DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Novemba 2019)

2019 Novemba 30, Mgqibelo

Ke ngoko nayiphi na into eniyicela kum ndiya kuyenza, ukuze uYise abonakalise amandla akhe ngoNyana.

2019 Novemba 29, Lwesihlanu

Musa ukunqwenela umzi womnye umntu, nokuba ngumfazi wakhe, nokuba sisicaka sakhe okanye isicakakazi sakhe, nokuba yinkomo yakhe, nokuba yidonki yakhe, okanye nantoni na eyeyomnye umntu.

2019 Novemba 28, Lwesine

Ndifumanise ukuba akukho nto iyenye angayenzayo umntu ngaphandle kokuba ahlale onwabile, enze okulungileyo lo gama esaphila, kwanokuba wonke umntu atye asele aneliseke yimigudu yakhe. Kaloku sisipho esivela kuThixo eso.

2019 Novemba 27, Lwesithathu

Ukuba ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi yena uYihlo osezulwini ukugqithisela ukubapha uMoya oyiNgcwele abo bamcelayo?

2019 Novemba 26, Lwesibini

Ze ningabi ndize kuchitha umthetho kaMosis nomyalelo wabashumayeli bamandulo. Andizanga kuchitha; ndize kuzalisekisa.

2019 Novemba 25, Mvulo

Umntu onengqondo uyayiphulaphula imiyalelo;
kambe ke sona isityhakala esilavuzayo siya kubhanga.

2019 Novemba 24, Cawe

Ke ngoko velisani iziqhamo ezifanele inguquko.

2019 Novemba 23, Mgqibelo

Kaloku yena uNyana woLuntu wezela ukufuna kwanokusindisa abantu abalahlekileyo.

2019 Novemba 22, Lwesihlanu

Andithi na kaloku ndadalwa nguwe;
nditsho mna kanye lo!
Ewe, wandixonxa wandilunga-lungisa kwandisekumama.
Ndikubonga ndikubulela ngenxa yomntu endinguye,
ngenxa yokumangalisa nokukhwankqisa kwento endiyiyo.
Ewe, iyakhamnqisa kambe imisebenzi yakho.
Leyo ke into ndiyiqonde pheleleyo.

2019 Novemba 21, Lwesine

Waphendula yena wathi: “IziBhalo zithi: ‘Umntu akaphili ngasonka sodwa; uphila ngamazwi onke athethwa nguThixo.’”

2019 Novemba 20, Lwesithathu

Umntu ongazikhathaleleyo izizalwane zakhe, ingakumbi ezihlala naye, selelulahlile ukholo, ungcole ngaphezu kwabangakholwayo.

2019 Novemba 19, Lwesibini

UNdikhoyo wozihlangula izicaka zakhe;
bonke abakholose ngaye abayi kugwetywa.

2019 Novemba 18, Mvulo

Ke ngoko kuqala zondelelani ukulawulwa nguThixo, nenze ubulungisa obufunwa nguye, waye ke yena eya kunongezelela zonke ezi zinto.

2019 Novemba 17, Cawe

IziBhalo zithi kuya kugqabhuka imisinga yamanzi aphilisayo embilinini walowo ukholwayo kum.

2019 Novemba 16, Mgqibelo

Mfo wam, sukuyilibala imfundiso yam,
koko mayihlale ihleli imiyalelo yam engqondweni yakho.
Kaloku imfundiso yam iya kukongezela imihla emininzi,
ikwandisele iminyaka noxolo.

2019 Novemba 15, Lwesihlanu

Hlalani nithandana kanye ngale ndlela wanithanda ngayo uKrestu. Yena wazincama ngenxa yenu, wazenza umnikelo nedini elivumba limnandi kuThixo.

2019 Novemba 14, Lwesine

Hayi, akakh' onjengawe;
hayi bo, wahlukile wena, Ndikhoyo!
Akukh' ongxondorha injengoThixo wethu!

2019 Novemba 13, Lwesithathu

Ngulowo uhambo ingenabala,
owenza ubulungisa,
ayithethe inyaniso engafihlisi.
Ngulowo unganyelisiyo,
ungamenziyo into embi uwabo,
ungamhlebiyo ummelwana wakhe.

2019 Novemba 12, Lwesibini

Kaloku mnye uThixo, ukwamnye nalowo ungumxolelanisi kaThixo nomntu. NguKrestu Yesu ongumntu ncakasana.

2019 Novemba 11, Mvulo

Hayi ubukhulu bothando lukaThixo uYise kuthi! Uthando lwakhe lukhulu kangangokuba ude athi uThixo singabantwana bakhe. Kambe ke singabo ngenene. Yiyo loo nto lingasiqondi nje ihlabathi; noThixo kaloku alimazi.

2019 Novemba 10, Cawe

Zonwabise ngokululamela uNdikhoyo;
wokunika umnqweno wentliziyo yakho.

2019 Novemba 9, Mgqibelo

Sondelani kuThixo naye azokusondela kuni. Hlambani izandla zenu, nina bonindini! Nizenze nyulu iintliziyo zenu, nina bahanahanisi!

2019 Novemba 8, Lwesihlanu

Basikeleleni abanitshutshisayo; sikelelani, ningaqalekisi.

2019 Novemba 7, Lwesine

Umntu uyaceba acwangcise entliziyweni yakhe,
kodwa ke licebo likaNdikhoyo eliphumelelayo.

2019 Novemba 6, Lwesithathu

Musa ukuvuma ukudelwa ngabantu ngenxa yokuba usemncinci. Yiba ngumzekelo kuwo onke amakholwa, ngentetho yakho, ngokuziphatha, ngothando, ngentembeko, nangobunyulu.

2019 Novemba 5, Lwesibini

Niya kuthi ke nakumfuna uNdikhoyo uThixo wenu nikuloo meko nimfumane; ewe, ukuba nimfuna nimlangazelela ngomxhelo wenu wonke niya kumfumana.

2019 Novemba 4, Mvulo

Qinani nibe nesibindi, nonke nina nithembele ngoNdikhoyo.

2019 Novemba 3, Cawe

Musani ke ukuthatha isimilo sabantu beli phakade, kodwa iingqondo zenu maziguquke zihlaziyeke, nize niyivume intando kaThixo, yona ilungileyo, ikholekileyo, igqibeleleyo.

2019 Novemba 2, Mgqibelo

Wathi kuye uYesu: “Oo, uthi: ‘Ukuba ndinako;’ – zonke izinto zinokwenzeka kokholwayo.”

2019 Novemba 1, Lwesihlanu

Umntu oyifihlayo intiyo lixoki;
ke yena osasaza iindaba zolwimi sisiyatha.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Usindiso lufumaneka ngaye kuphela, kuba akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Kambe ke bona abakholosa ngoNdikhoyo
bosuka bahlaziyeke bomelele.
Bosuka bantinge baxel' ukhozi;
noba sebebaleka, soze badinwe;
ewe, baya kuhamba bangaze batyhafe.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela