DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Februwari 2022)

2022 Februwari 28, Mvulo

Naxa nithandazayo, ukuba ninendawo ngakubani, mxoleleni, ukuze noYihlo osezulwini anixolele iziphoso zenu.

2022 Februwari 27, Cawe

UMoya enimamkeleyo akanenzi amakhoboka, wona aphakuzelayo. Kaloku namkele uMoya onenza oonyana abathi: “Tata!” kuThixo.

2022 Februwari 26, Mgqibelo

Eyona nto emawuyilondoloze ngaphezu kwazo zonke ezinye yintliziyo yakho,
kuba yona ingumthombo wobomi.

2022 Februwari 25, Lwesihlanu

Lowo ukholwayo abhaptizwe wosindiswa; ke yena ongakholwayo wogwetywa.

2022 Februwari 24, Lwesine

Ndanelisekile ke ngoko nokuba ndibuthathaka, nokuba ndiyagxekwa, nokuba nditsala nzima, nditshutshiswa, ndithwala iimbandezelo ngenxa kaKrestu. Kuba xa ndibuthathaka, kuxa kanye ndinamandla.

2022 Februwari 23, Lwesithathu

Ngoko ke, nokuba ndihamba kwiingxondorha ezimnyama,
andinadyudyu.
Kaloku ungakum, wena Ndikhoyo;
isagweba sakho nebhunguza lakho lixhadi lam.

2022 Februwari 22, Lwesibini

Musani ukuphazama: “Incoko embi iyasonakalisa isimilo esihle.”

2022 Februwari 21, Mvulo

KuKrestu akusekho mJuda nantlanga, akusekho khoboka namntu ukhululekileyo, ndoda nabhinqa. Ninonke ningumntu omnye ngokumanywa noYesu Krestu.

2022 Februwari 20, Cawe

Ekuthetheni kakhulu isono sidla ngokubakho,
kambe ke ozibambayo ekuthetheni unengqiqo.

2022 Februwari 19, Mgqibelo

Wanga ke uThixo, osinika unyamezelo nenkuthazo, anganenza nibe moya mnye ngokwentando kaKrestu Yesu.

2022 Februwari 18, Lwesihlanu

Unoyolo lowo uzinyamezelayo izilingo, kuba kaloku, lakudlula uvavanyo, uya kuzuza umvuzo obubomi uThixo abuthembise abo bamthandayo.

2022 Februwari 17, Lwesine

Umbingelelo owufunayo, Thixo, yintliziyo ethobekileyo.
Intliziyo ethobekileyo neguqukayo, wena Thixo, akuyideli.

2022 Februwari 16, Lwesithathu

Ndithi andisobe ndizitshabalalise ngemvula kwakhona izinto eziphilayo. Ilizwe alisobe liphinde lipheliswe ngemvula. Ngumnqophiso wam lowo.

2022 Februwari 15, Lwesibini

Nindazi nje mna, niyamazi noBawo. Ngoku ke niyamazi, nimbonile nokumbona.

2022 Februwari 14, Mvulo

Awumhle ngako, sithandwa sam!
Umhle ngenene, awunasiphako!

2022 Februwari 13, Cawe

Inkqu yothando siyibona kule nto yokuba uKrestu anikele ubomi bakhe ngenxa yethu. Ngokunjalo ke nathi sifanele ukuba sibunikele ubomi bethu ngenxa yamawethu.

2022 Februwari 12, Mgqibelo

Akukho nto indonwabisa njengokuva ukuba abantwana bam bahlala bethe ngcembe enyanisweni.

2022 Februwari 11, Lwesihlanu

Phofu ke ungxwelerhwe ngenxa yokukreqa kwethu;
ewe, ubulewe ngenxa yobugwenxa bethu.
Ukohlwaywa kwakhe kusiphathele uxolo;
thina sinyangwe ngamanxeba akhe.

2022 Februwari 10, Lwesine

Umntu owenza isono waphula umthetho kaThixo. Isono kaloku kukwaphula umthetho.

2022 Februwari 9, Lwesithathu

Ewe, yithobeleni imiyalelo yam; kaloku ndinguNdikhoyo.

2022 Februwari 8, Lwesibini

Lithi lakuchazwa ilizwi lakho kutsho kuthi qwenge;
abangazi nto libanika ukuqonda.

2022 Februwari 7, Mvulo

Yahlukanani nemikhwa emibi nehambo engcolileyo. Mlulameleni uThixo, namkele ilizwi lakhe alifake kuni ezintliziyweni. Lilo elinamandla okunisindisa.

2022 Februwari 6, Cawe

Njengoko nimanywe noYesu Krestu izimvo zenu mazifane nezakhe.

2022 Februwari 5, Mgqibelo

Ukundivukela kwakho ndikuphuthisile;
isono sakho sithe shwaka okwenkungu.
Buyela kum; ndim umkhululi wakho.

2022 Februwari 4, Lwesihlanu

Kaloku nokuba sidla ubomi, siphilela iNkosi, nokuba siyafa, sifela iNkosi. Ngoko ke nokuba sidla ubomi, nokuba siyafa, singabeNkosi.

2022 Februwari 3, Lwesine

Ndiya kubenzela inceba kwizikreqo zabo,
ndingabi sazikhumbula iziphoso zabo.

2022 Februwari 2, Lwesithathu

NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek' umoya;
ewe, uya kukwalusa ungachukunyiswa nto.
Ngenene, uNdikhoyo uya kukwalusa,
xa uhambayo naxa ubuyayo,
kuqalela ngoku kude kube nini-nini.

2022 Februwari 1, Lwesibini

Musani ukuba natyala lanto mntwini, lingelilo elokuthandana. Kaloku omthandayo omnye uwuthobele ngokupheleleyo umthetho.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Umntu onyanisekileyo uhamba engaxhalele nto;
ke yena onamaqhinga uya kubhaqwa.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Waphendula ke esithi:
“Ngaba umfazi angalulibala na usana lwakhe,
ade angavakalelwa ngowakhe umntwana?
Noba ke yena angade amlibale,
okokwam ke mna soze ndikufulathele,
kuba igama lakho ndilivambile,
ndilithe tyaba esandleni sam;
iindonga zakho zihlala zisemehlweni am.”
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela