DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Okthoba 2019)

2019 Okthoba 31, Lwesine

Nohlala nanele ukuze nikwazi ukusoloko ninezinwe, khon' ukuze uThixo abulelwe ngabantu abaninzi ngenxa yezipho zenu abazifumana kuthi.

2019 Okthoba 30, Lwesithathu

Ukuba ke uNyana uthe wanenza nakhululeka, noba ngabakhululekileyo mpela.

2019 Okthoba 29, Lwesibini

NguNdikhoyo okhokelela umntu kwindlela amakahambe ngayo;
nguye omenza akholeke kuye.

2019 Okthoba 28, Mvulo

Ndiyabuya; andiyi kunishiya niziinkedama.

2019 Okthoba 27, Cawe

Kuba kaloku komnceda ntoni umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, kodwa walahlekelwa bubomi bakhe?

2019 Okthoba 26, Mgqibelo

Wena undazisa iindlela zobomi;
kaloku ndizala yimincili xa ndiphambi kwakho.
Ngasekunene kwakho yimihlali yodwa kude kube ngunaphakade.

2019 Okthoba 25, Lwesihlanu

Usixolele amatyala ethu,
njengokuba nathi sibaxolela abasonayo.

2019 Okthoba 24, Lwesine

Ngamana ke uNdikhoyo uThixo wethu waba nathi kwanjengokuba wayenabo noobawo; ngamana akangesishiyi okanye asilahle.

2019 Okthoba 23, Lwesithathu

Andinadyudyu, kuba uNdikhoyo ungakum;
okokwakhe yena umntu akanakundenza nto konke.

2019 Okthoba 22, Lwesibini

Banoyolo abo batshutshiswayo ngokuba besenza ubulungisa, kuba balawulwa nguThixo bona!

2019 Okthoba 21, Mvulo

Ngamana iNkosi, ekuvela kuyo yonke inzolo, ingamana inipha uxolo njalo-njalo, ngeendlela zonke. INkosi mayibe nani.

2019 Okthoba 20, Cawe

Ingqina elinyanisekileyo alibuthethi ubuxoki,
kodwa ke lona elixokayo liphuphuma lulwimi.

2019 Okthoba 19, Mgqibelo

Unoyolo lowo uzinyamezelayo izilingo, kuba kaloku, lakudlula uvavanyo, uya kuzuza umvuzo obubomi uThixo abuthembise abo bamthandayo.

2019 Okthoba 18, Lwesihlanu

Ingca iyatshaza, yona ke intyatyambo ibune,
ke lona ilizwi loThixo wethu lohlala lihleli.

2019 Okthoba 17, Lwesine

Umntu onentliziyo echwayitileyo uba nempilo;
kanti ke wona umoya odakumbileyo uyimpehla emathanjeni.

2019 Okthoba 16, Lwesithathu

Ithemba ke lona alidanisi, kuba uthando lukaThixo luthululelwe ezintliziyweni zethu ngoMoya oyiNgcwele esamnikwayo.

2019 Okthoba 15, Lwesibini

Mhlonele uyihlo ndawonye nonyoko, khon' ukuze ube nokuzinza kwelo lizwe ndikunika lona mna Ndikhoyo Thixo wakho.

2019 Okthoba 14, Mvulo

Ndikhoyo, undinike ikhaka lokuhlanganisa,
wandixhasa ngesandla sakho esinamandla;
undibonelele ndatsho ndazimaseka.
Undimise endaweni ephangaleleyo;
azinakutyibilika kuyo iinyawo zam.

2019 Okthoba 13, Cawe

Wanga ke uThixo, osinika unyamezelo nenkuthazo, anganenza nibe moya mnye ngokwentando kaKrestu Yesu.

2019 Okthoba 12, Mgqibelo

Kodwa ke kunjengoko zitshoyo iziBhalo ukuthi:
“Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe,
nezingathanga qatha ntliziyweni yamntu,
zezi kanye uThixo wazilungiselela abo bamthandayo.”

2019 Okthoba 11, Lwesihlanu

Oyedwa uyagaganyelwa, kodwa ababini banako ukumelana nohlaselo. Intsontelo ephindwe kathathu iqhawuka nzima.

2019 Okthoba 10, Lwesine

“Kaloku ingcinga zam azifani nezenu,
neendlela zenu azifani nezam,”
utsho yena uNdikhoyo!

2019 Okthoba 9, Lwesithathu

Nasiphi na isilingo esikuhlelayo siyinto eqhelekileyo emntwini. Yena ke uThixo, ngokuba ethembekile, akayi kukuyekela ulingwe ngokungaphezu kwamandla akho. Hayi, wosuka akuvulele ikroba lokuphuncula, ukuze ube nako ukunyamezela.

2019 Okthoba 8, Lwesibini

Akunani kwaintwana engephi oyizuze ngendlela elungileyo
kunentabalala yengeniso oyifumene ngondlela-mnyama.

2019 Okthoba 7, Mvulo

Njengoko nimanywe noYesu Krestu izimvo zenu mazifane nezakhe.

2019 Okthoba 6, Cawe

Kaloku ndiqinisekile kukuba asikuko nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, nanto zikhoyo, nanto zizayo, naziphathamandla, nanto ziphezulu, nanto zingaphantsi, nditsho nasiphi na isidalwa, esiya kuba nako ukusahlula nothando lukaThixo olukuye uKrestu Yesu, iNkosi yethu.

2019 Okthoba 5, Mgqibelo

Thembela kuNdikhoyo; yomelela, ube nesibindi!
Ewe, thembela kuNdikhoyo wena!

2019 Okthoba 4, Lwesihlanu

Ke kaloku ndaziva izidalwa nayo yonke indalo, ezulwini nasemhlabeni, phantsi komhlaba naselwandle, zidanduluka zisithi:
“Kulowo uhleli esihlalweni sokulawula, nakulo iXhwane,
mayibekho indumiso nesithozela, ubungangamsha namandla,
ngonaphakade kanaphakade!”

2019 Okthoba 3, Lwesine

Ndanelisekile ke ngoko nokuba ndibuthathaka, nokuba ndiyagxekwa, nokuba nditsala nzima, nditshutshiswa, ndithwala iimbandezelo ngenxa kaKrestu. Kuba xa ndibuthathaka, kuxa kanye ndinamandla.

2019 Okthoba 2, Lwesithathu

Bathembele ngawe, Ndikhoyo, bonke abakwaziyo;
kaloku akuzange ubafulathele abo bakufunayo.

2019 Okthoba 1, Lwesibini

Yahlukanani nemikhwa emibi nehambo engcolileyo. Mlulameleni uThixo, namkele ilizwi lakhe alifake kuni ezintliziyweni. Lilo elinamandla okunisindisa.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Usindiso lufumaneka ngaye kuphela, kuba akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Eyona nto emawuyilondoloze ngaphezu kwazo zonke ezinye yintliziyo yakho,
kuba yona ingumthombo wobomi.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela