DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Novemba 2013)

2013 Novemba 30, Mgqibelo

Ukuba abantu bam abo babizwa ngegama lam bathe bazithoba bathandaza bendikhunga befuna ubuso bam, bazilahla iindlela zabo ezikhohlakeleyo, ke mna ndiya kubaphulaphula ndibeve ndisezulwini, ndisixolele isono sabo, ndilinyange ilizwe labo.

2013 Novemba 29, Lwesihlanu

Musani ukuzilinganisa nizifanise nabantu abangakholwayo, kuba àyenziwa loo nto. Ingádibana njani into elungileyo nengalunganga? Kungahlala njani ukukhanya ndawonye nobumnyama?

2013 Novemba 28, Lwesine

Kubhetele ukuba lihlwempu elihlonela uNdikhoyo
kunokuba sisinhanha esiphethwe ngamaxhala.

2013 Novemba 27, Lwesithathu

Khanibuxhamle ububele bukaNdikhoyo;
ngenene unoyolo umntu othembela ngoNdikhoyo!

2013 Novemba 26, Lwesibini

Wathi kubo: “Ke nina nithi ndingubani?”
Waphendula uSimon Petros wathi: “Wena unguye uKrestu, uNyana kaThixo ophilayo.”

2013 Novemba 25, Mvulo

Ngaphezu koko ke hlalani nithandana, kuba kaloku uthando luyazingcwaba izono.

2013 Novemba 24, Cawe

Ilizwi likaThixo liyaphila, liyasebenza. Libukhali ngaphezu kwekrele elibazwe macala. Lihlabanisela liye kuthi xhokro embindini, phakathi komzimba nomphefumlo, nasekudibaneni kwamathambo nomongo. Liyazihluza lizicalu-calula iingcamango neminqweno yabantu.

2013 Novemba 23, Mgqibelo

Imiyalelo ethi: “Uze ungakrexezi, uze ungabulali, uze ungebi, uze ungangqini buxoki, uze unganqweneli,” nokuba nguwuphi umyalelo ongomnye, ushwankathelwa ngelithi: “Uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.”

2013 Novemba 22, Lwesihlanu

Xa nithi nenze okulungileyo kwabanenzela okulungileyo bodwa, ninanzuzoni? Kaloku naboni benza kwaloo nto!

2013 Novemba 21, Lwesine

Ebusuku umphefumlo wam ulangazelela wena;
kusasa umoya wam uyazula ufuna wena.
Xa ulohlwaya ihlabathi
abemi balo bafunda ngobulungisa.

2013 Novemba 20, Lwesithathu

Ukwenza ubulungisa nokuthe ngqo
kwamkelekile kuNdikhoyo kunamadini.

2013 Novemba 19, Lwesibini

Hlalani ngoxolo nabo bonke abantu. Yibani nyulu, kuba ngaphandle kobunyulu akukho mntu uya kuyibona iNkosi.

2013 Novemba 18, Mvulo

Lufuneni kuNdikhoyo uncedo;
mfuneni aph' akhoyo ngawo onke amaxesha.

2013 Novemba 17, Cawe

Ábenjenjalo ke àbanako ukumkholisa uThixo konke-konke.

2013 Novemba 16, Mgqibelo

Kuzo zonke izinto isiphelo sisemnyango. Ngoko ke hlalani nisezingqondweni, nikuqulele ukuthandaza.

2013 Novemba 15, Lwesihlanu

Makungabikho bani ubuyekeza ububi ngobubi, kodwa maxa onke zamani kangangoko ninako ukulungiselelana, nibanceda bonke abantu.

2013 Novemba 14, Lwesine

Wanithoba eniyekela ngendlela, waza kananjalo wanipha imana, kutya oko naningakwazi, nina ngokunjalo nooyihlo-mkhulu. Le nto ke wayenza kuba efuna niqonde nazi ukuba ubomi bomntu abuxhomekanga kutyeni kuphela, koko buxhomekeke kuwo onke amazwi kaNdikhoyo.

2013 Novemba 13, Lwesithathu

Thina kaloku sanikwa lo myalelo yiNkosi:
“ ‘Ndikumisele ukuba ube sisibane sokukhanyisela iintlanga,
ube yindlela yokusindiswa kwalo lonke elimiweyo.’”

2013 Novemba 12, Lwesibini

Wonke ke umntu owevayo la mazwi am, aze awenze, unokufanekiswa nendoda eyingqondi, ethe yayakhela phezu kwesiseko samatye indlu yayo.

2013 Novemba 11, Mvulo

Njengenxala elikhothekileyo kukunxanwa
nam ndikwanjalo ukukulangazelela wena, Thixo.

2013 Novemba 10, Cawe

“Izishumi ziziseni ziphelele endlwini enguvimba wam ukuze kubekho ukutya endlwini yam. Khanindivavanye kulo mbandela,” utsho uNdikhoyo onamandla onke, “nibone ukuba andiyi kuwavula na amasango ezulu, ndinithululele iintsikelelo, nditsho nangaphezu kokufuna kwenu.”

2013 Novemba 9, Mgqibelo

Zonke iindlela zomntu zibonakala zilungile kwawakhe amehlo,
kanti ke nguNdikhoyo oyibeka esikalini intliziyo yomntu.

2013 Novemba 8, Lwesihlanu

Naphakathi kwengqeqesho yakho, Ndikhoyo,
sihlala sijonge kuwe;
umnqweno neqhayiya lethu nguwe.

2013 Novemba 7, Lwesine

Zola phambi koNdikhoyo, ulindele kuye,
ungazidubi ngabantu abaphumelela ngamaqhinga.

2013 Novemba 6, Lwesithathu

Zonwabise ngokululamela uNdikhoyo;
wokunika umnqweno wentliziyo yakho.

2013 Novemba 5, Lwesibini

Nditsho ndanemihlali ngenxa kaNdikhoyo;
umoya wam uyachulumacha ngoThixo wam.
Kaloku undithe wambu ngomnweba wosindiso,
ewe, yena undambathise isivatho sobulungisa,
ndatsho ndanjengomyeni eqhoqhonye intloko yakhe njengombingeleli,
ndanjengomtshakazi ozihombisa ngobuyoko-yoko bamaso.

2013 Novemba 4, Mvulo

Uze uyithande ke iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela, nangamandla akho ephela.

2013 Novemba 3, Cawe

Umntu olungileyo uvelisa ukulunga okuphuma entliziyweni yakhe. Ke okhohlakeleyo uvelisa inkohlakalo ephuma entliziyweni yakhe. Kaloku loo nto intliziyo iphuphuma yiyo iphuma ngomlomo.

2013 Novemba 2, Mgqibelo

Nanjengoko nilusapho lukaThixo, makungakhankanywa phakathi kwenu ukurheletya nako konke ukungcola nokunyoluka.

2013 Novemba 1, Lwesihlanu

Ewe, bantwana bam, hlalani nimanyene noKrestu ukuze sibe nesibindi akuvela; ngokunjalo singabi naziintloni ngeMini yokufika kwakhe.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Usindiso lufumaneka ngaye kuphela, kuba akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela