DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Okthoba 2018)

2018 Okthoba 31, Lwesithathu

Iintsimbi ziyalolana;
ngokunjalo ke nezihlobo ziyakhuthazana.

2018 Okthoba 30, Lwesibini

Xa umntu egula, makabize amadoda amakhulu ebandla; wona aya kumthandazela, amthambise ngeoyile egameni leNkosi. Lo mthandazo uphuma elukholweni uya kumnyanga umntu ogulayo, iNkosi imbuyisele empilweni, zithi nezono azenzileyo zixolelwe.

2018 Okthoba 29, Mvulo

Ewe, yithobeleni imiyalelo yam; kaloku ndinguNdikhoyo.

2018 Okthoba 28, Cawe

Thembela kuNdikhoyo wena, wenze okulungileyo;
uya kuba sisima-mhlaba, ube nekamva.

2018 Okthoba 27, Mgqibelo

Asinini enanyula mna, ndim owaninyulayo nina. Ndanimisela okokuba niqhubele phambili, nivelise iziqhamo ezihlala zikho. Ke ngoko uBawo uya kuninika konke enithi nikucele egameni lam.

2018 Okthoba 26, Lwesihlanu

Wathi kubo: “Ndilandeleni; ndonenza abalobi babantu.”

2018 Okthoba 25, Lwesine

Umntu onjalo ulibala imini yonke kukucinga ngezinto azifunayo;
kanti ke yena umntu olungileyo unezinwe uyapha.

2018 Okthoba 24, Lwesithathu

Owesibini ke ngulo: ‘Uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’ Akukho myalelo wumbi ubalulekileyo kunalé mibini.

2018 Okthoba 23, Lwesibini

Le miyalelo kaNdikhoyo ndininika yona ze niyigcine, ningaze niyandise okanye niyinciphise.

2018 Okthoba 22, Mvulo

Imfundiso yakho lilifa lam nanini na;
ewe, iluyolo entliziyweni.

2018 Okthoba 21, Cawe

Kodwa ukuphepha ukurheletya elowo makabe nowakhe umfazi, aze elowo umfazi abe neyakhe indoda.

2018 Okthoba 20, Mgqibelo

Ubabalo lweNkosi uYesu Krestu malube nani nonke.

2018 Okthoba 19, Lwesihlanu

Lowo uwubopha ngomkhala umlomo wakhe ukhusela ubomi bakhe;
kanti ke yena othetha gqitha uyazenzakalisa.

2018 Okthoba 18, Lwesine

Ikholwa elihlelelekileyo malivuye lakuphakanyiswa nguThixo. Nekholwa elimi kakuhle nalo malizidle lakuthotywa nguThixo. Kaloku kwanesinhanha esi sithi shwaka njengentyatyambo esendle.

2018 Okthoba 17, Lwesithathu

Nalowo uthe akawuthwala umnqamlezo wakhe andilandele, akandifanelanga.

2018 Okthoba 16, Lwesibini

Awumhle ngako, sithandwa sam!
Umhle ngenene, awunasiphako!

2018 Okthoba 15, Mvulo

NguNdikhoyo ngokwakhe oza kunikhokela, ahambe nani. Soze arhoxe, engasoze anilahle; ngoko ke yomelelani ningoyiki.

2018 Okthoba 14, Cawe

Yaza yathi kuso inkosi yaso: ‘Ngxatsho ke, sicaka sam esilungileyo, esithembekileyo! Ubuthembekile kwizinto ezimbalwa; ndiya kukuphathisa izinto ezininzi. Ngena uchwayite kunye nenkosi yakho.’

2018 Okthoba 13, Mgqibelo

Kodwa ke umncedi wam nguThixo,
umxhasi wam nguMhlekazi.

2018 Okthoba 12, Lwesihlanu

Ndiyamcela uThixo weNkosi yethu uYesu Krestu, uSosidima, ukuba aniphe uMoya wobulumko, anityhilele uThixo, ukuze nimazi.

2018 Okthoba 11, Lwesine

Yena ngumhlaziyi wâbo batyhafileyo,
umomelezi wâbo bangenamandla.

2018 Okthoba 10, Lwesithathu

Ndenze isigqibo sokuba ndinyaniseke;
ndizimisele ukusithobela isigwebo sakho.

2018 Okthoba 9, Lwesibini

Kungoko ndithi kuni, musani ukubuxhalela ubomi benu nisithi notya ntoni, nisele ntoni. Kwanomzimba wenu ze ningawuxhaleli, nisithi niya kunxiba ntoni. Ubomi abungaphezulu na kokutyiwayo; wona umzimba awungaphezulu na kokunxitywayo?

2018 Okthoba 8, Mvulo

UNdikhoyo wabhekisa kuMosis, wathi: “Nyuka uze kum apha entabeni, uhlale; ndiza kukunika amacwecwe amatye endiyibhale kuwo imithetho nemiyalelo omawuyifundise amaSirayeli.”

2018 Okthoba 7, Cawe

Umntu oyinonophelayo imfundiso uyaphumelela;
ewe, yimihlali yodwa kokholosa ngoNdikhoyo.

2018 Okthoba 6, Mgqibelo

Ngoko ke masisebenzele ukulungelwa komntu wonke, ngalo lonke ixesha esinethuba ngalo, ngokukodwa usapho lwamakholwa.

2018 Okthoba 5, Lwesihlanu

Owesibini ke ufana nawo: ‘Uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’

2018 Okthoba 4, Lwesine

Kholosa ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho wonke,
ungaze ungqiyame ngezakho iimbono.
Mkhumbule uNdikhoyo kuyo yonke ihambo yakho,
waye ke yena eya kukukhokela kuzo zonke iindlela zakho.

2018 Okthoba 3, Lwesithathu

Yini na ukuba usibone isibi esiselisweni lowenu, kanti wona umqadi okwelakho iliso akuwuboni?

2018 Okthoba 2, Lwesibini

Inzala yakho iza kuba ngangeenkwenkwezi ezisesibhaka-bhakeni, ndiyinike wonke lo mhlaba. Zonke iintlanga ziya kuthamsanqeliswa ngenzala yakho. Ndiza kukuthamsanqelisa, kuba uyihlo uAbraham wandithobela, wahamba ngokwemithetho nemiyalelo yam.

2018 Okthoba 1, Mvulo

Umntu oyithobelayo ingqeqesho usekhondweni lobomi;
ke yena ongaphulaphuliyo ulahlekene nendlela.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Umntu onyanisekileyo uhamba engaxhalele nto;
ke yena onamaqhinga uya kubhaqwa.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Nihlale nithobekile ngawo onke amaxesha, ninobulali nomonde, ninyamezelana ngothando.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela