DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Februwari 2020)

2020 Februwari 29, Mgqibelo

Yintsikelelo kaNdikhoyo enika umntu ubutyebi;
kambe ke yona ayihambi nazintsizi.

2020 Februwari 28, Lwesihlanu

Nina nilukhanyiso lwehlabathi. Umzi omi phezu kwentaba awunakufihlakala.

2020 Februwari 27, Lwesine

Ke bona abahlwayeli boxolo abaseluxolweni bavuna ubulungisa.

2020 Februwari 26, Lwesithathu

Indlu nobutyebi lilifa looyise,
kodwa umfazi onengqondo uvela kuNdikhoyo.

2020 Februwari 25, Lwesibini

Ukuba abantu bam abo babizwa ngegama lam bathe bazithoba bathandaza bendikhunga befuna ubuso bam, bazilahla iindlela zabo ezikhohlakeleyo, ke mna ndiya kubaphulaphula ndibeve ndisezulwini, ndisixolele isono sabo, ndilinyange ilizwe labo.

2020 Februwari 24, Mvulo

INkosi le ke nguMoya. Apho ke ukhona uMoya weNkosi kubakho inkululeko.

2020 Februwari 23, Cawe

Hayi inyhweba yomntu ongahambiyo ngecebo labantw' abagwenxa,
ongahambiyo ekhondweni lamatshijolo,
umnt' ongadlelaniyo nabaphoxisayo.

2020 Februwari 22, Mgqibelo

Ke ngoko hambani niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptize egameni loYise, neloNyana, neloMoya oyiNgcwele; nibafundisa ukuba bazenze zonke izinto endiniyalele ngazo. Niyabona, mna ndinani yonke imihla, kude kube sekuphelisweni kwephakade eli.

2020 Februwari 21, Lwesihlanu

Nguwo lo umyalelo esiwunikwe nguKrestu ngenkqu: Ukuba umntu uyamthanda uThixo, makamthande nowabo.

2020 Februwari 20, Lwesine

Ekubulalekeni kukusebenza kukho umvuzo;
ke yena olibala kukuncokola wambathwa bubuhlwempu kuphela.

2020 Februwari 18, Lwesibini

Ukuba uwenu uthe wona, yiya uthethe naye ninodwa. Ukuba úthe wakuva, woba umzuzile uwenu.

2020 Februwari 16, Cawe

Ngoko ke yithobeleni imiyalelo kaNdikhoyo uThixo wenu, nihambe ngeendlela zakhe, nimhlonele.

2020 Februwari 15, Mgqibelo

Kuzo zonke izinto isiphelo sisemnyango. Ngoko ke hlalani nisezingqondweni, nikuqulele ukuthandaza.

2020 Februwari 14, Lwesihlanu

Mayibe ndim kuphela osentliziywemi yakho oku komsesane wokutywina;
ewe, mandibe ngumsesane wokutywina engalweni yakho.
Lent' uthando lunamandla nqwa nokufa;
ikhwele lalo aliqheliseli oku kwengcwaba.
Ludangazela ngathi lidangatye,
luvuthe ngathi ngumlilokazi.

2020 Februwari 13, Lwesine

Nina niya kunikwa amandla, akufika kuni uMoya oyiNgcwele, nindingqinele ebantwini baseJerusalem, nabakulo lonke elakwaJuda, nabaseSamariya, kude kuse naseziphelweni zomhlaba.

2020 Februwari 12, Lwesithathu

Ke mna ndithi kuni, zithandeni iintshaba zenu, nibathandazele abo banitshutshisayo.

2020 Februwari 11, Lwesibini

Musa ukuziqoba amandla ufunana nobutyebi,
ungaphulukani nengqondo yakho ngenxa yabo.

2020 Februwari 10, Mvulo

Ke kaloku thina sonke, sinobuso obutyhiliweyo, ubuqaqawuli beNkosi sibubona ngokungathi kusesibukweni. Ngoko ke siyaguqulwa sifane nayo ncam, sinesidima esiya sikhula. Yonke ke le nto ivela eNkosini ekwanguMoya.

2020 Februwari 9, Cawe

Khangela, mna ndinguNdikhoyo, uThixo woluntu luphela. Akukho nanye into enokundinqabela.

2020 Februwari 8, Mgqibelo

Ndadanduluka kuye ndizibika;
ndandipheth' iindumiso nemibongo.

2020 Februwari 7, Lwesihlanu

Phofu ke, nokuba ningatshutshiswa ngenxa yokwenza okulungileyo, ikwalithamsanqa naloo nto. Ze ningoyiki nina, ningaxhali nokuxhala oku.

2020 Februwari 6, Lwesine

Kaloku akukho nanye into enokumnqabela uThixo.

2020 Februwari 5, Lwesithathu

Ikratshi liyamwisa umntu;
kambe ke othobekileyo uba nesidima.

2020 Februwari 4, Lwesibini

Kambe ke uNdikhoyo usanilindele,
usazungula ukunibabala ngesisa.
Kaloku yena nguThixo ongajika-jikiyo;
hayi ithamsanqa labo bakholosa ngaye!

2020 Februwari 3, Mvulo

Nina madoda, bathandeni abafazi benu, kanye ngale ndlela alithande ngayo uKrestu ibandla, waza wanikela ngobomi bakhe ngenxa yalo. Le nto uyenze ukuze libe libango lakhe ibandla. Ulicocile walihlamba ngamanzi ngamandla elizwi lakhe.

2020 Februwari 2, Cawe

Kaloku ilizwi likaNdikhoyo linyanisekile,
nemisebenzi yakhe yonke inyanisekile.

2020 Februwari 1, Mgqibelo

Qinani nikhaliphe, ningaxhali, ningabi nayo nedyudyu. Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu ungakuni; soze arhoxe okanye anilahle.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Sanukusebenzela ukutya okuphelayo; sebenzelani ukutya okungapheliyo, okusisondlo sobona bomi bungenasiphelo. Oko kutya niya kukunikwa nguye uNyana woLuntu, kuba uYise, uThixo, wamgunyazisela oko.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Musani ukusunduzana. Izinto sanukuzenza ngokuzigwagwisa nangokuqhayisa. Ndaweni yaloo nto zithobeni, nibaphakamise kunani abanye abantu.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela