DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Epreli 2020)

2020 Epreli 30, Lwesine

Nawuphi na umntu ovumayo ukuba uYesu nguNyana kaThixo, uhlala emanyene noThixo, noThixo uhlala emanyene naye.

2020 Epreli 29, Lwesithathu

Nkosi, Thixo, sithamsanqelise!
Siphumelelise kuyo yonke imizamo yethu;
ewe, yiphumelelise yonke imizamo yethu.

2020 Epreli 28, Lwesibini

“Izishumi ziziseni ziphelele endlwini enguvimba wam ukuze kubekho ukutya endlwini yam. Khanindivavanye kulo mbandela,” utsho uNdikhoyo onamandla onke, “nibone ukuba andiyi kuwavula na amasango ezulu, ndinithululele iintsikelelo, nditsho nangaphezu kokufuna kwenu.”

2020 Epreli 27, Mvulo

Ke wena, xa uthandazayo, ngena egumbini lakho, uluvale ucango, uthandaze kuYihlo ongabonwayo. Ke uYihlo, yena obona okwenzeka emfihlekweni, wokuvuza.

2020 Epreli 26, Cawe

Amandla am nguMhlekazi uNdikhoyo;
uzenza iinyawo zam zibe njengezenxala;
ngaye ndihamba kweziphezulu iindawo.

2020 Epreli 25, Mgqibelo

Kodwa yandiphendula yathi: “Ubabalo lwam lukwanele, kuba amandla am acaca xa ubuthathaka.” Ngoko ke ndikhetha ukuqhayisa ngezinto ezibonakalisa ubuthathaka bam, ukuze ndikuve ukongama kwamandla kaKrestu phezu kwam.

2020 Epreli 24, Lwesihlanu

Masithi nca kwisivumo seli themba sinalo; kaloku unyanisekile lowo usithembisileyo.

2020 Epreli 23, Lwesine

Musa ukwala nento elungileyo konelungelo ngayo,
ngakumbi xa kusemandleni akho ukumnceda.

2020 Epreli 22, Lwesithathu

Nani ke ngoko hlalani nizilungiselele, kuba uNyana woLuntu wofika ngexesha eningalilindelanga.

2020 Epreli 21, Lwesibini

Abo baxhinele ubutyebi beyela kwizilingo nemigibe, bathi bexinwe yiminqweno yobudenge eyingozi, batshone ebundlavinini nasekutshabalaleni.

2020 Epreli 20, Mvulo

Ewe, ndiyazibika, Ndikhoyo; nguwe iNkosi yam;
ngaphandle kwakho, Mhlekazi, andinabani.

2020 Epreli 19, Cawe

Musani ukukhathazeka; kholosani ngoThixo, nikholose nangam.

2020 Epreli 18, Mgqibelo

“Ewe, iintaba zingadilika,
ke zona iinduli zinyamalale,
kodwa izibele zothando lwam soze zinqamke kuwe,
nomnqophiso wam woxolo soze ushukume.”
Utsho ke yena uNdikhoyo okukhathaleleyo.

2020 Epreli 17, Lwesihlanu

Musa ukuthi: “Bekungani ukuba imihla yamandulo ibe ngcono kunale yangoku?”
Kaloku ayibubo ubulumko ukubuza umbuzo onjalo.

2020 Epreli 16, Lwesine

Ngoko ke nathi ngokwethu siyalwazi, saye sikholosa ngalo uthando aluthululele kuthi uThixo.
UThixo uluthando, yaye nabani na ohlala eluthandweni uhlala emanyene noThixo, noThixo uhlala emanyene naye.

2020 Epreli 15, Lwesithathu

Kaloku zonke izinto ziphuma kuyo iNkosi, zikho ngayo, zikholo yona. Mayidunyiswe ke iNkosi kude kube ngunaphakade! Amen.

2020 Epreli 14, Lwesibini

Umntu ophayo uba nenkqubela;
ukuba ùyabanceda abanye abantu nawe uya kuncedwa.

2020 Epreli 13, Mvulo

Sikhululwe sazixolelwa izono zethu ngegazi likaKrestu. Siyaphuphuma kuthi isisa.

2020 Epreli 12, Cawe

Yathi ke yona kubo: “Musani ukumangaliseka. Nifuna uYesu umNazarete, owayebethelelwe emnqamlezweni. Uvukile; akakho apha. Nantsi indawo abebembeke kuyo.”

2020 Epreli 11, Mgqibelo

Ndithembele ngokupheleleyo kuNdikhoyo;
ewe, ndikholosa ngelizwi lakhe.

2020 Epreli 10, Lwesihlanu

Kanti ngenene buthwelwe nguye ubuthathaka bethu,
inkxwaleko yethu yâsemagxeni akhe.
Ngenene thina besiba ubandezelekile,
sisithi uyabethwa nguThixo.

2020 Epreli 9, Lwesine

Imihla ngemihla babehlangana rhoqo endlwini kaThixo, babuye batye kunye emakhaya bechwayitile bebelezelana, bembonga uThixo, bamkelekile kubantu bonke. Mihla le uThixo wayelongeza inani labo ngabo basindiswayo.

2020 Epreli 8, Lwesithathu

Kubhetele ukuba lihlwempu elihlonela uNdikhoyo
kunokuba sisinhanha esiphethwe ngamaxhala.

2020 Epreli 7, Lwesibini

Ngokunjalo ke noKrestu wanikelwa kwaba kanye ukuze athwale izono zabaninzi. Okwesibini uya kufika engenanto yakwenza nesono, koko eze kusindisa abo bamlindeleyo.

2020 Epreli 6, Mvulo

Ndizinika ubomi obungenasiphelo. Azisoze zitshabalale, kwaye akukho bani unokuzihlutha kum. Kaloku uBawo ondinike zona unamandla; noko ke akukho bani unokuhlutha nto kuye. Ke mna noBawo sibanye.

2020 Epreli 5, Cawe

Vuya ngenene, ntombindini inguZiyon!
Danduluka, wena ntombi inguJerusalem!
Khangela, ukumkani wakho uza kuwe enobulungisa, engumoyisi,
ethobekile, ekhwele idonki,
nditsho ithole, inkonyane yedonki.

2020 Epreli 4, Mgqibelo

Yibani moya mnye. Musani ukusukela amawonga; yaneliswani kukuzithoba. Musani ukuzicingela ukuba niziingqondi.

2020 Epreli 3, Lwesihlanu

Ke apho kukho umona nokuzigwagwisa kuba nguqulukubhode nazo zonke iintlobo zeentlondi.

2020 Epreli 2, Lwesine

Ndibonise indlela yakho, Ndikhoyo;
ndifundise iindlela zakho.

2020 Epreli 1, Lwesithathu

Uyabona, ndimi emnyango ndinkqonkqoza. Ukuba umntu uyeva aze avule, ndiya kungena ndihlale naye, sitye kunye.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Balumkeleni abashumayeli abaxokayo, abo beza kuni bezifanisa neegusha, kanti ngaphakathi baziingcuka eziqwengayo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Xa umntu egula, makabize amadoda amakhulu ebandla; wona aya kumthandazela, amthambise ngeoyile egameni leNkosi. Lo mthandazo uphuma elukholweni uya kumnyanga umntu ogulayo, iNkosi imbuyisele empilweni, zithi nezono azenzileyo zixolelwe.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela