DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Janyuwari 2022)

2022 Janyuwari 31, Mvulo

Indlu nganye inomakhi wayo, kodwa ke nguThixo umseki wazo zonke izinto.

2022 Janyuwari 30, Cawe

Khanizicoce nibe nyulu!
Yahlukanani nale mikhwa ingcolileyo;
yekani ukwenza izinto ezinje;
mandingaze ndiphinde ndizibone.

2022 Janyuwari 29, Mgqibelo

Lowo ke uswele amandla elukholweni, mamkeleni, kodwa kungabi nganjongo yakuphikisana nezimvo zakhe.

2022 Janyuwari 28, Lwesihlanu

Njengokuba ke sisazi ukuba uyaziphulaphula izicelo zethu, ngokunjalo ke siyazi ukuba izinto esizicelayo sesiziphiwe.

2022 Janyuwari 27, Lwesine

Imihla yam isesandleni sakho;
ndihlangule ezintshabeni zam nakwabanditshutshisayo.

2022 Janyuwari 26, Lwesithathu

Wathi kubo uYesu: “Ndim isonka sobomi. Ozayo kum akasoze alambe, nokholwayo kum akasoze anxanwe.”

2022 Janyuwari 25, Lwesibini

Ningazikhohlisi! UThixo akanakwenziwa isidenge ngumntu. Umntu uya kuvuna kanye loo nto ayihlwayeleyo.

2022 Janyuwari 24, Mvulo

Xa ufuna ukuviwa ngabo basemagunyeni
phatha umngena-ndlwini xa uya kubo.

2022 Janyuwari 23, Cawe

Ukuba ninolangazelelo, uThixo uyawamkela umnikelo wenu. Kaloku uThixo ufuna umntu aphe ngokobungakanani bezinto anazo, ingebubo obezinto angenazo.

2022 Janyuwari 22, Mgqibelo

Kodwa kodwa kuxa ndingubani mna, beyintoni bona aba bantu bam, ukuba singade sibe nako ukukwenzela izinwe ngolu hlobo? Kaloku yonke into iphuma kuwe, ngoko ke nangoku sikunika kwaoko kuphuma esandleni sakho.

2022 Janyuwari 21, Lwesihlanu

UThixo ulihlathi nenqaba yethu;
ngexesha leenkathazo uluncedo oluhlala lulungile.

2022 Janyuwari 20, Lwesine

Konke enikucelayo ngomthandazo nikholwa, nokwamkela.

2022 Janyuwari 19, Lwesithathu

Khaniqwalasele iintaka. Azihlwayeli, azivuni, azigcini siseleni, kanti uYihlo osezulwini uyazondla. Ke, kungakanani na ukuxabiseka kwenu kunazo!

2022 Janyuwari 18, Lwesibini

Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa,
kodwa lowo umana ewunokoza umcimbi uchitha ubuhlobo.

2022 Janyuwari 17, Mvulo

Musani ukuba ngamathandamali. Yanelani yinto eninayo. Kaloku uThixo uthi: “Andiyi kukuyekela; ndingayi kukufulathela.”

2022 Janyuwari 16, Cawe

Ndinako ukumelana nayo nayiphi na imeko ngenxa yamandla alowo undomelezayo.

2022 Janyuwari 15, Mgqibelo

Kuba wena, Nkosi, ulungile, uyaxolela;
uphuphuma luthando kwabo bakholosa ngawe.

2022 Janyuwari 14, Lwesihlanu

Khumbulani kaloku ukuba uNdikhoyo uThixo wenu lo nguThixo ekukuphela kwakhe, kungekho wumbi ngaphaya; futhi ke uthembekile. Uyawugcina umnqophiso wakhe, futhi izibele zakhe ziphuphumela kwâbo bamthandayo beyigcina imiyalelo yakhe kuse kumawaka ezizukulwana.

2022 Janyuwari 13, Lwesine

Kaloku udaba lukaThixo aluzanga ngokuzithandela komntu, koko abantu baluthetha udaba lukaThixo beqhutywa lifuthe loMoya oyiNgcwele.

2022 Janyuwari 12, Lwesithathu

Busesandleni sikaNdikhoyo ubutyebi nobuhlwempu,
ngokunjalo ukuphakanyiswa nokuthotywa.

2022 Janyuwari 11, Lwesibini

Wathi ke kubo: “Hambani niye kulo lonke ihlabathi, nizivakalise iindaba ezimnandi kulo lonke elimiweyo.”

2022 Janyuwari 10, Mvulo

Kuba siphila ngokukholwa, kungekuko ngezinto esizibonayo.

2022 Janyuwari 9, Cawe

Hay' inyhweba yomntu omthobelayo uNdikhoyo,
ohamba ngokwemimiselo yakhe.

2022 Janyuwari 8, Mgqibelo

Ezo ntshinga zoba sisikhumbuzo, nize nithi maxa onke nizibona zitsho nikhumbule imiyalelo kaNdikhoyo niyithobele, khon' ukuze ningahendeki nibhaduliswe ziinkanuko zenu.

2022 Janyuwari 7, Lwesihlanu

Ndinishiya noxolo olulolwam, olungafani nakancinane nolweli hlabathi. Ze ningakhathazeki, ningoyiki.

2022 Janyuwari 6, Lwesine

Uyabona, lowo ukhukhumeleyo unentliziyo embi enxaxhileyo;
ke yena olilungisa wophila ngokuthembeka kwakhe.

2022 Janyuwari 5, Lwesithathu

Uxolo eniluphiwa nguKrestu malube lulo olugweba iintliziyo zenu, kuba uThixo wanibizela kolu xolo ukuze nibe ngamalungu omzimba omnye. Phuphumani ke ngumbulelo.

2022 Janyuwari 4, Lwesibini

Ngoko ke, njengoko senenjenjalo kakade, khuthazanani, nakhane omnye nomnye.

2022 Janyuwari 3, Mvulo

Zola phambi koNdikhoyo, ulindele kuye,
ungazidubi ngabantu abaphumelela ngamaqhinga.

2022 Janyuwari 2, Cawe

Akwaba bebeya kusoloko benezimvo ezinje! Akwaba bebeya kuhlala bendihlonipha bayithobele imiyalelo yam, khon' ukuze balungelwe bona nezizukulwana zabo naphakade.

2022 Janyuwari 1, Mgqibelo

Ubabalo lweNkosi uYesu Krestu, nothando lukaThixo, nobudlelane boMoya oyiNgcwele, maluhlale nani nonke.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Usindiso lufumaneka ngaye kuphela, kuba akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Wathi uPetros kubo: “Guqukani ezonweni zenu nonke ngabanye, nibhaptizwe egameni likaYesu Krestu, ukuze nixolelwe izono zenu, nize namkele isipho soMoya oyiNgcwele.”Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela