2013 Julayi 31, Lwesithathu
Ukuba ke uthe wanqula mna Ndikhoyo uThixo wakho, ndiya kukuthamsanqela ngokutya namanzi, ndikutshayele ukufa kungabikho phakathi kwenu.2013 Julayi 30, Lwesibini
Ndibonise indlela yakho, Ndikhoyo;ndifundise iindlela zakho.
2013 Julayi 29, Mvulo
Nakuba ubume bakhe babunguThixo ngenkqu,ukulingana noThixo akakubawelanga
kangangokude afune ukusunduzana naye.
Ndaweni yaloo nto waziqongqotha ubuyena,
wathatha isimo sesicaka,
waba ngumntu ncakasana.
Engumntu ebantwini,
wazambesa intobeko,
ntobeko leyo yamsa ekufeni –
ukufa kwasemnqamlezweni.
2013 Julayi 28, Cawe
Ndiyambongoza ukuba ngobubele bakhe uSosidima anomeleze imo yenu entsha ngoMoya wakhe, khon' ukuze ngokholo uKrestu ahlale ngaphakathi kuni. Nanga ningasekelwa eluthandweni nendele.2013 Julayi 27, Mgqibelo
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek' umoya;ewe, uya kukwalusa ungachukunyiswa nto.
Ngenene, uNdikhoyo uya kukwalusa,
xa uhambayo naxa ubuyayo,
kuqalela ngoku kude kube nini-nini.
2013 Julayi 26, Lwesihlanu
Ngenani ngesango elimxinwa, kungabi ngelibanzi, kuba abangena ngesango elibanzi, bahambe ngendlela ephangaleleyo, basinga entshabalalweni; yaye baninzi abenjenjalo. Ke abangena ngesango elimxinwa, bahambe ngendlela ecutheneyo, basinga ebomini; yaye bambalwa abenjenjalo.2013 Julayi 25, Lwesine
Kambe ke bona abakholosa ngoNdikhoyobosuka bahlaziyeke bomelele.
Bosuka bantinge baxel' ukhozi;
noba sebebaleka, soze badinwe;
ewe, baya kuhamba bangaze batyhafe.
2013 Julayi 24, Lwesithathu
Nina madoda, bathandeni abafazi benu, kanye ngale ndlela alithande ngayo uKrestu ibandla, waza wanikela ngobomi bakhe ngenxa yalo. Le nto uyenze ukuze libe libango lakhe ibandla. Ulicocile walihlamba ngamanzi ngamandla elizwi lakhe.2013 Julayi 23, Lwesibini
Ke uNdikhoyo uya kuba ngukumkani wehlabathi jikelele. Ewe, ngaloo mini iya kuba nguNdikhoyo yedwa, igama lakhe libe kuphela kwagama elitshatsheleyo.2013 Julayi 22, Mvulo
Unebhongo umzali womntwana olilungisa;ewe, umntwana osisilumko uligugu kubazali bakhe.
2013 Julayi 21, Cawe
Culelani uThixo, nibong' igama lakhe.Ewe, mbongeni lowo ucand' emafini.
Igama lakhe nguNdikhoyo, vuyani ngenxa yakhe.
UThixo usendlwini yakhe engcwele.
Nguyise weenkedama, umthetheleli wabahlolokazi.
2013 Julayi 20, Mgqibelo
Kuba othe wafuna ukusindisa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo, kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, wobusindisa.2013 Julayi 19, Lwesihlanu
“Ikhona na indawo efihlakeleyo apho umntu angazimela khona ukuze ndingamboni?”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
“Asindim na lowo ukho ngokupheleleyo ezulwini nasemhlabeni?”
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
2013 Julayi 18, Lwesine
Wanga ke uThixo, osinika unyamezelo nenkuthazo, anganenza nibe moya mnye ngokwentando kaKrestu Yesu.2013 Julayi 17, Lwesithathu
Nyamezelanani, nixolelane. Ukuba omnye ukhalazela omnye xolelanani kwanjengokuba nayo iNkosi yanixolelayo.2013 Julayi 16, Lwesibini
Impendulo ethambileyo iyawuthibaza umsindo,kanti ke wona amazwi akrwempayo ahlobisa igazi.
2013 Julayi 15, Mvulo
Uthetha ngelizwi athi:“Phezani, ndim uThixo.
Ndizivelele izizwe;
nehlabathi ndilikrobele.”
2013 Julayi 14, Cawe
Nina ke, bazali, abantwana musani ukubaphatha gadalala, bade babe nenzondo, koko banikeni ingqeqesho nemiyalo yobuKrestu.2013 Julayi 13, Mgqibelo
Kuba kaloku komnceda ntoni umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, kodwa walahlekelwa bubomi bakhe?2013 Julayi 12, Lwesihlanu
Ithembekile yona kambe iNkosi. Yonikhusela inigcine kuhlaselo lwendoda enobuqhokolo.2013 Julayi 11, Lwesine
Nize ningabi nanqala mntwini. Mkhalimele umntu owonayo, hleze nawe ube netyala. Ze ningaziphindezeli mntwini, okanye nimbambe isixhiba, koko nina mthandeni ummelwane wenu, kanye ngale ndlela nizithanda ngayo. Kutsho mna Ndikhoyo.2013 Julayi 10, Lwesithathu
Kanti ke thina ikomkhulu lethu lisezulwini, apho silindele ngolangazelelo ukuba uya kuvela khona uMsindisi wethu, iNkosi uYesu Krestu.2013 Julayi 9, Lwesibini
Ukuba ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi yena uYihlo osezulwini ukugqithisela ukubapha uMoya oyiNgcwele abo bamcelayo?2013 Julayi 8, Mvulo
Ndibhenela kuwe, Thixo wam:khawundigoca-goce, undiphicothe, undiqondisise;
ndivavanye uziqonde iingcamango zam!
Ndiqwalasele, hleze ndithi kanti ndiphambukile;
undikhokelele kwindlela eyeyona-yona.
2013 Julayi 7, Cawe
Ke bona abahlwayeli boxolo abaseluxolweni bavuna ubulungisa.2013 Julayi 6, Mgqibelo
Kodwa ke bona ubulumko obuvela phezulu bumsulwa; bunolungelelwano, nobubele, buyazelelela. Bona bunovelwano, yaye buvelisa imisebenzi emihle; abunamkhethe naluhanahaniso.2013 Julayi 5, Lwesihlanu
Egameni leNkosi yethu uYesu Krestu ndiyanibongoza, mawethu, ukuba nivane, nithethe nto-nye, kungabikho zimbambano phakathi kwenu. Manyanani nibe luqilima, nimxhelo mnye, ninazimvo zinye.2013 Julayi 4, Lwesine
Ngoko ke sisondela singenaxhala kuThixo, sisazi ukuba uyasiphulaphula xa sicela silungele ukwenza loo nto athanda ukuba siyenze.2013 Julayi 3, Lwesithathu
Andithi na kaloku ndadalwa nguwe;nditsho mna kanye lo!
Ewe, wandixonxa wandilunga-lungisa kwandisekumama.
Ndikubonga ndikubulela ngenxa yomntu endinguye,
ngenxa yokumangalisa nokukhwankqisa kwento endiyiyo.
Ewe, iyakhamnqisa kambe imisebenzi yakho.
Leyo ke into ndiyiqonde pheleleyo.
2013 Julayi 2, Lwesibini
Nina, mawethu, nibizelwe enkululekweni. Kodwa ke inkululeko yenu mayingabi lokroba lokuba nilawulwe sisimo esidala. Ndaweni yaloo nto khonzanani niqhutywa luthando.2013 Julayi 1, Mvulo
Ngoko ke àbagwetywa abo bamanywe noKrestu Yesu. Kaloku ngokumanywa kwam noKrestu Yesu, uMoya umniki-bomi undikhulule ekulawulweni sisono nakukufa.Izihloko ezinxulumeneyo
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ithemba
“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Usapho
Le miyalelo ndikunika yona...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Umntu ongaqiqiyo akayikhathalele imfundiso kayise;kambe ke yena ozamkelayo iziluleko unengqondo.