DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Janyuwari 2020)

2020 Janyuwari 31, Lwesihlanu

Kaloku uThixo ihlabathi ulithande kangangokuba ude wancama uNyana okuphela kwakhe, ukuze wonke umntu ozinikele kuye ngokupheleleyo angatshabalali, koko abe nobona bomi bungenasiphelo.

2020 Janyuwari 30, Lwesine

Umntu uyalucwangcwisa uhambo lwakhe,
kodwa nguNdikhoyo olawula ukunyathela kwakhe.

2020 Janyuwari 29, Lwesithathu

Uze uyithande ke iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela, nangamandla akho ephela.

2020 Janyuwari 28, Lwesibini

Ke, ndithi kuni, ngomhla womgwebo abantu baya kuziphendulela ngelizwi ngalinye eliphuthileyo abathe balithetha.

2020 Janyuwari 27, Mvulo

Ewe, Thixo, intliziyo yam yidale ngokutsha, ibe nyulu;
wuhlaziye umoya wam, ndikhaliphe.

2020 Janyuwari 26, Cawe

Aa, Mhlekazi Ndikhoyo, wena wasolula isandla sakho, wawenza umhlaba nesibhakabhaka ngamandla akho amakhulu! Akukho nanye into ekunqabelayo wena!

2020 Janyuwari 25, Mgqibelo

Ziphoseni kuye zonke iingxaki zenu; kaloku nguye onalusayo.

2020 Janyuwari 24, Lwesihlanu

Umfanekiso womntu emanzini ubonakalisa inkangeleko yakhe;
ngokunjalo nentliziyo yomntu ibonakalisa into ayiyo.

2020 Janyuwari 23, Lwesine

Kuba iziBhalo zithi:
“Ndingophilayo nje, itsho iNkosi, aya kugoba kum onke amadolo,
zimdumise uThixo zonke iilwimi.”

2020 Janyuwari 22, Lwesithathu

Hlalani ngoxolo nabo bonke abantu. Yibani nyulu, kuba ngaphandle kobunyulu akukho mntu uya kuyibona iNkosi.

2020 Janyuwari 21, Lwesibini

Zingekadalwa iintaba, ungekalenzi ilizwe nehlabathi,
ubusel' ukade unguThixo wena kwanini-nini.

2020 Janyuwari 20, Mvulo

Kananjalo isibane asilunyekwa siqutyudelwe ngethunga; koko sixhonywa endaweni yaso, sikhanyisele bonke abasendlwini. Makukhanye ngokukwanjalo ukukhanya kwenu phambi kwabantu, ukuze bayibone imisebenzi yenu elungileyo, bamdumise uYihlo osezulwini.

2020 Janyuwari 19, Cawe

Nina makhosikazi, bathobeleni ngokuzinikela abayeni benu, kuba yimfanelo yenu yobuKrestu leyo.
Nina madoda, bathandeni abafazi benu, ningabi ngqwabalala.

2020 Janyuwari 18, Mgqibelo

Ozingela ubulumko uyazithanda ngokwakhe;
okuxabisileyo ukuqonda uzuza ukonwaba.

2020 Janyuwari 17, Lwesihlanu

Ke ukunyamekela izinto zesimo esonakeleyo kusa ekufeni, kanti ke ukunyamekela ezoMoya kusa ebomini naseluxolweni.

2020 Janyuwari 16, Lwesine

Inene, lingaphela izulu nehlabathi, kodwa akuyi kupheliswa nalinye iganyana nokuba lisuntswana emthethweni, kungathanga kwenzeka konke.

2020 Janyuwari 15, Lwesithathu

Ndiya kuphumla ngenzolo, ndilale;
nguwe kuphela kaloku, Ndikhoyo, ondinqabisayo.

2020 Janyuwari 14, Lwesibini

Niyiphilise imilwelwe elapho, nithi kubo: ‘Luthwasile ulawulo lukaThixo!’

2020 Janyuwari 13, Mvulo

Zamelani ukuhlala ngoxolo niyilaa mbumba yamanyama wanenza nayiyo uMoya oyiNgcwele.

2020 Janyuwari 12, Cawe

UThixo olizwi ndilidumisayo
ndikholosa ngaye ndingenadyudyu.
Soze andenze nto umntu.

2020 Janyuwari 11, Mgqibelo

Ewe, kaloku nguye idini elicamagushela izono zethu. Phofu akacamagusheli ezethu kuphela, koko ucamagushela ezehlabathi liphela.

2020 Janyuwari 10, Lwesihlanu

Nina ke, bazali, abantwana musani ukubaphatha gadalala, bade babe nenzondo, koko banikeni ingqeqesho nemiyalo yobuKrestu.

2020 Janyuwari 9, Lwesine

UNdikhoyo uyamcaphukela umntu oxokayo,
kodwa uyakholiswa ngonyanisekileyo.

2020 Janyuwari 8, Lwesithathu

Kodwa ke uThixo onceba inkulu, ngenxa yendlela asithanda ngayo, usidlise ubomi kunye noKrestu, naxa besinjengabafileyo nje ngenxa yezono zethu. Kambe ke nakhululwa ngenxa yesisa sikaThixo.

2020 Janyuwari 7, Lwesibini

Wonke ke umntu owevayo la mazwi am, aze awenze, unokufanekiswa nendoda eyingqondi, ethe yayakhela phezu kwesiseko samatye indlu yayo.

2020 Janyuwari 6, Mvulo

Kaloku uNdikhoyo uyakuthanda okulungileyo;
akayi kubafulathela abantu bakhe.
Wasoloko ebakhusela uNdikhoyo,
kodwa yona inzala yamatshijolo iyanqunyulwa.

2020 Janyuwari 5, Cawe

Ke uMmeli uMoya oyiNgcwele, lowo uBawo aya kumthuma egameni lam, uya kunifundisa zonke izinto, anikhumbuze ngako konke endithe ndanixelela kona.

2020 Janyuwari 4, Mgqibelo

Thwalisanani ubunzima; xa nenjenjalo ke nithobela umyalelo kaKrestu.

2020 Janyuwari 3, Lwesihlanu

Kaloku nguNdikhoyo onika ubulumko;
luphuma emlonyeni wakhe ulwazi nokuqonda.

2020 Janyuwari 2, Lwesine

Ke ngoko othe wajika nokuba mnye kule mithetho mincinane, wakufundisa abantu oko, kothiwa ungoyena mncinane kwabalawulwa nguThixo. Kanti ke othe wawenza umthetho, wawufundisa, woba newonga kwabalawulwa nguThixo.

2020 Janyuwari 1, Lwesithathu

Makungabikho bani ubuyekeza ububi ngobubi, kodwa maxa onke zamani kangangoko ninako ukulungiselelana, nibanceda bonke abantu.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ndikhoyo, wena unguThixo wam;
ndosuka ndikuthuthe ndikudumise.
Kuthi mandikutyibele ndibongisele
ngenxa yemisebenzi yakho ekhamnqisayo;
kaloku ngokuthembeka okukhulu
wena zonke uzifezekisile –
nditsho izicwangciso zakho zamandulo.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela