu.

2018 Septemba 10, Mvulo

Amehlo am ndiwajongis' enkalweni;
yaz'ba lovela ngaphi na uncedo lwam?
Umncedi wam nguNdikhoyo,
yena ungumenzi wamazulu nehlabathi.

2018 Septemba 9, Cawe

Njengoko ke ningabantwana bakaThixo abaziintanda, fuzani yena.

2018 Septemba 8, Mgqibelo

Abe njengaye uNyana woLuntu, yena ongezanga kukhonzwa, koko oweza kukhonza nokuncama ubomi bakhe bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.

2018 Septemba 7, Lwesihlanu

Ndizolulela kuwe izandla zam;
ndikunxanele njengomhlaba owomileyo.

2018 Septemba 6, Lwesine

Ukuba ke sidla ubomi ngoMoya kaThixo, masilawulwe nguye ke.

2018 Septemba 5, Lwesithathu

Ukuba bakho abantu abalumkileyo nabaqondayo phakathi kwenu, loo nto mabayibonakalise ngobomi obumsulwa, nangezenzo zentobeko nobulumko.

2018 Septemba 4, Lwesibini

Awu, akanqabe ngako umfazi onesidima!
Lingaphezulu lee nakumatye anqabileyo ixabiso lakhe!

2018 Septemba 3, Mvulo

Musani ukumdakumbisa uMoya oyiNgcwele kaThixo, kuba uniphawulele umhla wokugqibela wenkululeko.

2018 Septemba 2, Cawe

Ndigqiba kwelithi ezi ntlungu zangoku azinakufaniswa nobuncwane esiza kubuxhamla.

2018 Septemba 1, Mgqibelo

Yena wondibamba lungatyibiliki unyawo lwam;
kaloku akozeli, walusa mna.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Umzimba nentliziyo zingade ziphelelwe,
wona amandla am nguThixo, ulibango lam naphakade.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela