DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Agasti 2018)

2018 Agasti 31, Lwesihlanu

UPetros wathetha wenjenje: “Ngenene ndiyaqonda ngoku ukuba uThixo akamkhethi wabuso bamntu. Nabani na, nokuba ngowaluphi na uhlanga, ukuba uyamhlonela uThixo, esenza okulungileyo, wamkelekile kuye.”

2018 Agasti 30, Lwesine

Makungabikho namnye uzikhohlisayo. Ukuba ubani kuni uba usisilumko kweli hlabathi, makabe “sisidenge” ukuze abe sisilumko ngenene.

2018 Agasti 29, Lwesithathu

Umntu oyinyolukeleyo imali soze imanelise;
kanti ke noxhinele ubutyebi akaze aneliswe yingeniso yakhe.
Nale ke into ngamampunge.

2018 Agasti 28, Lwesibini

Kaloku abo bakhokelwa nguMoya kaThixo, bangoonyana bakaThixo.

2018 Agasti 27, Mvulo

Bakuyiva le ntetho, babhaptizwa egameni leNkosi uYesu. UPawulos wababeka izandla, batsho bamamkela uMoya oyiNgcwele, baza bathetha iilwimi, belithetha ilizwi likaThixo.

2018 Agasti 26, Cawe

Ububele bakho mandibuve kwakusasa;
kaloku mna ndikholosa ngawe.
Ndifundise indlela endifaneleyo;
kaloku mna ndizibika kuwe.

2018 Agasti 25, Mgqibelo

Yaye uThixo wam wonibonelela kuzo zonke iintswelo zenu ngendyikityha yendyebo yakhe ekuKrestu Yesu.

2018 Agasti 24, Lwesihlanu

Kambe ke nina niluhlanga olukhethekileyo, ababingeleli basebhotwe, isizwe esinyulu, imilowo yakwaThixo. UThixo unikhethele ukuze nivakalise isidima nesihomo sakhe. Kaloku wanibiza nisebumnyameni, wanizisa ekukhanyeni okumangalisayo.

2018 Agasti 23, Lwesine

Umntu oyithandayo ingqeqesho uthanda ulwazi;
kodwa ke yena ongafuni kululekwa usisityhakala.

2018 Agasti 22, Lwesithathu

Kodwa ke, wena mntu uzinikele ngokupheleleyo kuThixo, zicezele zonke ezi zinto. Phuthuma ukulungisa, unqulo, ukuthemba, uthando, ukunyamezela, nobulali.

2018 Agasti 21, Lwesibini

Makubulelwe ke kuThixo osinika uloyiso ngayo iNkosi yethu uYesu Krestu!

2018 Agasti 20, Mvulo

Umntu ondwebileyo uthi akuyibona ayicezele ingozi,
kanti ke yena ongaqiqiyo uphoseka kuyo enzakale.

2018 Agasti 19, Cawe

Ke ngoko uYesu wathi kumaJuda abeke ithemba kuye: “Ukuba nithe nazingisa ukuhlala nisenza oko ndinifundisileyo, niya kuba ngabafundi bam benene. Niya kuyiqonda ke inyaniso; yaye inyaniso iya kunenza nikhululeke.”

2018 Agasti 18, Mgqibelo

Síthini na ke ngoko? Sóne na, kuba singekho phantsi kwawo umthetho, siphantsi kobabalo? Nakanye!

2018 Agasti 17, Lwesihlanu

Ngenene ndobuxhamla kambe ububele bukaNdikhoyo
lo gama ndisadla amazimba.

2018 Agasti 16, Lwesine

Kuba kaloku noNyana woLuntu akezanga kukhonzwa, weza kukhonza, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.

2018 Agasti 15, Lwesithathu

Yenzani unako-nako ukuhlalisana ngoxolo nabantu bonke.

2018 Agasti 14, Lwesibini

Ikratshi lomntu lilandelwa yintshabalalo;
ke lona udumo lukhokelwa yintobeko.

2018 Agasti 13, Mvulo

Celani nophiwa, funani nofumana, nkqonkqozani novulelwa.

2018 Agasti 12, Cawe

Ewe, uThixo unyule izinto ezibonakala zidelekile ebantwini, ngathi azinto yanto, azikho nokubakho, ezinyulela ukuze aphuthise ngazo izinto ezibonakala ngathi zibalulekile ebantwini. Xa kunjalo ke akukho namnye unokuqhayisa.

2018 Agasti 11, Mgqibelo

Bulelani uNdikhoyo, ninqule igama lakhe,
nizibalisel' iintlanga ngezintw' asenzele zona.

2018 Agasti 10, Lwesihlanu

Ndiza kuyomeleza indlu kaJuda,
ndiyihlangule indlu kaJosefu.
Ewe, ndoba nebuyambo ngakubo;
kaloku mna ndinenceba ngabo.
Boba ngathi zange ndibalahle.
Kaloku mna ndinguNdikhoyo uThixo wabo,
ndaye ke ndobaphendula.

2018 Agasti 9, Lwesine

Ukuba iliso lakho lasekunene liyakulahlekisa, lincothule ulilahle. Kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni.

2018 Agasti 8, Lwesithathu

Intiyo iphembelela ingxabano;
ke lona uthando luyazingcwaba zonke izono.

2018 Agasti 7, Lwesibini

Mna ndinguNdikhoyo, uThixo wakho;
ndokugcina ndikomeleze,
ndithi kuwe: ‘Sukuphaphazela, ndiza kukunceda.’

2018 Agasti 6, Mvulo

Waphendula uYesu wathi kuye: “Lowo undithandayo uyawagcina amazwi am. Wothi uBawo amthande, size siye kuye, sihlale kunye naye.”

2018 Agasti 5, Cawe

Ndingamzimela ndithini uMoya wakho?
Ndingasabela phi apho ungekhoyo khona?
Ukuba ndingenyukela emazulwini, ndingafika ukho;
nokuba ndingalala kwelabafileyo, ukho nalapho.

2018 Agasti 4, Mgqibelo

Ngoko ke yitshitshiseni iphele kuni imikhwa yeli hlabathi: ukurheletya, ukungcola, ukutshiseka, iinkanuko, nokunyoluka okukwalunqulo-zithixo.

2018 Agasti 3, Lwesihlanu

Kuba apho bathe bahlangana khona egameni lam ababini nokuba ngabathathu, nam ndikho phakathi kwabo.

2018 Agasti 2, Lwesine

InguNdikhoyo nje ondalusayo,
ndingaswela ntoni na?
Nguye ondikhaphelela kumadlelo aluhlaza,
andikhokelele kwimilambo empompozayo.

2018 Agasti 1, Lwesithathu

Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa uNdikhoyo,
akulondoloze.
Wanga angayindlezane kuwe uNdikhoyo,
usixhamle isisa sakhe.
Wanga angakwazelelela uNdikhoyo,
akwambathise uxolo.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Bufana nomzali kubantwana
ububele bukaNdikhoyo kwabamnik' imbeko.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Nazi ke zona iziqhamo zoMoya: luthando, novuyo, noxolo; umonde, ububele, ukulunga, nentembeko; ubulali, nokuzeyisa. Awukho ke umthetho ochasa izinto ezinjengezi.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela