DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Februwari 2016)

2016 Februwari 29, Mvulo

Ndokwazisa indlela omawuhambe ngayo,
utsho uNdikhoyo,
ndikufundise, ndikujonge.

2016 Februwari 28, Cawe

Kodwa bonke abâmamkeláyo, bezinikele kuye ngokupheleleyo, wabanika igunya lokuba ngabantwana bakaThixo.

2016 Februwari 27, Mgqibelo

Waza uYesu wathi: “ ‘Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela.’”

2016 Februwari 26, Lwesihlanu

Kambe ke, wena Ndikhoyo, ulikhaka lam.
Usisidima sam; undenza ndibe neqhayiya.

2016 Februwari 25, Lwesine

Ngokholo nkqu noSara owayengazali, naxa wayeselegugile nje, wafumana amandla, wakhawula, kuba wathemba ukuba uThixo lo uthembisileyo wosigcina isithembiso sakhe.

2016 Februwari 24, Lwesithathu

Umntu onesidima uyasicezela isiphithi-phithi;
kanti ke sona isiyatha siyathanda ukuphemba uqhushululu.

2016 Februwari 23, Lwesibini

Imfundiso yakho lilifa lam nanini na;
ewe, iluyolo entliziyweni.

2016 Februwari 22, Mvulo

Kaloku zonke izinto ziphuma kuyo iNkosi, zikho ngayo, zikholo yona. Mayidunyiswe ke iNkosi kude kube ngunaphakade! Amen.

2016 Februwari 21, Cawe

Ngaba ndivakala ngathi ndifuna abantu babe ngakwicala lam na? Hayi, nguThixo kuphela endifuna abe ngakum. Niba ngaba ndizicengezela ebantwini? Ukuba bendizicengezela ebantwini, ngendingesiso isicaka sikaKrestu.

2016 Februwari 20, Mgqibelo

Umntu ozigwagwisayo uyakhawuleza ukuhlazeka;
kambe ke kona ukuzithoba kuhamba nobulumko.

2016 Februwari 19, Lwesihlanu

Ikho indawo kowethu. Ukuba bekungenjalo ngendingàtsho ukuthi ndiya kunilungiselela indawo.

2016 Februwari 18, Lwesine

Masithi nca kwisivumo seli themba sinalo; kaloku unyanisekile lowo usithembisileyo.

2016 Februwari 17, Lwesithathu

Ndazibika kuNdikhoyo waza wandiva,
wandikhulula kuko konke ukoyika kwam.

2016 Februwari 16, Lwesibini

Phaphani ngoko, kuba ningàwazi umhla wokufika kweNkosi yenu.

2016 Februwari 15, Mvulo

Basikeleleni abanitshutshisayo; sikelelani, ningaqalekisi.

2016 Februwari 14, Cawe

Ngoko ke nathi ngokwethu siyalwazi, saye sikholosa ngalo uthando aluthululele kuthi uThixo.
UThixo uluthando, yaye nabani na ohlala eluthandweni uhlala emanyene noThixo, noThixo uhlala emanyene naye.

2016 Februwari 13, Mgqibelo

Wamdala ke uThixo umntu. Wamenza wangumfuziselo wakhe. Wadala umntu oyindoda kwakunye nomntu obhinqileyo.

2016 Februwari 12, Lwesihlanu

Ngenxa yoko ndithi kuni, zonke izinto enizicela nithandaza, kholwani ukuba senizinikiwe; nozifumana ke.

2016 Februwari 11, Lwesine

Kambe ke ndiyazi ukuba umkhululi wam ukho;
ekugqibeleni iya kuba nguye otshatshelayo ehlabathini.

2016 Februwari 10, Lwesithathu

Nantsi ke into endithetha yona kuni: Ukuba nikhokelwa nguMoya kaThixo, aniyi kuzenza izinto ezinqwenelwa sisimo esidala.

2016 Februwari 9, Lwesibini

Mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu; yenzani ngokwemimiselo yam, niyithobele imithetho yam ngononelelo. Yigcineni iyodwa iMila yam yokuPhumla, ukuze ibe ngumqondiso phakathi kwam nani. Kwakuba njalo niya kwazi ukuba mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu.

2016 Februwari 8, Mvulo

Umntu oyifihlayo intiyo lixoki;
ke yena osasaza iindaba zolwimi sisiyatha.

2016 Februwari 7, Cawe

Musani ukoyika, mhlambi omncinane, kuba kukholekile kuYihlo ukunamkelela kulawulo lwakhe olutsha.

2016 Februwari 6, Mgqibelo

Waza ke uThixo wathi: “Masenze umntu abe ngumfuziselo wethu, afane nathi. Makabe negunya, alawule iintlanzi elwandle, iintaka ezibhabha esibhakabhakeni, iinkomo, nazo zonke izilo nezinambuzane elizweni.”

2016 Februwari 5, Lwesihlanu

Ikratshi liphembelela ingxabano;
ke bona ubulumko buzuzwa ngabo bamkela iingcebiso.

2016 Februwari 4, Lwesine

Lunje ke olu thando: Ayisithi esamthandayo uThixo, koko nguye owasithandayo, wasinika uNyana wakhe, ukuze acamagushele izono zethu.

2016 Februwari 3, Lwesithathu

Kolu gqatso lokholo yenza konke okusemandleni ukuze ubufumane ubomi obungonaphakade. Ewe, kaloku wabizelwa yona le njongo, ngokuya wawusenza isivumo sokholo phambi kwamangqina amaninzi.

2016 Februwari 2, Lwesibini

Kodwa ndithembe uthando lwakho olungajikiyo;
ndochulumacha kuba uyandihlangula.
Ndombonga uNdikhoyo, kuba endiphethe ngobubele.

2016 Februwari 1, Mvulo

Kuba othe wafuna ukusindisa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo, kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, wobusindisa.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Balumkeleni abashumayeli abaxokayo, abo beza kuni bezifanisa neegusha, kanti ngaphakathi baziingcuka eziqwengayo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Hee! Ngani ukuba ndidakumbe kangaka?
Ngani ukuba ndikhathazeke kangaka?
Hayi bo! Mandikholose ngoThixo,
khon' ukuze ndibuyele ekumdumiseni uMsindisi noThixo wam.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela