DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Agasti 2021)

2021 Agasti 31, Lwesibini

Ewe, ngaloo mini niya kusuka nithi:
“Masidomboze sibulele uNdikhoyo;
ewe, masiqambe sinqule igama lakhe.
Imisebenzi yakhe masiyibhengeze ezizweni;
masishumayele sibuxele ubukhulu bakhe.”

2021 Agasti 30, Mvulo

Ndawo yokuqala ndazigqithisela kuni ezona ndawo ndazamkelayo, ezi zokuba uKrestu wafela izono zethu, ngokutsho kweziBhalo, nokuba wangcwatywa, nokuba wavuka ekufeni ngomhla wesithathu, ngokweziBhalo.

2021 Agasti 29, Cawe

Wamdala ke uThixo umntu. Wamenza wangumfuziselo wakhe. Wadala umntu oyindoda kwakunye nomntu obhinqileyo.

2021 Agasti 28, Mgqibelo

Ngoko ke ndiya kulandelwa kokulungileyo nabububele,
umzi wakho ube likhaya lam yonke imihla yobomi bam.

2021 Agasti 27, Lwesihlanu

Ze nikhumbule le ndawo ke, zihlobo zam: umhla omnye kuThixo uyafana newaka leminyaka, newaka leminyaka lifana nomhla omnye.

2021 Agasti 26, Lwesine

Ngoko ke ayisendim ophilayo, nguKrestu ophilayo kum. Ubomi ke endibudlayo ngoku ndimanywe noNyana kaThixo, ndibudla ngokholo kulowo wandithandayo, wabuncama obakhe ubomi ngenxa yam.

2021 Agasti 25, Lwesithathu

Ikratshi lomntu lilandelwa yintshabalalo;
ke lona udumo lukhokelwa yintobeko.

2021 Agasti 24, Lwesibini

Inkolo enyanisekileyo nengenachaphaza kuThixo uBawo yile: kukubonelela iinkedama nabahlolokazi abahluphekileyo, nokuphepha ukudyojwa lihlabathi.

2021 Agasti 23, Mvulo

Yaza yathi kuso inkosi yaso: ‘Ngxatsho ke, sicaka sam esilungileyo, esithembekileyo! Ubuthembekile kwizinto ezimbalwa; ndiya kukuphathisa izinto ezininzi. Ngena uchwayite kunye nenkosi yakho.’

2021 Agasti 22, Cawe

Ngenene uThixo uyasithamsanqela;
ngamana lamthobela ihlabathi jikelele.

2021 Agasti 21, Mgqibelo

Mawethu, ukuba kukho mntu nimbhaqe esona, nina balawulwa nguMoya mfakeni endleleni; kodwa loo nto niyenze ngobulali, nizilumkele nina ziqu, hleze nani nilingeke.

2021 Agasti 20, Lwesihlanu

Ngoko ke ukholo luvuswa ngokuvakaliswa kodaba; ke lona udaba luvakalisa uKrestu.

2021 Agasti 19, Lwesine

Kaloku umgwebi wethu nguNdikhoyo;
ewe, uNdikhoyo yena uyasilawula.
Ikumkani yethu nguNdikhoyo;
nguye oya kusisindisa.

2021 Agasti 18, Lwesithathu

Wathi kuye uYesu: “Uyakholwa ngoku, kuba undibonile? Hayi uyolo lwâbo bakholwa bengandibonanga!”

2021 Agasti 17, Lwesibini

Ke kaloku nakhululwa ngesisa sikaThixo ngokholo; anikhululwanga ngemizamo yenu. Ewe, kungenxa yesisa sikaThixo. Ngoko ke akukho nto ubani angaziqhayisa ngayo, kungekho migudu yakhe nje.

2021 Agasti 16, Mvulo

Hayi ukuvuya komntu oyaziyo impendulo echanekileyo!
Ewe, ilizwi elithethwe ngexesha elililo lihle kunene.

2021 Agasti 15, Cawe

UYesu wasibizela kuye isihlwele kwanabafundi bakhe, wathi kubo: “Othanda ukundilandela makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele.”

2021 Agasti 14, Mgqibelo

Kaloku imo engabonwayo kaThixo – ndithetha amandla akhe angapheliyo kwanobuThixo bakhe – ibonakala kakuhle kwasekudalweni kwehlabathi. Kaloku iqondakala ngezinto azenzileyo uThixo. Ngenxa yoko abantu abanasiphephelo mpela.

2021 Agasti 13, Lwesihlanu

Makahlukane nobubi, enze okulungileyo;
makaphuthume uxolo, ahlale kulo.

2021 Agasti 12, Lwesine

Ndim umdiliya; nina ningamasebe. Ohlala emanyene nam, ndibe mna ndihleli ndimanyene naye, uya kuvelisa iziqhamo ezininzi. Kaloku aninakwenza nento le nahlukene nam.

2021 Agasti 11, Lwesithathu

Hlalani nithandana okwabantu abazalanayo. Zenzeleni ububele emakhaya iindwendwe. Ngokwenjenjalo abanye abantu kwathi kanti babuka izithunywa zezulu bengaqondi.

2021 Agasti 10, Lwesibini

Umlomo womntu ongakhathalele Thixo wenzakalisa ummelwane wakhe;
ke bona abathobela uThixo balondolozwa lulwazi.

2021 Agasti 9, Mvulo

Intlungu yomntu imelwe kukukhathalelwa zizihlobo zakhe,
nditsho nokuba yena selekutyeshele ukumhlonela uSomandla.

2021 Agasti 8, Cawe

Nize nikhumbule ukuba ohlwayela kancinane uvuna kancinane, ohlwayela kakhulu avune isivuno esikhulu.

2021 Agasti 7, Mgqibelo

Kaloku uNdikhoyo uwalusile amalungisa,
uyayiva imithandazo yawo.

2021 Agasti 6, Lwesihlanu

Konke ukupha naso sonke isipho esifezekileyo sivela phezulu kuThixo, umdali wezikhanyiso zesibhakabhaka. Yena akaguqu-guquki aphinzi-phinzize.

2021 Agasti 5, Lwesine

Waza uYesu wabakhangela wathi: “Abantu bona abanako ukuyenza le nto, kodwa yena uThixo unako ukuzenza zonke izinto.”

2021 Agasti 4, Lwesithathu

Umntu ondwebileyo uthi akuyibona ayicezele ingozi,
kanti ke yena ongaqiqiyo uphoseka kuyo enzakale.

2021 Agasti 3, Lwesibini

Olu thando ke alunakuze lone mntu. Ngoko ke ukuthanda kukuwuthobela ngokupheleleyo umthetho.

2021 Agasti 2, Mvulo

Balumkeleni abashumayeli abaxokayo, abo beza kuni bezifanisa neegusha, kanti ngaphakathi baziingcuka eziqwengayo.

2021 Agasti 1, Cawe

UNdikhoyo uyakuthanda ukunyaniseka nokulunga;
lizele ihlabathi zizibele zakhe.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Nihlale nithobekile ngawo onke amaxesha, ninobulali nomonde, ninyamezelana ngothando.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela