DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Epreli 2016)

2016 Epreli 30, Mgqibelo

Ndohlala ndimbonga uNdikhoyo;
andisayi kuyeka ukumdumisa.

2016 Epreli 29, Lwesihlanu

Intlungu yomntu imelwe kukukhathalelwa zizihlobo zakhe,
nditsho nokuba yena selekutyeshele ukumhlonela uSomandla.

2016 Epreli 28, Lwesine

Kodwa ke, emva kwezo mbandezelo zomzuzwana, uThixo umthombo wesisa owanibizayo ngokumanywa kwenu noKrestu, khon' ukuze nibe nenxaxheba kubuqaqawuli bakhe obungapheliyo, uya kunihlaziya anomeleze, anixhobise, nime ngxishi.

2016 Epreli 27, Lwesithathu

Ndikhoyo, ndiyazibika kuwe;
ndikhala kuwe ndibindekile.
Awu, Nkosi, ndive ndiyakuthandaza,
usiphulaphule isikhungo sam.

2016 Epreli 26, Lwesibini

Nayiphi na into eniyenzayo yenzeni ngomxhelo ngokungathi niyenzela iNkosi, aniyenzeli bantu. Ze nikhumbule ukuba iNkosi iya kunivuza ngelifa eligcinele abantu bayo. Kaloku uKrestu yeyona Nkosi nikhonza yona.

2016 Epreli 25, Mvulo

Bantundini abangathembekanga, anazi kakade ukuba ngokuhlobana neli hlabathi nizenza iintshaba zikaThixo? Ewe, nabani na okhetha ukuvana neli hlabathi ulutshaba lukaThixo.

2016 Epreli 24, Cawe

Umntu ondwebileyo uthi akuyibona ayicezele ingozi,
kanti ke yena ongaqiqiyo uphoseka kuyo enzakale.

2016 Epreli 23, Mgqibelo

Ihlabathi nazo zonke izinto ezinqwenelwa ngabantu zezomzuzwana, ziyadlula, kodwa yena owenza ukuthanda kukaThixo uya kuhlala ehleli.

2016 Epreli 22, Lwesihlanu

Uthando malungabi naluhanahaniso. Yithiyeni inkohlakalo; bambelelani kokulungileyo.

2016 Epreli 21, Lwesine

Lowo uhleli ekhuselwe nguPhezukonke,
uhlala esemthunzini kaSomandla.
Yena uya kuthi: “Ndikhoyo, ungumkhuseli wam;
uyinqaba yam, wena Thixo, ndiya kuthembela kuwe.”

2016 Epreli 20, Lwesithathu

Waza wathi kuye uYesu: “Ndim uvuko; ndim ubomi. Lowo ukholwayo kum wodla ubomi nokuba ebefile. Wonke odla ubomi ekholwa kum, soze afe naphakade. Ke wena ngaba uyakholwa koku?”

2016 Epreli 19, Lwesibini

Musani ukugweba; nani ke aniyi kugwetywa nguThixo. Musani ukugxeka; nani ke aniyi kugxekwa nguThixo. Xolelani; nani ke niya kuxolelwa nguThixo.

2016 Epreli 18, Mvulo

Iingxaki zakho ziphose kuNdikhoyo;
yena uya kukuxhasa, akayi kuze aliyekele ilungisa.

2016 Epreli 17, Cawe

Kaloku, kwanjengokuba sinamalungu amaninzi mzimbeni mnye, abe ke onke amalungu la engenamsebenzi mnye, ngokunjalo thina aba, sibaninzi nje, simzimba mnye ngokumanywa noKrestu. Sonke ke ngabanye singamalungu omnye elomnye.

2016 Epreli 16, Mgqibelo

Xa nizila ukutya, ze ningabi njengabo bazenzisayo, abazifanisa nabahluphekileyo. Kaloku babenza bubi ubuso babo, ukuze babonwe ngabantu ukuba bazilile. Inene, sebewufumene umvuzo wabo.

2016 Epreli 15, Lwesihlanu

InguNdikhoyo nje ondalusayo,
ndingaswela ntoni na?
Nguye ondikhaphelela kumadlelo aluhlaza,
andikhokelele kwimilambo empompozayo.

2016 Epreli 14, Lwesine

Bahlobo bam, singabantwana bakaThixo ngoku, kodwa ke into esiya kuba yiyo ayikacaci. Siyazi kambe ukuba akufika uKrestu siya kufana naye, kuba soba simbona njengoko anjalo. Wonke umntu oneli themba kuKrestu uzenza nyulu kanye njengokuba noKrestu enyulu.

2016 Epreli 13, Lwesithathu

Ndithi sanukuzikrazula izinxibo,
koko zisoleni kukrazuk' iintliziyo.
Buyelani kuNdikhoyo uThixo wenu;
kaloku yena unesisa kwanemfobe,
uza kade umsindo,
yimvuze-mvuze ngobubele;
ewe, unebuyambo, akananqala.

2016 Epreli 12, Lwesibini

Makahlukane nobubi, enze okulungileyo;
makaphuthume uxolo, ahlale kulo.

2016 Epreli 11, Mvulo

Kodwa kum ukuphila akubalulekanga ngaphezu kokuba ndilufeze ubizo lwam, ndiwugqibe umsebenzi endawunikwa yiNkosi wokuvakalisa iindaba ezimnandi zesisa sikaThixo.

2016 Epreli 10, Cawe

Khaniye kufunisisa okokuba ithetha ukuthini na le ndawo eziBhalweni ithi: ‘Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo.’ Ke mna andizanga kubiza malungisa, ndize kubiza aboni.

2016 Epreli 9, Mgqibelo

Umnyangi wabantliziyo zenzakeleyo,
ewe, umbophi wamanxeba abo.

2016 Epreli 8, Lwesihlanu

Zingisani ukuthandaza, niphaphile, ninombulelo kuThixo.

2016 Epreli 7, Lwesine

Kude kube ngoku anikaceli nto ngegama lam. Celani ke; niya kuphiwa, luze uvuyo lwenu lugqibelele.

2016 Epreli 6, Lwesithathu

Ukuhlonela uNdikhoyo kufundisa ubulumko;
indlela eya ewongeni yintobeko.

2016 Epreli 5, Lwesibini

Andinazintloni ngazo iindaba ezimnandi zikaKrestu. Zingamandla kaThixo okusindisa bonke abakholwayo, umJuda kuqala, kwanowolunye uhlanga ngokunjalo.

2016 Epreli 4, Mvulo

Zihlobo zam ezithandekayo, masithandane; kuba kaloku uthando luvela kuThixo. Nawuphi na umntu onalo uthando uzelwe nguThixo, futhi uyamazi uThixo.

2016 Epreli 3, Cawe

Kanti ke nesiyatha sicingelwa ukuba sisilumko ukuba asithandi kuthetha;
kaloku umntu othuleyo ubalelwa ukuba yingqondi.

2016 Epreli 2, Mgqibelo

Musa ukoyiswa bububi; boyise ububi ngokulungisa.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela