DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Okthoba 2021)

2021 Okthoba 31, Cawe

Bazeleleleni bonke abantu. INkosi isemnyango.

2021 Okthoba 30, Mgqibelo

Xa ndandinxubile, ndixhalabile,
wandithuthuzela, wandonwabisa wena.

2021 Okthoba 29, Lwesihlanu

Masisondele ke ngoko singenadyudyu apho ahleli khona esihlalweni sokulawula uThixo wethu onenceba; apho sakwenzelwa khona ububele nesisa, sincedakale ngoku kuselithuba.

2021 Okthoba 28, Lwesine

Ngaphezu kwazo zonke ezi zinto yongezani uthando, lona lubopha izinto zonke zibe yimbumba egqibeleleyo.

2021 Okthoba 27, Lwesithathu

Ngoko ke ndinawe, sukoyika;
ndinguThixo wakho, sukuphakuzela.
Ndiza kukomeleza ndikusize,
amandla am asindisayo akuxhase akukhusele.

2021 Okthoba 26, Lwesibini

Musani ukugweba, ze nani ningagwetywa nguThixo.

2021 Okthoba 25, Mvulo

Kuba kweli dabi lethu asilwi nabantu, kodwa silwa nemimoya ekhohlakeleyo esesibhakabhakeni, izilawuli, nabasemagunyeni, kunye nemimoya engcolileyo yeli phakade lobumnyama.

2021 Okthoba 24, Cawe

Ndingamzimela ndithini uMoya wakho?
Ndingasabela phi apho ungekhoyo khona?
Ukuba ndingenyukela emazulwini, ndingafika ukho;
nokuba ndingalala kwelabafileyo, ukho nalapho.

2021 Okthoba 23, Mgqibelo

Usindiso lufumaneka ngaye kuphela, kuba akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo.

2021 Okthoba 22, Lwesihlanu

Waza uYesu wathi: “Bayekeni abantwana beze kum, ningabanqandi, kuba ábalawulwa nguThixo ngabanjengabo.”

2021 Okthoba 21, Lwesine

Amaxhala ayamtyhafisa umntu;
ke wona amazwi enkuthazo ayahlaziya.

2021 Okthoba 20, Lwesithathu

Wathi kubo: “Ndilandeleni; ndonenza abalobi babantu.”

2021 Okthoba 19, Lwesibini

Ungaze ulikhankanye ngelize igama lam; mna Ndikhoyo Thixo wakho andiyi kumxolela ofumana alibize igama lam.

2021 Okthoba 18, Mvulo

Bufana nomzali kubantwana
ububele bukaNdikhoyo kwabamnik' imbeko.

2021 Okthoba 17, Cawe

Nangona uThixo engazanga wabonwa mntu nje, uhlala emanyene nathi ukuba siyathandana, luthi nothando lwakhe luyondelelane kuthi.

2021 Okthoba 16, Mgqibelo

Thandanani ngokwabazalanayo. Shiyiselanani ngokwenzelana imbeko.

2021 Okthoba 15, Lwesihlanu

Umntu onyanisekileyo uhamba engaxhalele nto;
ke yena onamaqhinga uya kubhaqwa.

2021 Okthoba 14, Lwesine

Ke wena, xa sukuba usipha ihlwempu, masingakwazi isandla sakho sasekhohlo okwenziwa sisandla sakho sasekunene, ukuze ke izinwe zakho zingabonwa ngabantu, ze ke uYihlo obona okwenzeka emfihlekweni akuvuze yena ekuhleni.

2021 Okthoba 13, Lwesithathu

Lowo usisicaka sam makandilandele, abe kunye nam apho ndikhoyo. Osisicaka sam ke uya kunikwa imbeko nguBawo.

2021 Okthoba 12, Lwesibini

Ngubani loo Ngangalala yoKumkani?
NguNdikhoyo onamandla onke;
nguye uKumkani, nguye iNgangalala.

2021 Okthoba 11, Mvulo

Ewe kaloku, utsho uNdikhoyo,
yena uthi: “Qalisani kwangoku.
Buyelani kum ngamxhelo mnye
ngokuzila, ngeenyembezi, nangesingqala.”

2021 Okthoba 10, Cawe

Ukususela ngoko uYesu washumayela esithi: “Guqukani, kuba ulawulo lukaThixo lusemnyango.”

2021 Okthoba 9, Mgqibelo

Ukwenza ubulungisa nokuthe ngqo
kwamkelekile kuNdikhoyo kunamadini.

2021 Okthoba 8, Lwesihlanu

“Sivumelekile ukwenza nayiphi na into,” kukho abatshoyo. Ewe kunjalo kambe, kodwa azilunganga zonke izinto. Ewe: “Sivumelekile ukwenza nayiphi na into,” kodwa izinto azakhi zonke.

2021 Okthoba 7, Lwesine

Andikholiswa kukufa kwakhe nabani na, itsho iNkosi uNdikhoyo. Guqukani, nidle ubomi!

2021 Okthoba 6, Lwesithathu

Hayi, eli lizwe abalizuzanga ngenxa yezikhali,
bengaphumelelanga ngenxa yezigalo zabo;
koko kwakungenxa yegunya nezigalo zakho
nefuthe lobukho bakho, njengoko babethandeka kuwe.

2021 Okthoba 5, Lwesibini

Kaloku unako uThixo ukunipha nangaphezu kweemfuneko zenu, ukuze nisoloko nanele kwiimeko zonke, nibe nako ukuhlangabezana nayo yonke imisebenzi emihle.

2021 Okthoba 4, Mvulo

Ewe, hambani ngokwemimiselo yonke kaNdikhoyo uThixo wenu, khon' ukuze nizinze kwelo lizwe ningena kulo, nixhamle intlala-kahle nide nikhokhobe.

2021 Okthoba 3, Cawe

Bamele ubabonelele ngokwasemthethweni;
ncedisana nabo abahlelelekileyo nabasweleyo.

2021 Okthoba 1, Lwesihlanu

Ubani unokuthi: “Zonke izinto zivumelekile kum.” Ewe, kunjalo, kodwa azikulungelanga zonke. Nam bendinokuthi: “Zonke izinto zivumelekile kum;” kodwa ngekhe ndinikezele ukuze ndilawulwe nayiyiphi na into.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Usindiso lufumaneka ngaye kuphela, kuba akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Waphendula ke esithi:
“Ngaba umfazi angalulibala na usana lwakhe,
ade angavakalelwa ngowakhe umntwana?
Noba ke yena angade amlibale,
okokwam ke mna soze ndikufulathele,
kuba igama lakho ndilivambile,
ndilithe tyaba esandleni sam;
iindonga zakho zihlala zisemehlweni am.”
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela