DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Disemba 2013)

2013 Disemba 31, Lwesibini

Lunje ke olu thando: Ayisithi esamthandayo uThixo, koko nguye owasithandayo, wasinika uNyana wakhe, ukuze acamagushele izono zethu.

2013 Disemba 30, Mvulo

Banoyolo abo batshutshiswayo ngokuba besenza ubulungisa, kuba balawulwa nguThixo bona!

2013 Disemba 29, Cawe

UYesu wathi kuye: “Bendingatshongo na kuwe okokuba uya kuwabona amandla kaThixo ukuba uyakholwa?”

2013 Disemba 28, Mgqibelo

Aa, Mhlekazi Ndikhoyo, wena wasolula isandla sakho, wawenza umhlaba nesibhakabhaka ngamandla akho amakhulu! Akukho nanye into ekunqabelayo wena!

2013 Disemba 27, Lwesihlanu

Kaloku nguNdikhoyo onika ubulumko;
luphuma emlonyeni wakhe ulwazi nokuqonda.

2013 Disemba 26, Lwesine

Khawuvuke! Vuka, Jerusalem!
Khanya! Ukhanyiso lwakho luthwasile;
isihomo sikaNdikhoyo sikujikelezile.

2013 Disemba 25, Lwesithathu

Isithunywa ke sathi kuye: “Musa ukoyika, Mariya, kuba uThixo ukwenzela isisa. Uyabona, uza kumitha, uzale unyana, umthiye igama elinguYesu.”

2013 Disemba 24, Lwesibini

Bonke abonileyo bengekho phantsi komthetho kaMosis, baya kutshabalala bengaphandle kwawo; nabo bonke abonileyo bephantsi komthetho kaMosis, baya kugwetywa ngawo.

2013 Disemba 23, Mvulo

Hayi, eli lizwe abalizuzanga ngenxa yezikhali,
bengaphumelelanga ngenxa yezigalo zabo;
koko kwakungenxa yegunya nezigalo zakho
nefuthe lobukho bakho, njengoko babethandeka kuwe.

2013 Disemba 22, Cawe

Ngezi ndaba zimnandi kaloku kutyhilwa indlela uThixo asenza amalungisa ngayo: kungokholo qha, njengoko zitshoyo neziBhalo ukuthi: “Ngokholo lwakhe olilungisa uya kudla ubomi.”

2013 Disemba 21, Mgqibelo

Kaloku umthetho xa uwonke ushwankathelwa ngomyalelo omnye othi: “Mthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.”

2013 Disemba 20, Lwesihlanu

Zamelani ukuhlala ngoxolo niyilaa mbumba yamanyama wanenza nayiyo uMoya oyiNgcwele.

2013 Disemba 19, Lwesine

Nihlale nithobekile ngawo onke amaxesha, ninobulali nomonde, ninyamezelana ngothando.

2013 Disemba 18, Lwesithathu

Umntu uyalucwangcwisa uhambo lwakhe,
kodwa nguNdikhoyo olawula ukunyathela kwakhe.

2013 Disemba 17, Lwesibini

Njengoko ke ningabantwana bakaThixo abaziintanda, fuzani yena.

2013 Disemba 16, Mvulo

Ndizolulela kuwe izandla zam;
ndikunxanele njengomhlaba owomileyo.

2013 Disemba 15, Cawe

Niyityiwa yehlabathi nina. Ke ukuba ityiwa ithe yaphelelwa sisongo, yothiwani na ukubuyiselwa isongo sayo? Ayisenamsebenzi; kuphela kukuba ilahlwe phandle, inyathelwe ngabantu.

2013 Disemba 14, Mgqibelo

Iingqondo zenu zimiliseleni kwizinto zaphezulu, kungabi kwizinto zalo mhlaba.

2013 Disemba 13, Lwesihlanu

Kaloku ndagqiba kwelokuba ndingazi nto phakathi kwenu, ingenguye uYesu Krestu, naye ke ebethelelwe emnqamlezweni.

2013 Disemba 12, Lwesine

UNdikhoyo ukufuphi kwabo babhenela kuye,
kwabo bamfuna benyanisekile.

2013 Disemba 11, Lwesithathu

Yiyo ke loo nto ndithi umkhulu, wena Ndikhoyo Nkosi yam. Akukho onjengawe, kungekho naThixo ngaphandle kwakho, njengoko sazivelayo ngezi zethu iindlebe.

2013 Disemba 10, Lwesibini

Nawuphi na umntu ovumayo ukuba uYesu nguNyana kaThixo, uhlala emanyene noThixo, noThixo uhlala emanyene naye.

2013 Disemba 9, Mvulo

Waza uYesu wathi: “ ‘Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela.’”

2013 Disemba 8, Cawe

Neengonyama ziyaswela zilambe,
kodwa abo bamfunayo uNdikhoyo akukho nto intle bayiswelayo.

2013 Disemba 6, Lwesihlanu

Hayi inyhweba yomntu ongahambiyo ngecebo labantw' abagwenxa,
ongahambiyo ekhondweni lamatshijolo,
umnt' ongadlelaniyo nabaphoxisayo.

2013 Disemba 5, Lwesine

Xa banibambayo banise ezinkundleni, musani ukuyixhalela into eniya kuyithetha, kodwa thethani oko nithe nakunikwa ngelo xesha, kuba asinini abathethayo, nguMoya oyiNgcwele.

2013 Disemba 4, Lwesithathu

Ndiniwisela umthetho omtsha, ndithi: Thandanani! Njengoko ndinithandileyo mna, nani thandanani kanye ngolo hlobo.

2013 Disemba 3, Lwesibini

Ke kaloku thina sonke, sinobuso obutyhiliweyo, ubuqaqawuli beNkosi sibubona ngokungathi kusesibukweni. Ngoko ke siyaguqulwa sifane nayo ncam, sinesidima esiya sikhula. Yonke ke le nto ivela eNkosini ekwanguMoya.

2013 Disemba 2, Mvulo

Umfazi onomtsalane angakukhohlisa, ke bona ubuhle buyatshitsha;
kuphela ngumfazi ohlonela uNdikhoyo oya kubongwa.

2013 Disemba 1, Cawe

Banoyolo abo bangabaxolisi, kuba uThixo uya kuthi bangabantwana bakhe!

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Lungekho ke ukholo akukho ukumkholisa uThixo. Kaloku wonke ubani ozayo kuye kufuneka akholwe ukuba ukho uThixo, yaye uyabavuza abo bamlangazelelayo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ngamana yanithundeza iNkosi, nimthande uThixo, nibe nenyameko efuze ekaKrestu.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela