DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Matshi 2020)

2020 Matshi 31, Lwesibini

Ngezi ndaba zimnandi kaloku kutyhilwa indlela uThixo asenza amalungisa ngayo: kungokholo qha, njengoko zitshoyo neziBhalo ukuthi: “Ngokholo lwakhe olilungisa uya kudla ubomi.”

2020 Matshi 30, Mvulo

Umnqweno ongafezekiyo uyamngcungcuthekisa umntu;
kanti ke wakufezeka umnqweno ufana nomthi onika ubomi.

2020 Matshi 29, Cawe

Bantwana bam, zilumkeleni izithixo!

2020 Matshi 28, Mgqibelo

Makabongwe uThixo noYise weNkosi yethu uYesu Krestu, othe ngenceba wasinika ubomi obutsha ngokuvusa uYesu Krestu ekufeni!

2020 Matshi 27, Lwesihlanu

Unethamsanqa umntu onika ngesisa,
lowo ungayiqhubi ngobuqhetseba imicimbi yakhe.

2020 Matshi 26, Lwesine

UYesu wathi kuye: “Bendingatshongo na kuwe okokuba uya kuwabona amandla kaThixo ukuba uyakholwa?”

2020 Matshi 25, Lwesithathu

Masithini na ke ngezi zinto? Ukuba uThixo ungakuthi ngubani onokusichasa?

2020 Matshi 24, Lwesibini

Mhla wavela umntu uzalwa ngunina ezé;
mhla andulukayo uhamba kwangolo hlobo eze ngalo.
Kuko konke ukubulaleka kwakhe umntu apha emhlabeni
umka engaphathanga nto ngesandla sakhe.

2020 Matshi 23, Mvulo

Ewe, nokuba ndinganikisa ngempahla yam yonke, ndide nam ngokwam ndizinikele ukuba nditshiswe, kodwa ke ndingenalo uthando, akuncedi nto konke-konke.

2020 Matshi 22, Cawe

Ngoko ke bonke banikeni okubafaneleyo – irhafu kofanelwe yirhafu, umrhumo kofanelwe ngumrhumo, ukuhlonitshwa kofanelwe kukuhlonitshwa, imbeko kofanelwe yimbeko.

2020 Matshi 21, Mgqibelo

Ndiphilise, Ndikhoyo, ndiphile qete.
Ndisindise, khon' ukuze ndisinde.
Kaloku nguwe udumo lwam.

2020 Matshi 20, Lwesihlanu

Musani ukoyika, mhlambi omncinane, kuba kukholekile kuYihlo ukunamkelela kulawulo lwakhe olutsha.

2020 Matshi 19, Lwesine

Siyazi kaloku ukuba xa ithe yachithwa le ndlu yalapha emhlabeni, sinesakhiwo asilungiselele sona uThixo, esisezulwini, esiya kuhlala sihleli.

2020 Matshi 18, Lwesithathu

UNdikhoyo uyabanakekela abo bamhlonelayo
nabo bathembe izibele zenceba yakhe.

2020 Matshi 17, Lwesibini

Xa ungazifumani izinto ozifunayo, ukhetha ukubulala; okanye xa ungafezeki umnqweno wakho, uyaxabana ulwe. Kanti ke, ungazifumani nje izinto ozifunayo, kungenxa yokuba awuziceli kuThixo.

2020 Matshi 16, Mvulo

Bonke abacela kuwe, baphe. Kothatha izinto zakho uzungabuye uzibize.

2020 Matshi 15, Cawe

Umntu ongenasifuba uyazidiza iimfihlelo;
kambe ke yena othembekileyo uyaligcina ihlebo.

2020 Matshi 14, Mgqibelo

Lo unika obu bungqina uthi: “Nanjani na ndiza kufika ngokukhawuleza!”
Makube njalo! Yiza, Nkosi Yesu!

2020 Matshi 13, Lwesihlanu

Ke uThixo obonelela umhlwayeli ngembewu nangesonka, uya kunibonelela nani ngembewu eniyisweleyo, ayikhulise inivelisele isivuno esihle ngokobubele benu.

2020 Matshi 12, Lwesine

Kaloku uNdikhoyo akaziva ngosapho lwakhe;
abazithobayo ubathi jize ngoloyiso!

2020 Matshi 11, Lwesithathu

Mandiphethe ngelithi, mawethu, hlalani nicinga ngezinto eziyinyaniso nezindilekileyo nazo zonke izinto ezilungileyo nezinyulu, zonke ezithandekayo nezinesidima, nangezinto ezintle ngokupheleleyo kwanezincomekayo.

2020 Matshi 10, Lwesibini

Ewe, ndiyeza kamsinya! Ulowo nalowo ndiya kumphathela ibhaso ngokwemisebenzi yakhe!

2020 Matshi 9, Mvulo

Xa ndandisebunzimeni ndabhenela kuNdikhoyo,
waza yena wasabela wandihlangula.

2020 Matshi 8, Cawe

Ngenxa yoko musani ukulixhalela ingomso. Ingomso liya kuxhalela okwalo. Ziyanele imini nganye iingxaki zayo.

2020 Matshi 7, Mgqibelo

Ndithi: kuni makongame inceba, uxolo, nothando.

2020 Matshi 6, Lwesihlanu

Okuzuzwa ngumntu okhohlakeleyo ngenkohliso kuyaphela,
phofu ke ohlala esenza okulungileyo ufumana umvuzo oqinisekileyo.

2020 Matshi 5, Lwesine

Nina, mawethu, nibizelwe enkululekweni. Kodwa ke inkululeko yenu mayingabi lokroba lokuba nilawulwe sisimo esidala. Ndaweni yaloo nto khonzanani niqhutywa luthando.

2020 Matshi 4, Lwesithathu

Kaloku yena uThixo akalotshijolo: akazange awulibale umsebenzi eniwenzileyo ngenxa yakhe, nothando enilubonakalise ngokulungiselela abantu bakhe – msebenzi lowo nisawuqhubayo unangoku.

2020 Matshi 3, Lwesibini

Ngamana angamkeleka kuwe, Ndikhoyo,
amazwi am neengcamango zentliziyo yam,
wena mkhuseli wam nomkhululi wam.

2020 Matshi 2, Mvulo

“Nezo zixhobo zixonxwe ngenxa yakho soze zikutshabalalise,
uya kumphendula nabani na okumangalelayo.
Lilo ke elo ilifa lezicaka zikaNdikhoyo;
ewe, mna ndozithi jize ngoloyiso.”
Etshilo nje ke uNdikhoyo utshilo!

2020 Matshi 1, Cawe

Nam ke, ndithi kuwe: UnguPetros, igama elithetha ulwalwa; ndiya kulakhela kolu lwalwa ke ibandla lam, kwaye namandla okufa akayi kuloyisa.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Umntu onyanisekileyo uhamba engaxhalele nto;
ke yena onamaqhinga uya kubhaqwa.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Wena Thixo, unguThixo wam, ndithe swi nguwe.
Umphefumlo wam uyakulangazelela.
Ndihlala ndizula-zula ndikufuna;
ndinxanele wena oku komhlaba obharhileyo.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela