DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Septemba 2021)

2021 Septemba 30, Lwesine

Imfundiso yakho lilifa lam nanini na;
ewe, iluyolo entliziyweni.

2021 Septemba 29, Lwesithathu

“Ndim isiqalo nesiphelo,” itsho iNkosi uThixo, uSomandla, uNdikhoyo, owayekho, lowo uya kusoloko ekho.

2021 Septemba 28, Lwesibini

Nokhalela kum, nize kundithandaza, ndize mna ndiniphulaphule.

2021 Septemba 27, Mvulo

Musa ukuzibona usisilumko wena ngokwakho;
ndaweni yaloo nto hlala umhlonela uNdikhoyo, ubucezele ububi.
Loo nto iya kuwunika impilo umzimba wakho,
atsho omelezeke amathambo akho.

2021 Septemba 26, Cawe

Njengoko ziphuphumela kuthi iimbandezelo zikaKrestu, ngokunjalo ke, kwangaye uKrestu, iphuphumela kuni nentuthuzelo yethu.

2021 Septemba 25, Mgqibelo

Kaloku apho bukhoyo ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu.

2021 Septemba 24, Lwesihlanu

Hayi bo! Mayingabi sithi, Ndikhoyo;
ewe, makudunyiswe igama lakho,
ngenxa yezibele nokunyaniseka kwakho!

2021 Septemba 23, Lwesine

Niyabona, uNdikhoyo uba nani xa nani ningakuye. Xa nizondelela ukumfuna nomfumana; kodwa ke xa nithe namshiya, naye wonishiya.

2021 Septemba 22, Lwesithathu

Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni. Intliziyo yona okunene inentumekelelo, ke wona umzimba ubuthathaka.

2021 Septemba 21, Lwesibini

Ewe, uNdikhoyo ulungile:
ungumqolomba ngamaxesha eenkathazo;
ubakhathalele abo bathembele kuye.

2021 Septemba 20, Mvulo

Nokuba ke nenza ntoni na, nokuba niyatya, nokuba niyasela, yenzelani udumo lukaThixo.

2021 Septemba 19, Cawe

NguNdikhoyo ngokwakhe oza kunikhokela, ahambe nani. Soze arhoxe, engasoze anilahle; ngoko ke yomelelani ningoyiki.

2021 Septemba 18, Mgqibelo

UNdikhoyo uyalifezekisa icebo lakhe ngam.
Kambe ke, Ndikhoyo, izibele zakho zisisimakade;
ungabi sawushiya umsebenzi wezandla zakho.

2021 Septemba 17, Lwesihlanu

Olona thando lukhulu umntu anokuzithanda ngalo izihlobo zakhe kukuba ubomi bakhe abuncamele zona.

2021 Septemba 16, Lwesine

Nyamezelanani, nixolelane. Ukuba omnye ukhalazela omnye xolelanani kwanjengokuba nayo iNkosi yanixolelayo.

2021 Septemba 15, Lwesithathu

Onomonde ulungile kunegorha;
olawula umsindo wakhe ungcono kunothimba isixeko.

2021 Septemba 14, Lwesibini

Kolu gqatso lokholo yenza konke okusemandleni ukuze ubufumane ubomi obungonaphakade. Ewe, kaloku wabizelwa yona le njongo, ngokuya wawusenza isivumo sokholo phambi kwamangqina amaninzi.

2021 Septemba 13, Mvulo

Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kuze adlule.

2021 Septemba 12, Cawe

Kanti ngaba awazi na?
Ngaba zange uve na?
UNdikhoyo nguThixo onguSonini-nanini;
yena ngumdali wehlabathi jikelele.
Yena soze adinwe atyhafe,
nengqiqo yakhe ayiphengululeki.

2021 Septemba 11, Mgqibelo

Kodwa ke, njengoko zitshoyo iziBhalo: “Nabani na othanda ukuqhayisa, makaqhayise ngento eyenziwe yiNkosi.” Kaloku umntu owamkelekileyo ngulowo unconywa yiNkosi, ingenguye ozincoma ngokwakhe.

2021 Septemba 10, Lwesihlanu

Ngaloo mini uThixo uya kuvuza elowo nalowo ngokwemisebenzi yakhe.

2021 Septemba 9, Lwesine

Ndibhenela kuwe, Thixo wam:
khawundigoca-goce, undiphicothe, undiqondisise;
ndivavanye uziqonde iingcamango zam!
Ndiqwalasele, hleze ndithi kanti ndiphambukile;
undikhokelele kwindlela eyeyona-yona.

2021 Septemba 8, Lwesithathu

Kuba othe wabukokosa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, wobusindisa.

2021 Septemba 7, Lwesibini

Zihlobo zam ezithandekayo, masithandane; kuba kaloku uthando luvela kuThixo. Nawuphi na umntu onalo uthando uzelwe nguThixo, futhi uyamazi uThixo.

2021 Septemba 6, Mvulo

Ke wena ubathi jize ngenzolo
abo banjongo zingajika-jikiyo,
kuba behlala bekholose ngawe.

2021 Septemba 5, Cawe

Ngenxa yoko kothi enikuthethe ebumnyameni kuviwe ekuhleni, nenikusebeze ngasese kukhwazwe phandle.

2021 Septemba 4, Mgqibelo

Njengoko abantu bâthi ngokumanywa kwabo noAdam bafa bonke, ngokunjalo nangokumanywa kwabo noKrestu baya kuvuka bonke.

2021 Septemba 3, Lwesihlanu

Izibele zakho zibalasele ezulwini;
ukuthembeka kwakho kurhec' amafu.

2021 Septemba 2, Lwesine

Lowo uyamkelayo imiyalelo yam ayigcine, nguye ondithandayo. Lowo ke undithandayo mna, uya kuthandwa nguBawo. Nam ndiya kumthanda, ndizibonakalise kuye.

2021 Septemba 1, Lwesithathu

UThixo unguMoya; abo ke bamnqulayo kufuneka bamnqule ngoMoya benyanisekile.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Khawuvuke! Vuka, Jerusalem!
Khanya! Ukhanyiso lwakho luthwasile;
isihomo sikaNdikhoyo sikujikelezile.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela