DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Novemba 2021)

2021 Novemba 30, Lwesibini

Ithembekile yona kambe iNkosi. Yonikhusela inigcine kuhlaselo lwendoda enobuqhokolo.

2021 Novemba 29, Mvulo

Yaz'ba ngubani na umphembi wale ntlekele?
Ngubani owasimiselayo esi sishiqi?
Mna Ndikhoyo, yaba ndim kwasekuqaleni;
ewe, yoba isendim nasekugqibeleni.

2021 Novemba 28, Cawe

Nazi ke zona iziqhamo zoMoya: luthando, novuyo, noxolo; umonde, ububele, ukulunga, nentembeko; ubulali, nokuzeyisa. Awukho ke umthetho ochasa izinto ezinjengezi.

2021 Novemba 27, Mgqibelo

Ngoko ke, mawethu athandekayo, yomelelani ningathandabuzi. Yisebenzeleni ngenkuthalo iNkosi ngalo lonke ixesha, kuba kakade ukubulaleka kwenu ngenxa yeNkosi akunakulambatha.

2021 Novemba 26, Lwesihlanu

Izikrelemnqa ziboleka zingabuyisi,
ke lona ilungisa lipha ngesisa.

2021 Novemba 25, Lwesine

Kufanelekile ukuba simbulele uThixo ngawo onke amaxesha ngenxa yenu, mawethu. Ewe, kulunge kanye ukuba simbulele ngenxa yokuba ukholo lwenu luya lusanda ngokwanda. Yaye nokuthandana kwenu kuya kukhula ngakumbi nangakumbi.

2021 Novemba 24, Lwesithathu

Ke yena wathi: “Yithi kanye: unoyolo lowo ulivayo ilizwi likaThixo alenze.”

2021 Novemba 23, Lwesibini

Zonke iindlela zomntu zibonakala zilungile kwawakhe amehlo,
kanti ke nguNdikhoyo oyibeka esikalini intliziyo yomntu.

2021 Novemba 22, Mvulo

Umyalelo endiniyala ngawo ngowokuba nithandane njengoko mna ndanithandayo.

2021 Novemba 21, Cawe

Kodwa ke, ukuba siyazivuma izono zethu, uThixo uthembekile, ulilungisa; wosixolela izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi.

2021 Novemba 20, Mgqibelo

Uncedo lwethu luvela kuNdikhoyo
ongumdali wamazulu nehlabathi.

2021 Novemba 19, Lwesihlanu

Hoyina, Sirayeli! UNdikhoyo nguThixo wethu, uNdikhoyo yedwa qwaba! Ngoko ke mthande uNdikhoyo uThixo wakho ngomxhelo wakho wonke, nangomoya wakho wonke, ngokunjalo nangamandla akho onke.

2021 Novemba 18, Lwesine

Andizanga kubiza malungisa, ndize kubiza aboni, ukuba baguquke.

2021 Novemba 17, Lwesithathu

Hayi bo, zigqibelele izinto azenzayo lo Thixo!
Hayi ukuthembeka kwelizwi lakhe!
Uyabakhusela bonke abo bathembela ngaye.

2021 Novemba 16, Lwesibini

Musani ukumdakumbisa uMoya oyiNgcwele kaThixo, kuba uniphawulele umhla wokugqibela wenkululeko.

2021 Novemba 15, Mvulo

Xa ke kanti, mawethu, izithembiso ezinje zenzelwa thina, masizenze sibe nyulu emzimbeni nasemphefumlweni, sibe ngcwele ngokuhlala simoyika uThixo.

2021 Novemba 14, Cawe

Kodwa ke umncedi wam nguThixo,
umxhasi wam nguMhlekazi.

2021 Novemba 13, Mgqibelo

Phakathi kobusuku uPawulos noSilas bathandaza bacula bedumisa uThixo, namanye amabanjwa ebeva.

2021 Novemba 12, Lwesihlanu

Maluhlale ngokupheleleyo ezintliziyweni zenu udaba lukaKrestu. Fundisanani, niyalane ngobulali. Culani iindumiso, nihlabele amaculo, nivuma iingoma zoMoya, nibulela uThixo ngentliziyo.

2021 Novemba 11, Lwesine

UNdikhoyo utsho ukuthi:
“Mna ndingulowo ukuthuthuzelayo;
ngani ke ukuba woyike umntu –
into evuthuluka njengengca?”

2021 Novemba 10, Lwesithathu

Kufuneka incwadi yomthetho ikukhokele kuyo yonke into oyithethayo. Uze uyifunde uyigocagoce ubusuku nemini, uzazi uzithobele izinto ezibhaliweyo kuyo. Xa wenjenjalo woba nenkqubela nempumelelo.

2021 Novemba 9, Lwesibini

Kaloku isiqhamo sokumelana nezilingo ngokholo lunyamezelo.

2021 Novemba 8, Mvulo

Ndomemelela ngemincili,
ndikuvumel' ingoma, ndibonge wena, Phezukonke.

2021 Novemba 7, Cawe

Kuba kaloku uNdikhoyo uThixo wenu unesisa novelwano. Akasayi kunifulathela ukuba nibuyela kuye.

2021 Novemba 6, Mgqibelo

Lungekho ke ukholo akukho ukumkholisa uThixo. Kaloku wonke ubani ozayo kuye kufuneka akholwe ukuba ukho uThixo, yaye uyabavuza abo bamlangazelelayo.

2021 Novemba 5, Lwesihlanu

Obo bulumko ke buvela kuNdikhoyo uSomandla-onke;
kaloku yena yintshatsheli ngamacebo,
ngenene yena ubalasele ngobulumko.

2021 Novemba 4, Lwesine

Noko ke sanukuvuyela ukoyisa kwenu iindimoni, vuyani kuba amagama enu ebhaliwe kwaThixo.

2021 Novemba 3, Lwesithathu

Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.

2021 Novemba 2, Lwesibini

Awu, Thixo, zimaseka phezulu esibhakabhakeni;
isidima nesihomo sakho masibe phezu kwehlabathi jikelele.

2021 Novemba 1, Mvulo

Uze ungabulali, uze ungakrexezi, uze ungebi, uze ungangqini buxoki, beka uyihlo nonyoko, uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Umntu onyanisekileyo uhamba engaxhalele nto;
ke yena onamaqhinga uya kubhaqwa.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

UYesu wathi kuye: “Bendingatshongo na kuwe okokuba uya kuwabona amandla kaThixo ukuba uyakholwa?”Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela