DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Disemba 2019)

2019 Disemba 31, Lwesibini

Wena unguThixo wam,
ngoko ke ndifundise ukuthanda kwakho.
UMoya wakho wobubele
makandikhokelele endleleni esisithabazi!

2019 Disemba 30, Mvulo

Nanjengoko zitshoyo iziBhalo ukuthi:
“Lowo unga angabudla ubomi abe nenkqubela
makazilumle ekuthetheni kakubi,
ayeke ukuthetha ubuxoki.
Makahlukane nobubi, enze okulungileyo;
makaphuthume uxolo, ahlale kulo.”

2019 Disemba 29, Cawe

Ngoku ke, kulowo unako ukwenza ngaphezu kokuba sicela nokuba siqiqa, ngamandla akhe asebenza ngaphakathi kuthi: Makubekho udumo kuThixo ebandleni, nakuKrestu Yesu, kuse kuzo zonke izizukulwana ngonaphakade kanaphakade. Amen.

2019 Disemba 28, Mgqibelo

Awu, Thixo Somandla, yiba nebuyambo;
velana nathi usisindise!

2019 Disemba 27, Lwesihlanu

Xa ningabaxoleli abantu izigqitho zabo, noYihlo akayi kunixolela iziphoso zenu.

2019 Disemba 26, Lwesine

Lunje ke olu thando: Ayisithi esamthandayo uThixo, koko nguye owasithandayo, wasinika uNyana wakhe, ukuze acamagushele izono zethu.

2019 Disemba 25, Lwesithathu

Andithi na kaloku thina sizalelwe umntwana;
kaloku thina silizwe ngonyana.
Nguye ke oya kulawula.
Ke yena wothiywa igama kuthiwe
nguMcebisi omangalisayo,
uThixo oligorha,
uSonini-nanini,
iTshawe loxolo.

2019 Disemba 24, Lwesibini

Makadunyiswe uThixo kweliphezulu,
kube luxolo emhlabeni kubantu abamkholisayo.

2019 Disemba 23, Mvulo

UJosefu ke waphuma kwelaseGalili, kwidolophu iNazarete, waya kwelakwaJuda, kwidolophu kaDavide eyiBhetelehem, kuba wayengowomlibo kaDavide. Wayesiya kubhalisa, enoMariya owayesendela kuye. Yena wayeselekhulelwe.

2019 Disemba 22, Cawe

Ewe, nguwe inqaba yam nekhusi lam;
ndikhokele, undithundeze, lidunyiswe igama lakho.

2019 Disemba 21, Mgqibelo

Yiyo ke loo nto ndithi umkhulu, wena Ndikhoyo Nkosi yam. Akukho onjengawe, kungekho naThixo ngaphandle kwakho, njengoko sazivelayo ngezi zethu iindlebe.

2019 Disemba 20, Lwesihlanu

Kaloku omphikayo uNyana uyamphika kwanoYise; ukanti ke omamkelayo uNyana umamkele noYise.

2019 Disemba 19, Lwesine

Kufana nomgibe emntwini xa enikezele ngento kuNdikhoyo buphuthu-phuthu,
aze kamva acinge ngenye indlela ngezibhambathiso zakhe.

2019 Disemba 18, Lwesithathu

Nihlale nithobekile ngawo onke amaxesha, ninobulali nomonde, ninyamezelana ngothando.

2019 Disemba 17, Lwesibini

Kambe ke, ukudla ubomi, kum kukuthobela uKrestu. Ukufa ke kona kuzisa lukhulu.

2019 Disemba 16, Mvulo

Khanibuxhamle ububele bukaNdikhoyo;
ngenene unoyolo umntu othembela ngoNdikhoyo!

2019 Disemba 15, Cawe

Ngaphezu koko ke hlalani nithandana, kuba kaloku uthando luyazingcwaba izono.

2019 Disemba 14, Mgqibelo

Ngoku nisilahlileyo isimo esidala sanukuxokisana. Kaloku ngoku nambethe isimo esitsha, athe chu kuhle ukusihlaziya uThixo, ukuze sifuze yena mdali waso, nokuze nani nimazi ngokupheleleyo.

2019 Disemba 13, Lwesihlanu

Ndikhwebule kubuqhetseba nokuxoka;
mandingade ndibe sisityebi okanye ndihlwempuzeke,
nto nje ndiqhekezele isonka sam semihla ngemihla.

2019 Disemba 12, Lwesine

Ngoku ke usalindele ntoni? Vuka, ubhaptizwe, zixolelwe izono zakho ngokubiza igama lakhe.

2019 Disemba 11, Lwesithathu

Hlonelani iNkosi uKrestu ehleli kuni ngaphakathi, nihlale nilungele ukuphendula nabani na onibuza ngethemba eniqamele ngalo.

2019 Disemba 10, Lwesibini

Zilahlele kuNdikhoyo, ukholose ngaye;
yena ke wokwenzelelela.
Wobutyhila bukhanye njengelanga ubulungisa bakho,
kucace mhlophe ukulunga kwakho.

2019 Disemba 9, Mvulo

Thina kaloku sanikwa lo myalelo yiNkosi:
“ ‘Ndikumisele ukuba ube sisibane sokukhanyisela iintlanga,
ube yindlela yokusindiswa kwalo lonke elimiweyo.’”

2019 Disemba 8, Cawe

Ilizwi likaThixo liyaphila, liyasebenza. Libukhali ngaphezu kwekrele elibazwe macala. Lihlabanisela liye kuthi xhokro embindini, phakathi komzimba nomphefumlo, nasekudibaneni kwamathambo nomongo. Liyazihluza lizicalu-calula iingcamango neminqweno yabantu.

2019 Disemba 7, Mgqibelo

UNdikhoyo ukufuphi kwabo babhenela kuye,
kwabo bamfuna benyanisekile.

2019 Disemba 6, Lwesihlanu

Kaloku bonke bonile; bayalabalaba kubuqaqawuli ababulungiselelwe nguThixo. Kanti ke uThixo uyabababala abantu; ubenzela isisa: nangona bengafanelanga ubagwebela ngaye uYesu Krestu obakhululayo.

2019 Disemba 5, Lwesine

Yanga ingalukhulisa iNkosi uthando eninalo luphuphume, nithandane, nithande naye wonke ubani, kanye ngale ndlela ndinithanda ngayo mna.

2019 Disemba 4, Lwesithathu

Umntu osisiyatha uzibonakalisa kwangoko xa ecaphukile;
kanti ke yena umntu oqiqayo akazidubi ngezithuko.

2019 Disemba 3, Lwesibini

Ndibhala nje ndifuna niqonde, nina nikholwayo kwigama loNyana kaThixo, ukuba ninobomi obungenasiphelo.

2019 Disemba 2, Mvulo

Koko masithi sonke ngabanye sikholise abamelwane bethu ezintweni ezilungileyo ezinokulukhulisa ukholo lwabo.

2019 Disemba 1, Cawe

Akwambathise ngamaphiko akhe, akufihle ekhusini lakhe,
kube likhaka nekhuselo lakho ukuthembeka kwakhe.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Umntu onyanisekileyo uhamba engaxhalele nto;
ke yena onamaqhinga uya kubhaqwa.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Sinalo ke uthando kuba thina sathandwa nguThixo kuqala.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela