2026 Epreli 21, Lwesibini
Banoyolo abo balambela banxanelwe ubulungisa, kuba baya kwaneliswa nguThixo bona!2026 Epreli 20, Mvulo
Ke ukuba ulithobele ilizwi likaNdikhoyo uThixo wakho, wayenza ngononophelo imiyalelo endikunika yona namhlanje, uNdikhoyo uya kukuphakamisa kunazo zonke izizwe zehlabathi.2026 Epreli 19, Cawe
Síthini na ke ngoko? Sóne na, kuba singekho phantsi kwawo umthetho, siphantsi kobabalo? Nakanye!2026 Epreli 18, Mgqibelo
Khawukhangele ukubukeka nomkhithawokuhlala kwezalamane ngemvano!
2026 Epreli 17, Lwesihlanu
Bahlonele abahlolokazi; ndithetha abahlolokazi ngenene.2026 Epreli 16, Lwesine
Nabani na ozigqatsayo kukhuphiswano uba phantsi kwengqeqesho engqongqo. Le nto uyayinyamezela khon' ukuze afumane isithsaba esibunayo. Kodwa thina siyenza siza kuzuza isithsaba esingagugiyo.2026 Epreli 15, Lwesithathu
Umntu uzilahlela kuloo nto ayinqwenelayo;phofu akunani kwaukuba lihlwempu kunokuba lixoki.
2026 Epreli 14, Lwesibini
Ngamathuba obumnandi yonwaba;ngemihla yobubi qonda kakuhle ukuba kwale njengaleya yenziwe nguThixo.
Ngoko ke akukho mntu uyaziyo into eza kwenzeka kamva.
2026 Epreli 13, Mvulo
Kaloku zange size nanto ehlabathini; ngoko ke siya kumka singaphathanga nto. Kambe ke, ukuba sinako ukutya nempahla yokunxiba masaneliswe.2026 Epreli 12, Cawe
Umzimba nentliziyo zingade ziphelelwe,wona amandla am nguThixo, ulibango lam naphakade.
2026 Epreli 11, Mgqibelo
Ninoyolo nina xa bathe abantu baningcikiva ngenxa yam, benitshutshisa, bethetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka.2026 Epreli 10, Lwesihlanu
Iintakana ezincinci azithengiswa zibe ntlanu na ngeesenti ezimbini? Kanti akukho nanye kuzo elityelweyo nguThixo. Kwaneenwele ezi zeentloko zenu zibaliwe zonke. Ke musani ukoyika: nixabisekile kuneentakana ezininzi nina.2026 Epreli 9, Lwesine
Akunani kwaintwana engephi oyizuze ngendlela elungileyokunentabalala yengeniso oyifumene ngondlela-mnyama.
2026 Epreli 8, Lwesithathu
Ewe, ezi mbandezelo zexeshana, zincinane zinjalo, zisilungiselela iwonga laphakade, elingenakulinganiswa nazo.2026 Epreli 7, Lwesibini
Ngoko ke yigqaleni indlela eniziphatha ngayo. Yibani ngabantu abanengqondo; musani ukuba ziziyatha. Eli thuba ninalo lisebenziseni kakuhle, kuba akho amaxesha amabi.2026 Epreli 6, Mvulo
Akwambathise ngamaphiko akhe, akufihle ekhusini lakhe,kube likhaka nekhuselo lakho ukuthembeka kwakhe.
2026 Epreli 4, Mgqibelo
Ke uThixo, imbangi yoxolo, uya kumnyhasha kamsinya uSathana phantsi kweenyawo zenu.Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Krestu malube nani.
2026 Epreli 3, Lwesihlanu
Akuba eyimfimfithile iwayini uYesu wathi: “Kugqityiwe.”Wee qubudu intloko, waphuma umphefumlo.
2026 Epreli 2, Lwesine
Kanti ngenene buthwelwe nguye ubuthathaka bethu,inkxwaleko yethu yâsemagxeni akhe.
Ngenene thina besiba ubandezelekile,
sisithi uyabethwa nguThixo.
2026 Epreli 1, Lwesithathu
Nangona wayengenasono uKrestu, kodwa ngenxa yethu, uThixo wamenza wanenxaxheba kwisono sethu, ukuze thina sithi ngokumanywa naye sibe nenxaxheba ebulungiseni bukaThixo.Izihloko ezinxulumeneyo
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ithemba
“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Usapho
Le miyalelo ndikunika yona...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Banoyolo abo balambela banxanelwe ubulungisa, kuba baya kwaneliswa nguThixo bona!Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Kholosa ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho wonke,ungaze ungqiyame ngezakho iimbono.
Mkhumbule uNdikhoyo kuyo yonke ihambo yakho,
waye ke yena eya kukukhokela kuzo zonke iindlela zakho.Ivesi elandelayo!