DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Matshi 2016)

2016 Matshi 31, Lwesine

Abakhutheleyo ngabo abaya kulawula;
ke wona amavila aphelela kumsebenzi wobukhoboka.

2016 Matshi 30, Lwesithathu

Ningakhuphani zixhiba, nigwexane. Ndaweni yaloo nto thethani ngobulali. Eyona nto nibizelwe yona yeyokuba nifumane ilifa leentsikelelo.

2016 Matshi 29, Lwesibini

Ewe kambe, unqulo luyamtyebisa umntu ukuba uyaneliswa zezo zinto anazo.

2016 Matshi 28, Mvulo

NguNdikhoyo amandla am nekhaka lam;
ndithembele ngaye ngomxhelo wam wonke.
Ndoncedakala nditsho ndibe nemincili,
ndimbonge ngengoma.

2016 Matshi 27, Cawe

Isithunywa sathi kubafazi abo: “Sanukoyika nina. Ndiyazi ukuba nifuna uYesu obebethelelwe emnqamlezweni. Akakho apha. Uvukile, njengoko watshoyo. Yizani apha, niyibone indawo awayekuyo.”

2016 Matshi 26, Mgqibelo

Kanti ngenene buthwelwe nguye ubuthathaka bethu,
inkxwaleko yethu yâsemagxeni akhe.
Ngenene thina besiba ubandezelekile,
sisithi uyabethwa nguThixo.

2016 Matshi 25, Lwesihlanu

Akuba eyimfimfithile iwayini uYesu wathi: “Kugqityiwe.”
Wee qubudu intloko, waphuma umphefumlo.

2016 Matshi 24, Lwesine

Xa ufuna ukuviwa ngabo basemagunyeni
phatha umngena-ndlwini xa uya kubo.

2016 Matshi 23, Lwesithathu

Ndiphetha ngelithi: Velanani, nibe moya mnye. Thandanani, nenzelane ububele, nilulamelane.

2016 Matshi 22, Lwesibini

Inkqu yothando siyibona kule nto yokuba uKrestu anikele ubomi bakhe ngenxa yethu. Ngokunjalo ke nathi sifanele ukuba sibunikele ubomi bethu ngenxa yamawethu.

2016 Matshi 21, Mvulo

Banoyolo abo bayithobelayo imfundiso kaNdikhoyo,
abayilulamelayo ngomxhelo wabo wonke.

2016 Matshi 20, Cawe

Ndinixelele ezi zinto ukuze nibe noxolo, kuba nimanyene nam. Ehlabathini niya kubandezeleka; kodwa musani ukuxhalaba, kuba mna ndiloyisile ihlabathi.

2016 Matshi 19, Mgqibelo

Mhlobo oyintanda, ndithandazela ukuba konke kube hele, kube chosi kuwe, nanjengoko ndisazi ukuba kunjalo nasemphefumlweni wakho.

2016 Matshi 18, Lwesihlanu

Awu, Thixo, ndiyatarhuzisa!
Ngenxa yezibele zothando lwakho,
nobubanzi benceba yakho, nceda uzicime iziphoso zam!
Ndihlambe ndahlukane nabo bonke ububi;
ndenze ndibe nyulu, ndingabi nasono!

2016 Matshi 17, Lwesine

Lufuneni kuNdikhoyo uncedo;
mfunen' aph' akhoyo ngawo onke amaxesha.

2016 Matshi 16, Lwesithathu

Nantoni na ke eniyenzayo, nokuba niyathetha, nokuba niyenza, yenzeleni egameni leNkosi uYesu, nibulela uThixo uYise ngayo.

2016 Matshi 15, Lwesibini

Hee! Ngani ukuba ndidakumbe kangaka?
Ngani ukuba ndikhathazeke kangaka?
Hayi bo! Mandikholose ngoThixo,
khon' ukuze ndibuyele ekumdumiseni uMsindisi noThixo wam.

2016 Matshi 14, Mvulo

Ke ukuba kukho bani uswele ubulumko, makabucele kuThixo. UThixo onobubele nesisa kubo bonke abantu, womnika.

2016 Matshi 13, Cawe

Wathi kubo: “Kungenxa yokulambatha kokholo lwenu. Ndithi kuni, inene, ukuba beninokholo olungangokhozo lwemostade, beninokuthi kule ntaba: ‘Suka apha, uye phaya,’ ize iye, kungabikho nto ininqabelayo.”

2016 Matshi 12, Mgqibelo

Mbonge uNdikhoyo, moya wam!
Mandimbonge uNdikhoyo ngomxhelo wam wonke!

2016 Matshi 11, Lwesihlanu

Makungabikho namnye uzikhohlisayo. Ukuba ubani kuni uba usisilumko kweli hlabathi, makabe “sisidenge” ukuze abe sisilumko ngenene.

2016 Matshi 10, Lwesine

Ke ukuba kubi emehlweni enu ukumkhonza uNdikhoyo, khethani ngoku, ukuba nokhonza bani na nina, phakathi koothixo baseMesopotami booyihlo noothixo bama-Amori enimi kumhlaba wawo. Kodwa mna kunye nomzi wam, siya kukhonza uNdikhoyo.

2016 Matshi 9, Lwesithathu

Yonke into ayithethayo uThixo ithembekile;
ulikhaka kwabazimela ngaye.

2016 Matshi 8, Lwesibini

Sonke isibhalo sinefuthe loMoya kaThixo. Siyanceda ekufundiseni inyaniso nokuchitha imposiso. Siyanceda ukulungisa isimilo, sinike ingqeqesho; ukuze lowo uzinikele kuThixo abe namandla okuwuphumeza nawuphi na umsebenzi omhle.

2016 Matshi 7, Mvulo

Ngamana yanithundeza iNkosi, nimthande uThixo, nibe nenyameko efuze ekaKrestu.

2016 Matshi 6, Cawe

Wena Thixo, unguThixo wam, ndithe swi nguwe.
Umphefumlo wam uyakulangazelela.
Ndihlala ndizula-zula ndikufuna;
ndinxanele wena oku komhlaba obharhileyo.

2016 Matshi 5, Mgqibelo

Musani ukuhombela ukubukwa ngokuluka iinwele, nitsho ngezacholo zegolide nempahla engayiwayo. Isihombo senu masibe sesangaphakathi, esingagugiyo. Umoya omhle wobulali yinto ayixabisileyo uThixo.

2016 Matshi 3, Lwesine

Ewe, konke okushukumayo makudume kubonge uNdikhoyo!
Masidanduluke sonke sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”

2016 Matshi 2, Lwesithathu

Ke wena, xa uthandazayo, ngena egumbini lakho, uluvale ucango, uthandaze kuYihlo ongabonwayo. Ke uYihlo, yena obona okwenzeka emfihlekweni, wokuvuza.

2016 Matshi 1, Lwesibini

Kodwa ke into esingayiboniyo, esithembe ukuyifumana, siyilindela ngomonde.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Usindiso lufumaneka ngaye kuphela, kuba akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Umntu ozigwagwisayo uyakhawuleza ukuhlazeka;
kambe ke kona ukuzithoba kuhamba nobulumko.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela