DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Julayi 2021)

2021 Julayi 31, Mgqibelo

Ndingade ndibe naso nesiphiwo sokushumayela ngefuthe, ndinalo lonke ulwazi, ndizazi nezinto ezingàziwa mntu, ndinalo nokholo olugungqisa iintaba, kodwa ndingenalo uthando, andinto konke!

2021 Julayi 30, Lwesihlanu

Yena kaloku akambandezanga owakhe uNyana, koko usuke wamnikela ngenxa yethu sonke. Angathini ke ukungasibabali asiphe zonke ezinye izinto?

2021 Julayi 29, Lwesine

Impendulo ethambileyo iyawuthibaza umsindo,
kanti ke wona amazwi akrwempayo ahlobisa igazi.

2021 Julayi 28, Lwesithathu

Kaloku umthetho xa uwonke ushwankathelwa ngomyalelo omnye othi: “Mthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.”

2021 Julayi 27, Lwesibini

Kuba xa simanyene noKrestu, ukwaluka nokungaluki akubalulekanga, into ebalulekileyo lukholo olucaciswa luthando.

2021 Julayi 26, Mvulo

Ngenene uNdikhoyo yingangalala, ufanele ukudunyiswa;
obakhe ubukhulu abuphengululeki.

2021 Julayi 25, Cawe

Kodwa bonke abâmamkeláyo, bezinikele kuye ngokupheleleyo, wabanika igunya lokuba ngabantwana bakaThixo.

2021 Julayi 24, Mgqibelo

Ngoko ke sisondela singenaxhala kuThixo, sisazi ukuba uyasiphulaphula xa sicela silungele ukwenza loo nto athanda ukuba siyenze.

2021 Julayi 23, Lwesihlanu

Ukuba umntwana umqeqeshile ngendlela yokuziphatha,
soze ahlukane nayo naxa selekhulile.

2021 Julayi 22, Lwesine

Masingabi sagwebana ke – ndaweni yaloo nto masizimisele ukungenzi nanye into enokumkhubekisa imwise esonweni umwethu.

2021 Julayi 21, Lwesithathu

Ngubani ke onokusahlukanisa nothando lukaKrestu? Yimbandezelo na? Yinkxwaleko na? Yintshushiso na? Yindlala na? Bubuzé na? Yingozi na? Likrele na?

2021 Julayi 20, Lwesibini

Wanga angakunika umnqweno wentliziyo yakho,
aziphumelelise zonk' iinquleqhu zakho.

2021 Julayi 19, Mvulo

Akukho bani uthi, esilumekile isibane, asigqume ngesitya, okanye asifake ngaphantsi kwebhedi. Usixhoma endaweni yaso, ukuze abangenayo bakhanyiselwe.

2021 Julayi 18, Cawe

Ndiyambongoza ukuba ngobubele bakhe uSosidima anomeleze imo yenu entsha ngoMoya wakhe, khon' ukuze ngokholo uKrestu ahlale ngaphakathi kuni. Nanga ningasekelwa eluthandweni nendele.

2021 Julayi 17, Mgqibelo

Andithi kaloku uyamanelisa onxaniweyo,
aze amhluthise ngokulunga olambileyo!

2021 Julayi 16, Lwesihlanu

Umntu olungileyo uvelisa ukulunga okuphuma entliziyweni yakhe. Ke okhohlakeleyo uvelisa inkohlakalo ephuma entliziyweni yakhe. Kaloku loo nto intliziyo iphuphuma yiyo iphuma ngomlomo.

2021 Julayi 15, Lwesine

Ngoko ke zivumeni izono omnye komnye, nithandazelane, khon' ukuze ninyangeke. Kaloku umthandazo womntu olungileyo unamandla angummangaliso.

2021 Julayi 14, Lwesithathu

Uthetha ngelizwi athi:
“Phezani, ndim uThixo.
Ndizivelele izizwe;
nehlabathi ndilikrobele.”

2021 Julayi 13, Lwesibini

Ningabantu bakaThixo abanyuliweyo abathandiweyo nina, abakhe ngenkqu. Ngoko ke nxibani ezifanele abakhe: inceba, ububele, ukuthobeka, ubulali, nomonde.

2021 Julayi 12, Mvulo

Waphendula wathi kuzo: “Lowo uneengubo ezimbini makanike ongenáyo. Nalowo unokutya makenjenjalo.”

2021 Julayi 11, Cawe

Ukuhlonela uNdikhoyo kufundisa ubulumko;
indlela eya ewongeni yintobeko.

2021 Julayi 10, Mgqibelo

Ukuba uthe wavuma ngomlomo ukuba uYesu yiNkosi, wakholwa nangentliziyo ukuba uThixo wamvusa kwabafileyo, wosindiswa.

2021 Julayi 9, Lwesihlanu

Wonke umntu oyithobelayo imiyalelo kaThixo umanyene noThixo, noThixo uhlala kuye. Into ecacisa ukuba uThixo uhlala kuthi nguMoya lo asinike yena.

2021 Julayi 8, Lwesine

Kaloku yeyomzuzwana ingqumbo yakhe;
ukanti buhlala buhlel' ububele bakhe.
Ewe, zibakho zon' iinzingo ebusuku,
kodwa kusasa kuba yimincili yodwa.

2021 Julayi 7, Lwesithathu

Xa nicaphukile, umsindo mawunganiqweqwediseli esonweni; futhi malingade litshone ilanga ninomsindo. Umtyholi musani ukumvulela indawo ebomini benu.

2021 Julayi 6, Lwesibini

“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso zam ngani zokuba ndininike intlala-kahle ingabi bububi, ndinidalele ikamva nethemba.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

2021 Julayi 5, Mvulo

NguNdikhoyo yedwa uThixo;
nguye kuphela osikhuselayo.

2021 Julayi 4, Cawe

Ukuba niyandithanda noyigcina imiyalelo yam.

2021 Julayi 3, Mgqibelo

Ndaweni yaloo nto yenzelanani ububele ninobulali, nixolelane, kwanjengokuba naye uThixo wanixolelayo ngoKrestu.

2021 Julayi 2, Lwesihlanu

Njengoko ungayazi indlela yomoya,
ungamazi nokuba wenziwa njani na umntu esizalweni sonina,
kananjalo soze ukuqonde nokusebenza kukaThixo onguMdali weento zonke.

2021 Julayi 1, Lwesine

Ke uNdikhoyo uya kuba ngukumkani wehlabathi jikelele. Ewe, ngaloo mini iya kuba nguNdikhoyo yedwa, igama lakhe libe kuphela kwagama elitshatsheleyo.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Masingadinwa ke kukwenza okulungileyo. Kuba xa sizingisa, lode lifike ixesha lokuvuna.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela