DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Disemba 2021)

2021 Disemba 31, Lwesihlanu

Ebusuku umphefumlo wam ulangazelela wena;
kusasa umoya wam uyazula ufuna wena.
Xa ulohlwaya ihlabathi
abemi balo bafunda ngobulungisa.

2021 Disemba 30, Lwesine

Ngalinye ke, zintathu izinto eziya kuhlala zihleli: lukholo, nethemba, nothando. Engaphezu kwazo zonke ke luthando.

2021 Disemba 29, Lwesithathu

Banoyolo abo bangabaxolisi, kuba uThixo uya kuthi bangabantwana bakhe!

2021 Disemba 28, Lwesibini

Zihlobo zam ezithandekayo, xa ke uThixo asithande ngolu hlobo nathi simelwe kukuthandana.

2021 Disemba 27, Mvulo

Ngoko ke asilangazeleli zinto zibonwayo, silangazelela ezingabonwayo. Kaloku ezibonwayo izinto zezexeshana nje, kanti ezingabonakaliyo ziya kuhlala zihleli.

2021 Disemba 26, Cawe

Ndikholosa ngawe usemazulwini;
ungowam nje ke, andilinanze nganto ihlabathi.

2021 Disemba 25, Mgqibelo

Kwaza kwathi belapho lafika ixesha lokubeleka kwakhe. Wamzala ke unyana wakhe wamazibulo, wamsongela eziqhiyeni, wamlalisa emkhumbini wesitali, kuba kwakungekho ndawo endlwini yabahambi.

2021 Disemba 24, Lwesihlanu

Isithunywa ke sathi kuye: “Musa ukoyika, Mariya, kuba uThixo ukwenzela isisa. Uyabona, uza kumitha, uzale unyana, umthiye igama elinguYesu.”

2021 Disemba 23, Lwesine

Hayi ubuhle beenyawo zesigidimi sibhijel' iintaba,
sipheth' iindaba ezimnandi,
sibhengeza sisithi: “Uxolo lufikile!
Yonk' intw' ilungile! Nal' usindiso!”
Ewe, sibhekisa kwiZiyon sisithi:
“UThixo wakho uyalawula.”

2021 Disemba 22, Lwesithathu

Bonke abonileyo bengekho phantsi komthetho kaMosis, baya kutshabalala bengaphandle kwawo; nabo bonke abonileyo bephantsi komthetho kaMosis, baya kugwetywa ngawo.

2021 Disemba 21, Lwesibini

Yonke imimiselo nemiyalelo yakhe endininike yona namhlanje yithobeleni, khon' ukuze liqaqambe ikamva lenu nezizukulwana zenu. Ngaloo ndlela ke niya kuma ngonaphakade kweli lizwe aniphe lona uNdikhoyo uThixo wenu.

2021 Disemba 20, Mvulo

Ndiswel' imilomo yokukubonga,
ndikudumise maxa onke.

2021 Disemba 19, Cawe

Isiseko sobulumko kukuthobela uNdikhoyo,
kambe ke zona izityhakala zibujongele phantsi ubulumko nengqeqesho.

2021 Disemba 18, Mgqibelo

Musani ukuboyika abo banibulala ngokwasenyameni, kodwa bengenako ukubulala umphefumlo. Yoyikani uThixo, yena onako ukutshabalalisa umphefumlo kwanomzimba esihogweni.

2021 Disemba 17, Lwesihlanu

Funani uNdikhoyo esenokufumaneka;
bhenelani kuye ngoku asekufutshane.

2021 Disemba 16, Lwesine

Abo ndibathandayo ndiyabakhalimela ndibohlwaye. Ngoko ke zimisele, uguquke.

2021 Disemba 15, Lwesithathu

Ke iNkosi ayikubambezeli ukuzalisekiswa kwesithembiso esenzileyo, njengoko abanye baba kunjalo. Nto nje ininyamezele kuba ingafuni kutshabalale mntu. Koko ifuna wonke ubani afumane ithuba lokuguquka.

2021 Disemba 14, Lwesibini

Wena ulikhaka nekhusi lam;
ndiqamele ngelizwi lakho.

2021 Disemba 13, Mvulo

Waphinda wathi kubo uYesu: “Uxolo malube nani. Njengokuba uBawo endithumile mna, nani ndiyanithuma.”

2021 Disemba 12, Cawe

Waza uYesu wawaphendula wathi: “Le mfundiso ndiyifundisayo asiyoyam, koko ivela kulowo undithumileyo.”

2021 Disemba 11, Mgqibelo

Umntu osisiyatha akanamdla wakuqonda nto –
nto angxamele ukuyenza kukuvakalisa ezakhe iimbono.

2021 Disemba 10, Lwesihlanu

Kaloku nathi sinobudlelane noKrestu, xa sinamathele kwada kwasekupheleni kwisivumo sethu.

2021 Disemba 9, Lwesine

Ewe, Ndikhoyo, bobakho bonke ubukhulu ndawonye namandla;
naso isidima sikwasesakho, ubungangamsha nobunewu-newu.
Kaloku zezakho zonke ezisezulwini,
kanti nezisemhlabeni ikwazezakho.
Ewe, Ndikhoyo, lolwakho ulawulo;
uyingqanga-ngqanga evelele konke jikelele.

2021 Disemba 8, Lwesithathu

Khanilungiselele abaxakekileyo neenkedama,
nibonelele iintsizana namahlwempu.

2021 Disemba 7, Lwesibini

Ngoko ke zithobeni phantsi kwesandla sikaThixo esinamandla; yena ke uya kuniphakamisa ngexesha elifanelekileyo.

2021 Disemba 6, Mvulo

Kaloku umntu ukholwa ngentliziyo, aze abe lilungisa phambi koThixo; uvuma ngomlomo, aze asindiswe.

2021 Disemba 5, Cawe

Iintsimbi ziyalolana;
ngokunjalo ke nezihlobo ziyakhuthazana.

2021 Disemba 4, Mgqibelo

Kuba kaloku uMoya esimnikwe nguThixo asingowobuphakuphaku, koko uvuselela isibindi, uthando, nokuzeyisa.

2021 Disemba 3, Lwesihlanu

Ukuba ke kuthiwa kuni: ‘Nankuya entlango,’ ze ningayi; nokuba kuthiwa: ‘Nankuya endlwini,’ ze ningakwamkeli oko; kuba ukufika koNyana woLuntu kuya kuba njengombane omenyezela empumalanga, ubonakale kude kuse entshonalanga.

2021 Disemba 2, Lwesine

Ilizwi lakho sisibane sendlela yam;
liyandikhanyisela eluhambeni.

2021 Disemba 1, Lwesithathu

Phaphani ngoko, kuba ningàwazi umhla wokufika kweNkosi yenu.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Umntu onyanisekileyo uhamba engaxhalele nto;
ke yena onamaqhinga uya kubhaqwa.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Kodwa kodwa kuxa ndingubani mna, beyintoni bona aba bantu bam, ukuba singade sibe nako ukukwenzela izinwe ngolu hlobo? Kaloku yonke into iphuma kuwe, ngoko ke nangoku sikunika kwaoko kuphuma esandleni sakho.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela