DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Matshi 2026

2026 Matshi 31, Lwesibini

Kuba kaloku noNyana woLuntu akezanga kukhonzwa, weza kukhonza, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.

2026 Matshi 30, Mvulo

Kambe ke wena, Nkosi,
unguThixo onenceba nesisa.
Wena ucaphuka kade,
uphuphuma uthando nokunyaniseka.

2026 Matshi 29, Cawe

Izihlwele ezazihamba phambi koYesu nezazimlandela zazidanduluka zisithi: “Camagu! Nyana kaDavide! Makabongwe lo uzayo egameni leNkosi! Sithi: ‘Bayethe!’ kuPhezukonke!”

2026 Matshi 28, Mgqibelo

Kuba kaloku uThixo akamthumanga uNyana wakhe ehlabathini ukuze aligwebe, koko wamthuma ukuze abe nguMsindisi walo.

2026 Matshi 27, Lwesihlanu

Mhlobo oyintanda, ndithandazela ukuba konke kube hele, kube chosi kuwe, nanjengoko ndisazi ukuba kunjalo nasemphefumlweni wakho.

2026 Matshi 26, Lwesine

Okuzuzwa ngumntu okhohlakeleyo ngenkohliso kuyaphela,
phofu ke ohlala esenza okulungileyo ufumana umvuzo oqinisekileyo.

2026 Matshi 25, Lwesithathu

Waza uYesu wawaphendula wathi: “Le mfundiso ndiyifundisayo asiyoyam, koko ivela kulowo undithumileyo.”

2026 Matshi 24, Lwesibini

Kambe intshutshiso yomfikela nawuphi na umKrestu ofuna ukuhlala esoyika iNkosi.

2026 Matshi 23, Mvulo

Lufuneni kuNdikhoyo uncedo;
mfuneni aph' akhoyo ngawo onke amaxesha.

2026 Matshi 22, Cawe

Kaloku ezo zinto zinxamnye nezifunwa nguMoya, ukanti nezifunwa nguMoya zinxamnye nezinqwenelwa sisimo esidala. Zizombini zichasene ngohlobo lokuba ningabi nako ukuzenza izinto enisukuba nifuna ukuzenza.

2026 Matshi 21, Mgqibelo

Umntu oyinyolukeleyo imali soze imanelise;
kanti ke noxhinele ubutyebi akaze aneliswe yingeniso yakhe.
Nale ke into ngamampunge.

2026 Matshi 20, Lwesihlanu

Kubhetele ukuba lihlwempu elihlonela uNdikhoyo
kunokuba sisinhanha esiphethwe ngamaxhala.

2026 Matshi 19, Lwesine

Musani ukubuxhalela ubomi benu, nisithi notya ntoni na; ningawuxhaleli nomzimba wenu, nisithi nonxiba ntoni na. Ubomi bungaphezulu kunokutya, nomzimba ungaphezulu kunesinxibo.

2026 Matshi 18, Lwesithathu

Asinini enanyula mna, ndim owaninyulayo nina. Ndanimisela okokuba niqhubele phambili, nivelise iziqhamo ezihlala zikho. Ke ngoko uBawo uya kuninika konke enithi nikucele egameni lam.

2026 Matshi 17, Lwesibini

Awu, Thixo, ndiyatarhuzisa!
Ngenxa yezibele zothando lwakho,
nobubanzi benceba yakho, nceda uzicime iziphoso zam!
Ndihlambe ndahlukane nabo bonke ububi;
ndenze ndibe nyulu, ndingabi nasono!

2026 Matshi 16, Mvulo

Ukuba nifuna ukwamkeleka kuThixo ngokuthobela umthetho, nizahlukanisile noKrestu; ningaphandle kwesisa sikaThixo.

2026 Matshi 15, Cawe

Wathi akuthanda uThixo wasizala ngokutsha ngelizwi lenyaniso, saza ke saba lulibo lwayo yonke indalo yakhe.

2026 Matshi 14, Mgqibelo

Amandla akhe amtsho angafikeleleki;
usulungekile, ebalasele ngobulungisa;
akukho bani amcinezelayo.

2026 Matshi 13, Lwesihlanu

Kaloku udaba lokufa kukaKrestu emnqamlezweni okunene lububudenge kwabatshabalalayo, kodwa kuthi, thina basindiswayo, lungamandla kaThixo.

2026 Matshi 12, Lwesine

Kaloku wonke umntwana kaThixo uyaloyisa eli hlabathi. Ke kaloku ihlabathi siloyisa ngokukholosa ngoThixo.

2026 Matshi 11, Lwesithathu

Yibongeni iNkosi!
Mihla le iyasazelelela, uThixo ngumsindisi wethu.

2026 Matshi 10, Lwesibini

Umntu ongazikhathaleleyo izizalwane zakhe, ingakumbi ezihlala naye, selelulahlile ukholo, ungcole ngaphezu kwabangakholwayo.

2026 Matshi 9, Mvulo

Kungcono abasebenzi babe babini kunokuba abe mnye, kuba baba nengeniso eyiyo ngomsebenzi wabo.

2026 Matshi 8, Cawe

Impendulo ethambileyo iyawuthibaza umsindo,
kanti ke wona amazwi akrwempayo ahlobisa igazi.

2026 Matshi 7, Mgqibelo

Kuba apho bathe bahlangana khona egameni lam ababini nokuba ngabathathu, nam ndikho phakathi kwabo.

2026 Matshi 6, Lwesihlanu

Kaloku, kwanjengokuba sinamalungu amaninzi mzimbeni mnye, abe ke onke amalungu la engenamsebenzi mnye, ngokunjalo thina aba, sibaninzi nje, simzimba mnye ngokumanywa noKrestu. Sonke ke ngabanye singamalungu omnye elomnye.

2026 Matshi 5, Lwesine

Ndikhoyo, uyabathamsanqela abakuthobelayo,
ubafukamele ngobubele ngathi bagqunywe ngekhaka.

2026 Matshi 4, Lwesithathu

Yini na ukuba usibone isibi esiselisweni lowenu, kanti wona umqadi okwelakho iliso akuwuboni?

2026 Matshi 3, Lwesibini

Ngoko ke yitshitshiseni iphele kuni imikhwa yeli hlabathi: ukurheletya, ukungcola, ukutshiseka, iinkanuko, nokunyoluka okukwalunqulo-zithixo.

2026 Matshi 2, Mvulo

Nangoku wobuya uvelane nathi,
izono zethu uzinyathele ngeenyawo,
uzilahle lee iziphoso zethu,
uzintywilisele enzulwini yolwandle.

2026 Matshi 1, Cawe

Ndiniwisela umthetho omtsha, ndithi: Thandanani! Njengoko ndinithandileyo mna, nani thandanani kanye ngolo hlobo.