DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Novemba 2018)

2018 Novemba 30, Lwesihlanu

Wena uyinqaba endizifihla kuyo;
uyandikhusela xa ndisebunzimeni.
Undirhangqe ngosindiso lwakho;
ngoko ke ndimemelela ndinemincili.

2018 Novemba 29, Lwesine

Izono zethu wazithathela kuye siqu, waxhonywa nazo emnqamlezweni, khon' ukuze thina siyeke ukuphilela ukona, koko siphilele ukulungisa. Ninyangwe ngamanxeba akhe.

2018 Novemba 28, Lwesithathu

Lowo utya konke makangamdeli ozila ukutya okuthile, nalowo uzila ukutya okuthile makangamgwebi otya konke, kuba uThixo umamkele.

2018 Novemba 27, Lwesibini

Umntu onomonde uba nengqiqo;
kambe ke yena ocaphuka msinya usuka enze ubudenge.

2018 Novemba 26, Mvulo

Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana kuThixo, ukuze nibe nako ukumelana nabo bonke ubuqhokolo bukaSathana.

2018 Novemba 25, Cawe

Xa nisenza ngokwemimiselo yam, niyithobela imiyalelo yam, ndiya kunipha imvula ngexesha, uze umhlaba wenu uvelise isivuno, nemithi ithwale iziqhamo.

2018 Novemba 24, Mgqibelo

UNdikhoyo unobubele, ulungile.
Yiyo loo nto abafundisayo indlela yakhe aboni.
Abathobekileyo ubakhokelela kokulungileyo,
abafundise indlela yakhe abalulamileyo.

2018 Novemba 23, Lwesihlanu

Kaloku zange size nanto ehlabathini; ngoko ke siya kumka singaphathanga nto. Kambe ke, ukuba sinako ukutya nempahla yokunxiba masaneliswe.

2018 Novemba 22, Lwesine

Hayi ithamsanqa lomntu othembela ngoNdikhoyo,
lowo ukholosa ngaye!
Unjengomthi otyalwe ngasemfuleni,
ongcambu zinabela emanzini.
Awoyiki naxa ilanga lishushu;
amagqabi awo ahlala eluhlaza.
Ngexesha lembalela awunaxhala;
uhlala uvelisa iziqhamo.

2018 Novemba 21, Lwesithathu

Umntu oxunela ubulungisa nenceba
ufumana ubomi nobulungisa nodumo.

2018 Novemba 20, Lwesibini

Kuba kweli dabi lethu asilwi nabantu, kodwa silwa nemimoya ekhohlakeleyo esesibhakabhakeni, izilawuli, nabasemagunyeni, kunye nemimoya engcolileyo yeli phakade lobumnyama.

2018 Novemba 19, Mvulo

Iziyalo nezicwangciso ngokunjalo nemimiselo eniyinikwe nguNdikhoyo uThixo wenu ze niyithobele ngenyameko.

2018 Novemba 18, Cawe

Isiseko sobulumko kukuthobela uNdikhoyo,
kambe ke zona izityhakala zibujongele phantsi ubulumko nengqeqesho.

2018 Novemba 17, Mgqibelo

Kolu gqatso lokholo yenza konke okusemandleni ukuze ubufumane ubomi obungonaphakade. Ewe, kaloku wabizelwa yona le njongo, ngokuya wawusenza isivumo sokholo phambi kwamangqina amaninzi.

2018 Novemba 16, Lwesihlanu

Kaloku wonke umntwana kaThixo uyaloyisa eli hlabathi. Ke kaloku ihlabathi siloyisa ngokukholosa ngoThixo.

2018 Novemba 15, Lwesine

Ukuxhalela abantu kusenokuba ngumgibe;
kambe ke othembela kuNdikhoyo ukhuselekile.

2018 Novemba 14, Lwesithathu

Ngokukwanjalo noMoya uyasixhasa ekusweleni kwethu amandla, kuba kaloku asiyazi eyona ndlela singathandaza ngayo. Kodwa ke kweso singqala sethu sikhohliwe uMoya ngokwakhe uyasithethelela.

2018 Novemba 13, Lwesibini

Ezo ntshinga zoba sisikhumbuzo, nize nithi maxa onke nizibona zitsho nikhumbule imiyalelo kaNdikhoyo niyithobele, khon' ukuze ningahendeki nibhaduliswe ziinkanuko zenu.

2018 Novemba 12, Mvulo

Kaloku yeyomzuzwana ingqumbo yakhe;
ukanti buhlala buhlel' ububele bakhe.
Ewe, zibakho zon' iinzingo ebusuku,
kodwa kusasa kuba yimincili yodwa.

2018 Novemba 11, Cawe

Zihlobo zam ezithandekayo, masithandane; kuba kaloku uthando luvela kuThixo. Nawuphi na umntu onalo uthando uzelwe nguThixo, futhi uyamazi uThixo.

2018 Novemba 10, Mgqibelo

Kaloku xa nibaxolela abantu izigqitho zabo, uYihlo osezulwini wonixolela nani.

2018 Novemba 9, Lwesihlanu

Ukuthetha komntu kulawula ukuphila nokufa;
ke othetha kakhulu uvuna iziqhamo zaloo nto.

2018 Novemba 8, Lwesine

Wawubhengeza kuni umnqophiso wakhe emaniwuthobele, nditsho imithetho elishumi ayibhale kumacwecwe amabini amatye.

2018 Novemba 7, Lwesithathu

Singumsebenzi wezandla zikaThixo ke thina. Kaloku simanywe noYesu Krestu nje, uThixo wasidalela ukuba sizinikele ekwenzeni imisebenzi emihle awasimisela yona kwangaphambili.

2018 Novemba 6, Lwesibini

Umntu osifihlayo isono sakhe akabi nampumelelo;
kambe ke yena osivumayo, ahlukane naso, wenzelwa inceba.

2018 Novemba 5, Mvulo

Nakuwe ke mntundini ugwebayo, nokuba ungubani, amatyholo aphelile. Ewe, ngokugweba omnye, uzigweba ngokwakho. Kaloku wena ugwebayo, wenza kwaezo zinto ugweba omnye ngazo.

2018 Novemba 4, Cawe

Nangona sineenzingo, sihlala sichwayitile. Ngathi singamahlwempu, ukanti abaninzi batyeba ngathi; ngathi singabasweleyo, kanti siphuphuma izinto zonke.

2018 Novemba 3, Mgqibelo

Ukuhlonela uNdikhoyo kufundisa ubulumko;
indlela eya ewongeni yintobeko.

2018 Novemba 2, Lwesihlanu

Hlalani nithandana okwabantu abazalanayo. Zenzeleni ububele emakhaya iindwendwe. Ngokwenjenjalo abanye abantu kwathi kanti babuka izithunywa zezulu bengaqondi.

2018 Novemba 1, Lwesine

Ungaze ulikhankanye ngelize igama lam; mna Ndikhoyo Thixo wakho andiyi kumxolela ofumana alibize igama lam.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Lowo uhleli ekhuselwe nguPhezukonke,
uhlala esemthunzini kaSomandla.
Yena uya kuthi: “Ndikhoyo, ungumkhuseli wam;
uyinqaba yam, wena Thixo, ndiya kuthembela kuwe.”
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela